Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUSHUMAYELA NOKUFUNDISA EHLABATHINI LONKE

EOceania

EOceania
  • AMAZWE 29

  • ABEMI 40 208 390

  • ABAVAKALISI 97 583

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 64 675

Bashiya Iipakethi Zeencwadi

Akufane kushunyayelwe kwiziqithi ezininzi zaseMicronesia, ngoko iqela labavakalisi abahlala kwiiMarshall Islands lenza amalungiselelo okuya apho ngesikhephe lize lihlale iiveki ezimbini. Lasuka kwisiqithi saseMajuro, laya kutsho kwesaseWotje nesaseOrmed eWotje Atoll.

Ukuze lifikelele kubantu abaninzi, eli qela lenza iipakethi zeencwadi ngaphambi kokuba lihambe. Ipakethi nganye yayineemagazini ezine neencwadana ezimbini. Ekubeni aba bavakalisi babengazi ukuba baza kubuyela nini kwezo ziqithi, babeshiyela abantu abanomdla iipakethi zabo baze babakhuthaze ukuba banike neentsapho kunye nezihlobo zabo. Ngezo veki zimbini, bahambisa iincwadana eziyi-531, iimagazini eziyi-756 neencwadi eziyi-7.

“Siyabulela Ngokusikhumbula”

NgoFebruwari 2014, amaNgqina amathandathu asePapua New Guinea aya kushumayela kangangeentsuku ezilishumi kwiilali zeSiqithi saseKarkar ezinentaba-mlilo. Badibana nabantu abaninzi abanomdla baza bahambisa iincwadi eziyi-1 064. Udade ogama linguRelvie wathi: “Kusuku lwethu lokuqala kwade kwabetha eyesi-3:00 emva kwemini sisashumayela. Ngelo xesha iibhotile zethu zazingasenamanzi, imihlathi idiniwe nemilomo yomile kukuthetha. Xa ndandincokola nenye intwazana, ndandifuna ukuyifundela isibhalo, kodwa ndandingakwazi kuba umqala wawomile. Kanye ngelo xesha yandipha amanzi.”

Ngobunye ubusuku ngaphambi kokuba simke kwenye ilali, saba nentlanganiso enkulu nabahlali, ibe neenkokeli zecawa yasekuhlaleni zazilapho. URelvie ukhumbula oku: “Ndandingathi ndinguStefano phambi kweSanhedrin xa kwakufuneka emele inyaniso, umahluko nje kukuba abantu ababelapho babenobubele.” Bathi bakugqiba ukuthetha abavakalisi abathandathu, umphathi wesikolo seCawa yamaLuthere waphakama wabulela uanti wakhe owayengomnye wabo bavakalisi, ngokuphathela abantu bakhe inyaniso. Wathi: “Ufana nomSamariyakazi owaya kuxelela intsapho yakhe ngezinto ezintle azixelelwe nguYesu. Enkosi ngokungasilibali.”

Bancinane Kakhulu?

EKiribati: UTeariki noTueti

Ngenye intsasa uTeariki, inkwenkwana eneminyaka esixhenxe ubudala eyayihlala kwisiqithi saseTarawa, eKiribati, wayesentsimini noyise uTueti. Bangena kwikhaya elalineqela elimalunga neshumi labafana neentombi, bonke bekwiminyaka elapha kweyi-20. Emva kokuba utata kaTeariki eshumayeze olu lutsha, omnye kubo wathi kuye: “Kutheni nihamba nabantwana nje xa niyoshumayela? Bancinane kakhulu ukuba bangashumayela ngoThixo.”

UTueti wathi: “Niyafuna ukuva ukuba unyana wam uyakwazi na ukushumayela? Khawuthi khe ndiphume ndinishiye naye nizivele.” Eli qela lathi, “Phuma khe simve.”

Emva kokuphuma kukaTueti, uTeariki wabuza eli qela, “Niyalazi igama likaThixo?”

Omnye kubo wathi, “Ewe siyalazi. NguYesu!” Omnye wabe esithi, “NguThixo,” kwabe kukho nomnye othi, “nguNkosi.”

