Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

UYehova Wandiphakamisa

UJay Campbell

UYehova Wandiphakamisa
  • WAZALWA Ngo-1966

  • WABHAPTIZWA Ngo-1986

  • INGXELO YOBOMI Ixhoba lesifo sepoliyo elaba nguvulindlela othe ngxi.

NDAKHULA ndikhubazekile ukususela esinqeni ukwehla ibe ndihlala eFreetown nomama nezinye iintsapho ezingathathi-ntweni. Ngenxa yokuba ndandineentloni ibe ndisoyika ukubonwa ngabantu, ndaphuma eyadini kwaba kanye kwiminyaka eyi-18.

Xa ndandina-18, uPauline Landis, iNgqina elingumthunywa wevangeli laya ekhaya laza lacela ukundifundisa iBhayibhile. Xa ndamxelela ukuba andikwazi kufunda nokubhala, wathi uza kundifundisa. Ndavuma ke.

Zazindivuyisa izinto endandizifunda eBhayibhileni. Ngenye imini, ndacela kuPauline ukuba ndiye kwiintlanganiso zebandla ezazingenela kwelinye ikhaya elingekude kweli lam. Ndathi, “Ndiza kusimelela ngamaplanga.”

Xa uPauline weza kundilanda, umama kunye nabamelwane babenamasikizi. Ndakhasa ndisimelela ngamaplanga ekubeni ndinesiphene ukususela esinqeni ukwehla. Njengokuba ndandihamba, abamelwane bakhwaza uPauline bathi:  “Uyamnyanzela. Wakha wazama ukuhamba kodwa woyisakala.”

UPauline ezolile wabuza, “Jay uyafuna ukuhamba nam?”

Ndathi, “Ewe! Ndiyafuna.”

Abamelwane babukela bethe cwaka njengoko ndandisondela egeyithini. Ndathi nje ndakuphuma, batsho ngentswahla yovuyo.

Zazimnandi ke ezo ntlanganiso! Emva koko ndazixelela ukuba ndiza kuziyela eHolweni yoBukumkani. Oku kwakufuna ndizihambele ndiye ngasekupheleni kwesitrato, ndikhwele iteksi, ndize ndicele abazalwana bandifunqule ndinyuke induli. Amaxesh’ amaninzi ndandifika ndimanzi kwaye ndizele ludaka, kufuneke nditshintshe xa ndifika eholweni. Kamva, udade waseSwitzerland wandenzela ububele ngokundithumelela isitulo samavili, ibe ngoku ndihamba bhetele.

Ukufunda ngamanye amaNgqina aneziphene kundincede ndazimisela ukumkhonza nangakumbi uYehova. Ngo-1988 ndaba nguvulindlela othe ngxi. Ndacela uYehova andincede ndifikelele usukelo endandizibekele lona, lokuba ndincede isalamane kunye nomnye okwintsimi yam babe ngabakhonzi bakaYehova. Imithandazo yam yaphendulwa mhla ndakwazi ukunceda abatshana bam ababini kunye nelinye ibhinqa endadibana nalo ndihambisa amaphephancwadi esitratweni, bayamkela inyaniso.

Ngoku iingalo zam azisenamandla, kwaye ndixhomekeke kwabanye ukuze bandiqhube. Ndikwanayo nengxaki yokuqaqanjelwa. Kodwa ndiye ndafumanisa ukuba, iyeza leentlungu kukufundisa abanye ngoYehova. Uvuyo endilufumanayo luyazithomalalisa iintlungu luze lundithuthuzele, kuba uYehova uye wandiphakamisa, kwaye ngoku ndiphila ubomi obunenjongo.