Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

2002-2014 Ukuza Kuthi Ga Ngoku (Inxalenye 2)

2002-2014 Ukuza Kuthi Ga Ngoku (Inxalenye 2)

Ukunceda Abantu Abangevayo

Ngokutsho kolunye uhlolisiso, abantu abamalunga ne-3 000 ukuya kwi-5 000 eSierra Leone nabanye abaninzi eGuinea bazizithulu. Ekubeni intando kaYehova ikukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe,” baza “kuziva” njani iindaba ezilungileyo?—1 Tim. 2:4.

UMichelle Washington, umthunywa wevangeli oqeqeshwe eGiliyadi nowafika eSierra Leone ngo-1998, ubalisa athi: “Mna nomyen’ wam uKevin, sabelwa kwibandla elalinabantu abane abangevayo nababesiya ezintlanganisweni. Ekubeni ndiyazi iNtetho Yezandla yaseMerika, ndandifuna ukubanceda. Iofisi yesebe yandicela nditolike iintlanganiso neendibano ngeNtetho Yezandla laza lazisa amanye amabandla ngoku. Isebe laphinda lalungiselela iiklasi zokufundwa kwentetho yezandla ukuze abavakalisi bancede abantu abangevayo. Saqala ngokukhangela  abantu abangevayo ekuhlaleni saza sabaqhubela izifundo zeBhayibhile. Kuba bebona indlela esisebenza ngayo ukuze sincede abantu abangevayo, abaninzi basincoma. Kodwa ke, yayingenguye wonke umntu oyivuyelayo le siyenzayo. Omnye umfundisi oshumayela kubantu abangevayo wathi ‘singabaprofeti bobuxoki.’ Ibe walumkisa abantu neentsapho zabo ukuba bangasimameli. Abanye baxelelwa ukuba, ukuba bakhe basiphulaphula babengayi kuwufumana umxhesho wabo. Abantu abangevayo bakhawuleza bangamaqela amabini: elokuqala lalisiphulaphula, elinye lalingafuni nokusibona kwaye lixhasa lo mfundisi. Abanye kweli qela lokuqala, benza inkqubela bade babhaptizwa.”

Makhe sithethe ngoFemi, wazalwa engakwazi ukuva kwaye wayesenza izimbo zomzimba nje eziqhelekileyo xa efuna ukuthetha. Wayeziva engathandwa, engonwabanga, erhanela wonke umntu, ngokukodwa abantu abakwaziyo ukuthetha. Waqalisa ukufundelwa iBhayibhile ngabazalwana abakwiqela lentetho yezandla. Kungekudala, wayesiya rhoqo ezintlanganisweni kwaye efunda nentetho yezandla. UFemi wabhaptizwa ibe ngoku iyamvuyisa into yokushumayela kwabanye abangevayo.

UFemi (ekunene) ecula ingoma yoBukumkani

NgoJulayi 2010, iqela elithetha ngeNtetho Yezandla yaseMerika eFreetown lamiselwa njengebandla. Kukho namanye amaqela entetho yezandla eBo naseConakry.

Bahlwempuzekile Kodwa “Zizityebi Elukholweni”

IBhayibhile ibonisa ukuba uninzi lwamaKristu enkulungwane yokuqala ayehlwempuzekile. Umfundi uYakobi wabhala wathi: “UThixo wanyula amahlwempu eli hlabathi ukuba abe zizityebi elukholweni.” (Yak. 2:5) Ukuthembela kuYehova kuye kwanceda abavakalisi baseSierra Leone naseGuinea bahlale bethuthuzelekile kwaye benethemba.

 Ngenxa yokuba nokholo kuThixo, iintsapho ezininzi ezihlala emaphandleni zonga imali kangangeenyanga eziliqela ukuze zikwazi ukuya kwindibano yesithili. Abanye bayalima baze bathengise ukuze baxhase uhambo lwabo. Abantu abayi-20 ukuya kwi-30 bakhwela iitraka eziya endibanweni, bahamba ebushushwini, kuqhum’ uthuli kwiindlela ezinezigingqi, kuhambo oluthatha iiyure eziyi-20 nangaphezulu. Ezinye iindwendwe zazihamba imigama emide ngeenyawo. Omnye umzalwana uthi: “Iikhilomitha eziyi-80 zokuqala ukuya endibanweni sazihamba siphethe iibhanana ezininzi. Sazithengisa aph’ endleleni ezi bhanana, siziphungulela umthwalo nokuze sifumane imali yokukhwela itraka eza kusisa khona.”

