Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IMBALASANE ZONYAKA ODLULEYO

Amagqabantshintshi—Iindaba Ezivela Ehlabathini Lonke

Amagqabantshintshi—Iindaba Ezivela Ehlabathini Lonke

Amapolisa Ancedisa Ekothuleni Izitena

EKutaisi, kwisixeko sesibini ngobukhulu kwiRiphabliki yaseGeorgia, iindibano zaziqhutyelwa kumzi-mveliso omdala olibhodlo kangangeminyaka eyi-13. Kwakuxhonywa iiplastiki phezulu ukuze abantu banganethwa. Ngoku abazalwana baneHolo yoBukumkani efanelekileyo nenokwandiswa ukuze kungenelwe kuyo iindibano. Ngoxa kwakusakhiwa, amavolontiya ayi-50 ayesothula izitena zesamente xa kwafika amapolisa eze kubona ukuba kwenzeka ntoni. Echukunyiswe luvuyo nokuzimisela kwabantu abasebenzayo, amapolisa ancoma aza ancedisa ekothuleni  izitena. Acela abazalwana ukuba awabize ukuba kukho nabani na owakhathazayo. Amapolisa athembisa ukuba aza kuya kwindibano yokuqala eza kuba kule Holo yeNdibano.

Wathengisa Ibhayisekile Yakhe

UMalachi, omnye umdala webandla waseBurundi, wayeziphilisa ngokulima nangokuthutha imithwalo ngebhayisekile yakhe. Ukuze axhase ulwakhiwo lweHolo yoBukumkani, uMalachi wagqiba ekubeni abe sesizeni yonke imihla. Ukuze akwazi ukukwenza oko, kwakufuneka abe nemali yokuxhasa intsapho yakhe ebudeni beenyanga ezimbini zolwakhiwo. Ngoko wathengisa ibhayisekile yakhe waza enye inxalenye yemali wayinika inkosikazi yakhe, ibe enye wanikela ngayo ukuze ulwakhiwo luqhubeke. Umphumo woku waba kukufumana uqeqesho oluhle kubakhi beeHolo zoBukumkani. Emva kokuba iHolo yoBukumkani igqityiwe, uMalachi wayekwazi ukufumana imisebenzi yokwakha kuba abantu babona umsebenzi wakhe omhle. UMalachi wakwazi nokuzithengela enye ibhayisekile!

Babefun’ Ukuncedisa

Ukwakha iiHolo zoBukumkani kwiindawo ezisemaphandleni zaseMalawi kuba neengxaki ezikhethekileyo. Ebudeni bonyaka wenkonzo odlulileyo, kwakhiwa enye iholo kwindawo eneendlela ezimbi. Abazalwana abasuka esebeni basa iimpahla zokwakha besebenzisa iimoto ezikwaziyo ukuhamba kwiindlela ezimbi. Abazalwana bathi abantu bengingqi yabo babenomdla kolu lwakhiwo. Kwancedisa nabantu abangengomaNgqina ngamanye amaxesha besebenza de kube sezinzulwini zobusuku, besothula isanti, amatye, iingxowa zesamente kunye namazinki okuxhoma. Bekukhe kubekho amaxesha  axa abantu abangengomaNgqina besiba baninzi kunamaNgqina asebenza kule Holo! Aba bangengomaNgqina bathanda indlela amaNgqina kaYehova asebenza ngayo ukuze akhe izakhiwo zokunqulela nakwiindawo ezisemaphandleni, ibe ngenxa yoko babefun’ ukuncedisa.

Abantwana Bathengisa Iilekese

Isibini esitshatileyo esingoovulindlela abakhethekileyo eCôte d’Ivoire, sifunda iBhayibhile ngesiBete nesinye isibini esinabantwana abayi-10. NgoMeyi 2013 indibano yokuqala yesiBete yayiza kuba kwidolophu eyiDaloa, ibe le ntsapho yonke yayifuna ukuya. Noko ke, imali yokuya nokubuya yi-R16.00 umntu omnye, kwaye utata wale ntsapho wayengenayo imali yokuyisa yonke. Ezimisele ukuya kule ndibano, wacinga icebo. Wanika intombi yakhe enkulu i-R6.00 waza wathi mayithengise iilekese. Yazithengisa ibe yenza imali eyaneleyo yokuya endibanweni. Lo tata wenza okufanayo kubo bonke abantwana bakhe, wanika ngamnye i-R6.00 yokuqalisa ishishini lokuthengisa iilekese, bade banayo bonke imali yokuya endibanweni. Ekugqibeleni, baya endibanweni behamba nabanye. Bakuvuyela kakhulu ukuva ucwangciso ngolwimi lwabo!