UTeariki wathi: “Makhe sive ukuba ithini yona iBhayibhile. Ndicela sifunde uIsaya 42:5.” Emva kokufunda esi sibhalo, wabuza, “Nicinga ukuba sithetha ngabani esi sibhalo?”

Omnye waphendula, “ngoThixo.” UTeariki wathi, “Uchanile, ngoThixo oyinyaniso. Makhe sive ukuba ivesi yesibhozo yona ithini ngoThixo oyinyaniso? ‘NdinguYehova. Lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam.’ Nivile ukuba igama likaThixo ngubani?”

Eli qela lathi, “nguYehova.”

Ekubeni ngoku babephulaphule ngomdla bonke, uTeariki wabuza: “Kusinceda ngantoni ukusebenzisa igama likaThixo, uYehova? Masive incwadi yeZenzo 2:21. Ithi: ‘Yaye wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’ Kusinceda ngantoni ukusebenzisa igama likaThixo?”

Omnye kwelo qela wathi, “Siza kusindiswa.”

Wangena kanye ngelo xesha utata kaTeariki. Wabuza olu lutsha: “Nithini ke ngoku? Bayakwazi ke ukushumayela abantwana bethu? Ngaba sifanele sihambe nabo xa sishumayela?” Bonke bavuma ukuba abantwana banokushumayela nokuba intle into yokuba benze lo msebenzi. Ngoko uTueti wathi, “Nani kanti, ninokuthetha nabantu ngenyaniso eseBhayibhileni kanye njengokuba uTeariki enzile, ukuba niyayifunda.”

Iindaba Ezilungileyo Zifikelela Nakwilali Esentabeni

NgoNovemba 2013, uJean-Pierre, osebenza kwiofisi yokuguqulela ePort-Vila eVanuatu, wakhwela inqwelo-moya waya kwindibano yesiphaluka kwisiqithi sakowabo. Wathi xa esehla kwisikhululo seenqwelo-moya, wahlangatyezwa liqela labantu ababevela kummandla osemazantsi esi siqithi becela iincwadi ezithetha ngeBhayibhile. Wabanika phantse zonke iimagazini awayeziphethe. Nomfundisi wacela ezakhe. Wacela uJean-Pierre ukuba aye kwilali yakhe, esithi: “Silambele iLizwi likaThixo. Yizokuphendula imibuzo esinayo phaya elalini.” Kusuku olulandela olwendibano, uJean-Pierre wavuka ngenj’ ixukuxa waza wahamba umgama omde enyuka intaba. Ngelingeni wafika kuloo lali isencochoyini yentaba. Emva kokuba amkelwe ngezandl’ ezishushu apho, wancokola nabo ngeKingdom News No. 38 enomxholo othi, “Ngaba Abafileyo Bangaphinda Baphile Kwakhona?” Wakhuthaza abo bantu bamalunga ne-30 ababephulaphule ukuba batyhile ezabo iiBhayibhile. Bancokola phantse iiyure ezisixhenxe. Babelilambele ngokwenene iLizwi likaThixo abo bantu! Elinye igqala elineminyaka eyi-70 lathi, “Oko ndabakho, andizange ndikhe ndicaciselwe ngolu hlobo ngabafi!”

UJean-Pierre wachitha ubusuku bonke kuloo lali. Walaliswa kwigumbi elinye nomfundisi. Ngentsasa elandelayo wavuka umfundisi efunda enye yeemagazini zethu. UJean-Pierre wambuza ukuba ufunda ngantoni, waza wathi ufunda ngoBukumkani bukaThixo ibe kwakucaca ukuba uyayithanda le nto ayifundayo. Wavuma ukuba uBukumkani bukaThixo babungekho sezintliziyweni zabaFarisi, abakhalinyelwa nguYesu kuLuka 17:21. Waqonda ukuba uBukumkani bukaThixo abukho sezintliziyweni zabantu nangona icawa yakhe ifundisa ukuba bukuzo. UJean-Pierre usesePort-Vila ibe uyaqhubeka efundisa abantu abanomdla esebenzisa ifowuni. Abazalwana abathathu bebandla elikufutshane baya kuncedisa ukuze kuqhutywe iSikhumbuzo kuloo lali, ibe kweza abantu abayi-109!

EVanuatu