Ukuhamba ngetraki ukuya kwindibano yesithili

 Ngenxa yokholo, abavakalisi abaninzi baye bakwazi ukuxhathisa umnqweno wokuya kuphila kumazwe afumileyo. UEmmanuel Patton, oqeqeshwe kwiSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga uthi: “Sithemba uYehova uza kusinyamekela. Ekubeni sihlala kwindawo enendingeko yabavakalisi boBukumkani, siyaqonda ukuba inkonzo yethu apha ixabisekile.” (Mat. 6:33) Ngoku uEmmanuel ngumdala webandla, yena nenkosikazi yakhe uEunice baxakekile enkonzweni kaYehova. Kwamanye amakhaya ootata bakhetha ukungafuduki baye kwezinye iindawo ukuze bakhusele umanyano lwentsapho nobuhlobo enabo noThixo. UTimothy Nyuma owayekade enguvulindlela okhethekileyo nomveleli obambelayo  uthi: “Ndiyawala umsebenzi ofuna ndibe kude nentsapho yam kangangexesha elide. Mna nenkosikazi yam uFlorence, sakhetha ukubafundisa apha ekuhlaleni abantwana, kunokuba sibathumele kude.”

Abanye abazalwana noodade balubonisa ukholo lwabo ngokuqhubeka nemisebenzi eyahlukeneyo yamaKristu phezu kwazo nje iingxaki abajongene nazo. UKevin Washington, ekuthethwe ngaye ngaphambidlana uthi: “Abavakalisi abaninzi baqhubeka beshumayela besenza nemisebenzi yebandla phezu kwazo nje iingxaki ezikhoyo. Abanye ngokomzekelo bayagula yaye abakwazi kukhawuleza bafumane nyango. Abanye benza unako-nako ukuze bakwazi ukufunda nokubhala. Ukuba ndithandabuza indlela umzalwana ayinikela ngayo intetho ndiye ndizibuze, ‘Ukuba bendisebenza isigxina, ndineengxaki zempilo, ndingaboni kakuhle, ndingenazo nezipeksi, ndingenayo ilayibrari yokuphanda, ndingenambane, ngaba bendiya kwenza ngokufanayo?’”

Ngezi ndlela, abazalwana noodade eSierra Leone naseGuinea bayamzukisa uYehova. NjengamaKristu enkulungwane yokuqala, bazincomela njengabalungiseleli bakaThixo ‘ngokunyamezela okukhulu, ngeembandezelo, ngokuswela, . . . njengamahlwempu kodwa sisenza abaninzi babe zizityebi, njengabangenanto ukanti sinezinto zonke.’—2 Kor. 6:4, 10.

Ukuba Nethemba Ngekamva

Kwiminyaka eyi-90 eyadlulayo, uAlfred Joseph noLeonard Blackman bathi intsimi yaseSierra Leone ‘imhlophe ukuze kuvunwe.’ (Yoh 4:35) Kwiminyaka emalunga neyi-35 emva koko, uManuel Diogo wabhala oku eseGuinea, “Baninzi abantu abanomdla apha.” Sithethanje abakhonzi bakaYehova balapho basakholelwa ukuba basebaninzi abantu abaza kuzamkela iindaba ezilungileyo.

 Ngo-2012 abantu abaye kwiSikhumbuzo eGuinea babeyi-3 479, inani eliliphindaphinda kangangezihlandlo ezingaphezu kwezine elo labavakalisi balapho. Abavakalisi abayi-2 030 baseSierra Leone bebephahlwe ngabantu abayi-7 854 kwiSikhumbuzo sabo, inani eliliphindaphinda izihlandlo eziphantse zibe zine elo labavakalisi balapho. Omnye umakad’ enetha ebekho kweso Sikhumbuzo, nguWinifred Remmie, uvulindlela okhethekileyo oneminyaka eyi-93. Wafika eSierra Leone nomyeni wakhe uLichfield ngo-1963. Emva kweminyaka eyi-60 kwinkonzo yexesha elizeleyo wayesenguvulindlela okhethekileyo. UWinifred wathi: “Ngubani obeya  kwazi ukuba iSierra Leone ibiza kuba nabazalwana noodade abakhuthele kangaka. Nangona ndilixhekwazi, ndisafuna ukushumayela ndongeze kolu lwando luvuyisayo.” *

AmaNgqina kaYehova aseSierra Leone naseGuinea, avakalelwa ngendlela efanayo nekaWinifred. Njengemithi enkcenkceshelwa rhoqo, bazimisele ukuqhubeka bethwala isiqhamo esizukisa uYehova. (INdu. 1:3) Ngoncedo lukaYehova, baza kuqhubeka beshumayela ebantwini bonke ngenkululeko yokwenene, ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21.

IKomiti yeSebe, ukususela ekhohlo ukusa ekunene: uCollin Attick, uAlfred Gunn, uTamba Josiah noDelroy Williamson

^ isiqe. 16 UWinifred Remmie usweleke ngoxa bekusabhalwa eli bali.