Ucwangciso LweNdibano YamaNgqina KaYehova Ka-2017

Jonga ucwangciso losuku ngalunye lwale ndibano, eliza kukunceda uqhubeke usenza okulungileyo nokuba unyamezele imvavanyo.

NgoLwesihlanu

Yintoni enokunceda amaKristu abe neempawu ezifunekayo ukuze anyamezele ubunzima?

NgoMgqibelo

UThixo onguSomandla usinceda njani sinyamezele yaye usithuthuzela njani?

NgeCawa

UYesu wathi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” Yintoni onokuyenza ukuze uthobele la mazwi akhe?

Inkcazelo

Usenokuba nomdla wokuya kwintlanganiso ekhethekileyo yolucwangciso. Jonga apha ukuba ufuna ukwazi ngakumbi ngabalindi, ngobhaptizo, ngokunikela, ngoncedo lokuqala, ngezinto ezilahlekileyo zaza zafunyanwa, ngendawo yokuhlala, okanye ngenkonzo yamatshantliziyo.