Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IMBALASANE ZONYAKA ODLULEYO

I-JW.ORG—“Bubungqina Kuzo Zonke Iintlanga”

I-JW.ORG—“Bubungqina Kuzo Zonke Iintlanga”

UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mat. 24:14) IWebhsayithi i-jw.org iluncedo ekufikeleleni “zonke iintlanga” kweli xesha lisaseleyo ngaphambi kokuba isiphelo sifike.

Esinye isibini esingabathunywa bevangeli kwiiSolomon Islands sasishumayela ngaselunxwemeni xa sadibana namadoda amane asele ekhulile. Esi sibini saphawula ukuba la madoda ayeneeselfowuni, ibe sawabuza enoba ayakwazi na ukusebenzisa i-Intanethi. La madoda  athi ayakwazi. Esi sibini sawabonisa i-jw.org, indlela yokufumana ulwimi lwabo, indlela yokukhuphela iimagazini neBhayibhile nendlela yokusebenzisa amacandelo entsapho nabantwana. Xa aba bathunywa bevangeli besentsimini bayakuvuyela ukubonisa abantwana ividiyo ethi, Thandaza Nanini Na. Emva kokuba elinye iqela labantwana lonwabele ukubukela le vidiyo, labaleka laya kumahlathi ashinyeneyo licula amazwi ale ngoma athi: “Anytime, anywhere, I can pray . . . ”

EUlaanbaatar, eMongolia

Ezi leta zilandelayo zezimbalwa kwezininzi ezibonisa uxabiso ngewebhsayithi neziye zafunyanwa likomkhulu lethu eNew York:

“Mna nomyeni wam safudukela eMexico, ibe sifunda iSpanish ukuze sikwazi ukushumayela kubantu bonke esidibana nabo. Sihlandlo ngasinye xa ndivula i-jw.org, ndiyambulela uYehova kuba indinceda ndiphulaphule ndize ndifunde. Ininzi into enayo—iimagazini, iincwadi, umculo needrama—ngeelwimi ezininzi. Ndiyanibulela ibe ndiyanithanda kuba nisebenza nzima.”—UD.H.,waseMexico.

“Andiboni, ibe ndiyithanda kakhulu iWebhsayithi yenu kuba zininzi izinto ezirekhodiweyo endiziphulaphulayo. Ndinibhalela ukuze ndinikhuthaze ukuba niqhubeke nirekhoda iincwadi kuba ndiyakwazi ukuziphulaphula ebudeni bemini.”—UK.G., waseUnited States.

“Ndiyayithanda i-jw.org! Kulula ukuyisebenzisa ibe iyandinceda ndikukhuthalele ukufundisisa nokuya entsimini. Ndina-72, sele ndineminyaka eyi-47 ndibhaptiziwe, ingaphezu kweyi-30 ndinguvulindlela,  ndinabantwana abayi-9 ababhaptiziweyo, abazukulwana abayi-16 nabantwana babazukulwana abathathu. Kwintsapho yethu sinezizukulwana ezine zoovulindlela abathe ngxi. Ndiyambulela uYehova ngokutya kokomoya okufika ngexesha elifanelekileyo.”—UM.T., waseUnited States.

“Njengokuba ndibhala le leta ixesha ngu-4 ekuseni. Ebusuku andinabuthongo kuba ndinengxaki yokuqinelwa yimithambo nezinye izigulo njengabanye abazalwana noodade wethu abasehlabathini lonke. UYehova uqhubeka esinyamekela ngokomoya, ibe ndiyambulela ngale Webhsayithi. Ndicinga lula xa ndibona imifanekiso, ibe le ikwiwebhsayithi iyandinceda. Ndiyabulela ngemifanekiso nangeevidiyo.”—UB.B., waseNew Zealand.

“Ndinibhalela ileta ukuze ndinibulele. Ndingugqirha kumaphandle aseSri Lanka, ibe apha andizifumani iimagazini ngolwimi lwam. Ndiyabulela ngeWebhsayithi yenu, ngoku ndiyakwazi ukukhuphela nokufunda izinto  ngolwimi lwam. IWebhsayithi yenu sesona sipho sikhulu uYehova asiphe abantu abafana nam.”—UN.F., waseSri Lanka.

“Le leta yeyokubulela ngomsebenzi wenu wokunceda abantu bafunde ngoYehova. Ndicela ningayeki ukufaka iividiyo ku-jw.org. Ezo vidiyo ziye zanceda mna nentsapho yasekhaya kwiingxaki zethu. Eyona vidiyo iye yandinceda yethi, Indlela Yokoyisa Umntu Okuntlontayo Ungakhange Umbethe. Kwakhona enkosi ngomsebenzi wenu.”—UY.S., ona-9, waseUnited States.

“Ndifuna ukubulela nina noYehova ngokutya kokomoya esinako. IWebhsayithi i-jw.org iye yandinceda kakhulu ngokukodwa icandelo elithi, ‘Abafikisayo.’ Kwakhona ndiyaluthanda ungcelele oluthi, Yiba Ngumhlobo KaYehova. Ndinoodade wethu abathathu abancinane ibe ndiyayibona indlela ebanceda ngayo le nkcazelo. Nakuba ndikude kuni, simanyaniswa kukuthanda uYehova. Enkosi.”—UA.B., wasePeru.