Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

Sasizimisele Ukukhonza UYehova

UPhilip Tengbeh

Sasizimisele Ukukhonza UYehova
  • WAZALWA Ngo-1966

  • WABHAPTIZWA Ngo-1997

  • INGXELO YOBOMI Yimbacu eyancedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani ezintlanu.

MNA NENKOSIKAZI yam uSatta, sabaleka amajoni avukel’ umbuso ngo-1991, njengoko ayesonakalisa idolophu yethu iKoindu, eSierra Leone. Ebudeni beminyaka esibhozo eyalandelayo, sahlala kwiinkampu zeembacu ezahlukeneyo. Kuzo sanyamezela ukunqongophala kokutya, izigulo kunye nendlela embi ababeziphethe ngayo abanye abasenkampini.

Kwinkampu nganye esasikuyo, sasicela abasemagunyeni ukuba basinike umhlaba wokwakha iHolo yoBukumkani. Ngamanye amaxesha sasiwufumana, kodwa ngamanye singawufumani. Sekunjalo, sasisoloko silungiselela indawo eziza kuqhutyelwa kuyo iintlanganiso. Sasizimisele ukukhonza uYehova. Kwezo nkampu, saphela sisakha iiHolo zoBukumkani ezine.

Ekupheleni kwemfazwe, sasingakwazi ukugoduka. Ngenxa yeemfazwe eziqhube kangangeminyaka, iKoindu yayisele ingamabhodlo. Ngoko sathunyelwa kwenye inkampu yeembacu kufuphi neBo. Ngenkxaso yemali esayifumana kwiofisi yesebe, sakha iHolo yoBukumkani yesihlanu.