Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

EDOMINICAN REPUBLIC

Ukukhanya

Ukukhanya

Kufika Ukukhanya

NgeCawa ngoAprili 1, 1945, uLennart noVirginia Johnson abaphumelele eGiliyadi bafika eCiudad Trujillo (ngoku eyiSanto Domingo), ikomkhulu leDominican Republic. Baba ngamaNgqina okuqala kwelo lizwe elalidlakazwe ziingxwabangxwaba nemilo. * INcwadi Yonyaka ka-1946 yathi: “Ngokwenene le yintsimi yoovulindlela, ibe aba vulindlela kwafuneka baqalele ekuqaleni.” Khawufan’ ucinge nje: Kwakungekho ofisi yesebe, iiHolo zoBukumkani, asisathethi ke ngamabandla. Aba bathunywa bevangeli babengazi mntu kweli lizwe, babenofifana nje ngolwimi lweSpanish, bengenayo nendawo yokufihla intloko okanye ifanitshala. Babeza kuthini?

ULennart ukhumbula oku: “Saya kucela indawo yokuhlala kwiHotele iVictoria—eyayisibiza iidola ezintlanu ngosuku, nokutya kukwakule mali. Kwangaloo mvakwemini saqalisa isifundo seBhayibhile. Eso sifundo sasifumana ngale ndlela: Amabhinqa amabini aseDominican esasiwafundela eBrooklyn ayesinike amagama ezalamane nezihlobo, omnye wabo bantu yayinguGqirha Green. Xa sasiye kuye sadibana nommelwane wakhe uMoses Rollins. Emva kokuba sibaxelele ukuba siwafumene phi amagama neendawo abahlala kuzo, basiphulaphula isigidimi soBukumkani baza bavuma ukuba sibafundele. Kungekudala emva koko uMoses waba ngumvakalisi wokuqala apho.”

Ekuqaleni kukaJuni 1945, kwafika abathunywa bevangeli abane, yaye kungekudala bahambisa iincwadi ezininzi baza baqalisa nezifundo ezininzi. Kwathi kufika uOktobha kwabe kucaca ukuba kufuneka indawo abaza kuhlanganisana kuyo. Ngoko aba bathunywa bajika amagumbi abo okuphumla namagumbi okutyela ukuze bazenzele iHolo yoBukumkani. Kwiintlanganiso kwakusiza abantu abayi-40.

Omnye wabantu bokuqala abayithandayo inyaniso yayinguPablo Bruzaud, owayesaziwa ngokuba nguPalé. Wayeqhuba ibhasi esuka eSantiago iye eCiudad Trujillo, ngoko wayesiya rhoqo kwidolophu elikomkhulu. Ngenye imini uPalé wathetha namanye amaNgqina eCiudad Trujillo, amnika incwadi ethi “The Truth Shall Make You Free.” Wayefunda nawo iBhayibhile yonke imihla. Waqalisa ukushumayela kunye nabathunywa bevangeli yaye ebanceda ngento yokuhamba. Kamva wadibana noLennart Johnson, bahamba kunye ukusuka eCiudad Trujillo baya eSantiago nangaphaya kweentaba, bada baya kutsho kwidolophu engaselwandle iPuerto Plata besiya kwiqela labantu abanomdla ababebhalele ikomkhulu lehlabathi eBrooklyn, eNew York, befuna ukwazi ngakumbi.

Kufika UMzalwan’ UKnorr NoMzalwan’ UFranz

NgoMatshi 1946, uNathan Knorr noFrederick Franz abasuka kwikomkhulu lehlabathi baya eDominican Republic. Abantu babekhangele phambili kolu tyelelo, kangangokuba kwintetho kaMzalwan’ uKnorr kwakukho abantu abanomdla abayi-75 ngaphandle kwabazalwana. Kolo tyelelo, uMzalwan’ uKnorr wenza amalungiselelo okuba kubekho iofisi yesebe apho eDominican Republic.

UMzalwan’ uKnorr noMzalwan’ uFranz kwiHolo yoBukumkani yokuqala kweli lizwe, eCiudad Trujillo

Kwafika abathunywa bevangeli abangakumbi, yaye ngasekupheleni konyaka wenkonzo ka-1946, kwakusele kukho abavakalisi abayi-28 kweli lizwe. Ekubeni kwakuza kuqalwa ukushunyayelwa kweli lizwe, aba bathunywa babechitha ixesha elininzi besenza imaphu yentsimi ukuze baqiniseke ukuba isetyenzwa ngokucokisekileyo.

Umsebenzi Uyanda

Ngo-1947, kwakukho abavakalisi abangaphezu kwe-59 abaya rhoqo entsimini. Kwangaloo nyaka, abanye abathunywa ababeshumayela eCuba baphinda babelwa eDominican Republic. Abanye babo yayinguRoy noJuanita Brandt. UMzalwan’ uBrandt waba sisicaka sesebe ubuncinane iminyaka elishumi.

Ngasekupheleni konyaka wenkonzo ka-1948, kwakukho abavakalisi abamalunga ne-110 abashumayela iindaba ezilungileyo kunye nabathunywa ababezibhokoxa emsebenzini. Abo bavakalisi bazimiseleyo babengazi ukuba balindelwe ngamaxesha anzima.

^ isiqe. 1 Ngo-1932 kwakusasazwa iincwadi zeWatch Tower eDominican Republic, kodwa abantu abanomdla baqala ukufundelwa ngabakwaJohnson.