Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

EDOMINICAN REPUBLIC

Ukuvalelwa Ejele Nokuvalwa Komsebenzi

Ukuvalelwa Ejele Nokuvalwa Komsebenzi

Ukuphosw’ Ejele Ngenxa Yokungathath’ Icala

UEnrique Glass nesisele awayevalelwe kuso kangangeeveki ezimbini

NgoJuni 19, 1949, iqela labantu baseDominican Republic elaliselubhacweni labuyela kwelo ukuze libhukuqe uzwilakhe uRafael Trujillo. Nangona ezo nzame zakhawuleza zatshitshiswa, urhulumente kaTrujillo wabavalela abo babengafuni ukuya emkhosini, nabo wayebajonga njengeentshaba. AmaNgqina okuqala awaphoswa entolongweni ngenxa yokungayi emkhosini nguLeón Enrique, noRafael Glass, kunye namanye amaNgqina awayesebenza noLeón.

ULeón uthi: “[Mna nabo ndandisebenza nabo] sabanjwa saza sancinwa ngabecuphi basemkhosini. Emva kokuba sityityinjiselwe umnwe, sakhululwa, kanti siza kuphinda sibizelwe emkhosini emva nje kweentsuku ezimbalwa ngendlel’ aph’ engaqhelekanga. Ngenxa yokwala kwethu, saphosw’ ejele. Apho sahlangana namaNgqina amane, amabini kuwo yayingabantakwethu nqo. Sakhululwa, kodwa saphinda sabanjwa. Oku kwenzeka izihlandlo ezithathu, sitsiba nje usuku nangaphezulu, size siphinde sivalelwe. Sachitha iminyaka ephantse ibe sixhenxe siqamele ngenqindi, kodwa kwisihlandlo sesithathu, savalelwa iminyaka emihlanu.”

‘Naxa sasitywatyushwa okanye sibethwa ngeentonga nangemipu, sasinyamezela nje lula, kuba uYehova wayesinika amandla okunyamezela’

Kwakungelula kwaba bazalwana babevalelwe. Babengcungcuthekiswa ubusuku nemini ngamabanjwa nangoonogada. Inkumanda yaseFort Ozama apho babevalelwe khona ekuqaleni, yathi: “MaNgqina kaYehova, mhla nangamangqina kaMtyholi, ze nindixelele ukuze ndinikhulule.” Sekunjalo, abo bachasi batsho phantsi kuba aba bazalwana bathembekileyo bahlala beyigcinile ingqibelelo yabo. ULeón wathi: ‘UYehova wayesinika amandla okunyamezela yaye sasimbona nakwizinto nje ezincinane ukuba uyangenelela. Naxa sasitywatyushwa okanye sibethwa ngeentonga, ngezabhokhwe nangemipu, sasinyamezela nje lula, kuba uYehova wayesinika amandla okunyamezela.’

Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Uyavalwa

Kulo lonke elo lizwe, iintshaba zonqulo lokwenyaniso zathi chatha ekutshutshiseni. Nakuba kunjalo, ngoMeyi 1950, eDominican Republic abavakalisi babeyi-238 ukongezelela kubathunywa bevangeli. Abangamashumi amabini ananye kubo babengoovulindlela.

Iphephandaba elichaza izigwebo zabazalwana ngenxa yokungathath’ icala

Malunga nelo xesha, omnye umcuphi wabhalela uMphathiswa Wezangaphandle, esithi: “Amalungu ehlelo lamaNgqina kaYehova asaqhubeka ngaphandle kokuyekelela nomsebenzi wawo kuso sonke esi sixeko [iCiudad Trujillo].” Ngokubhekele phaya wathi: “Ndiyaphinda ndithi, mawabekw’ esweni amaNgqina kaYehova ngoba oku kushumayelandini kwawo kulahlekisa abantu, ingakumbi abantu abaqhelekileyo.”

UMphathiswa Wemicimbi Yangaphakathi Namapolisa, uJ. Antonio Hungría, wacela uMzalwan’ uBrandt ukuba abhale ileta ebonisa ukuma kwamaNgqina kumba wokuya emkhosini, wokukhahlela iflegi nowokuhlawulwa kwerhafu. Wayibhala le leta esebenzisa inkcazelo ekwincwadi ethi “UThixo Makabe Nenyaniso.” Phezu kwayo yonke loo nto, ngoJuni 21, 1950, uMphathiswa uHungría wakhupha umyalelo owabangela ukuba umsebenzi wamaNgqina kaYehova uvalwe eDominican Republic. UMzalwan’ uBrandt waxelelwa ukuba eze kwiofisi kaHungría ukuze eve lo myalelo. UMzalwan’ uBrandt wabuza enoba abathunywa bevangeli bamele bemke na kwelo lizwe. UHungría wathi ukuba nje bawuthobele umthetho yaye khange bathethe namntu ngonqulo lwabo, bangahlala. *

^ isiqe. 1 Kwiiveki ngaphambi kokukhutshwa kwalo myalelo, abefundisi beCawa yamaKatolika babhala imilembelele yamanqaku angcolisa amaNgqina kaYehova bekwawatyhola ngobukomanisi.