Ucwangciso LweNdibano YamaNgqina KaYehova Ka-2017
Jonga ucwangciso losuku ngalunye lwale ndibano, eliza kukunceda uqhubeke usenza okulungileyo nokuba unyamezele imvavanyo.
NgoLwesihlanu
Yintoni enokunceda amaKristu abe neempawu ezifunekayo ukuze anyamezele ubunzima?
NgoMgqibelo
UThixo onguSomandla usinceda njani sinyamezele yaye usithuthuzela njani?
NgeCawa
UYesu wathi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” Yintoni onokuyenza ukuze uthobele la mazwi akhe?
Inkcazelo
Usenokuba nomdla wokuya kwintlanganiso ekhethekileyo yolucwangciso. Jonga apha ukuba ufuna ukwazi ngakumbi ngabalindi, ngobhaptizo, ngokunikela, ngoncedo lokuqala, ngezinto ezilahlekileyo zaza zafunyanwa, ngendawo yokuhlala, okanye ngenkonzo yamatshantliziyo.