Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 4

Baphi Ookhokho Bethu?

Baphi Ookhokho Bethu?

1, 2. Yintoni abantu abaninzi abayikholelwayo ngokuphathelele abo bafileyo?

IZIGIDI zabantu eAfrika zikholelwa ukuba ukufa asikokuphela kobomi, kodwa kukudlulela nje kubomi obukomnye ummandla. Abaninzi bacinga ukuba ookhokho babo abafileyo basuke kwihlabathi elibonakalayo badlulela kwihlabathi elingabonakaliyo, oko kukuthi, basuke kwihlabathi labantu badlulela kwihlabathi loomoya.

2 Kukholelwa ukuba aba khokho, okanye izinyanya, bakhusela iintsapho zabo ezisemhlabeni baze bazenze zichume. Ngokwale mbono, izinyanya zingabahlobo abanamandla, abakwaziyo ukuzisa isivuno esihle, nempilo entle, nokusikhusela ekwenzakaleni. Xa zingahoywa okanye zicatshukisiwe, kuthiwa zizisa intlekele—ukugula, ubuhlwempu neshwangusha.

3. Bambi abantu babanqula njani ookhokho?

3 Abantu abaphilayo benza izithethe zokubonisa imbeko kwizinyanya nokulondoloza ulwalamano oluhle kunye nazo. Ezi zithethe zibonakala ngokukhethekileyo kumasiko anokuthanani nemingcwabo, njengemilindelo namadini okubuyisa izinyanya. Ukunqulwa kookhokho kwenziwa nangezinye iindlela. Ngokomzekelo, phambi kokuba abantu abathile basele utywala, bachithela intwana yabo emhlabeni kookhokho. Kwakhona, emva kokupheka, kushiywa okunye ukutya embizeni ukuze ukuba ookhokho bayafika, babe nento yokutya.

4. Yintoni abantu abaninzi abayikholelwayo ngokuphathelele umphefumlo?

4 Abanye abantu bakholelwa ukuba abo baphilayo banomphefumlo ongafiyo oqhubeka uphila emva kokufa komzimba. Ukuba umntu uziphethe kakuhle, kuthiwa umphefumlo wakhe uya ezulwini, okanye eparadesi, kodwa ukuba uziphethe kakubi, kuthiwa umphefumlo wakhe ugwetyelwa isihogo. Ngokufuthi abantu bayixuba le mbono kunye neenkolelo zesithethe. Ngokomzekelo, xa kupapashwa amalungiselelo enkonzo yomngcwabo kwimihlathi yemiphanga ekhutshwa kumaphephandaba, maxa wambi kuye kuthiwe umfi “usishiyile” okanye “uye kookhokho.” Zizonke nje ezi nkolelo zisekelwe kwingcamango yokuba umphefumlo, okanye umoya, uqhubeka uphila emva kokufa komzimba. Ithini iBhayibhile ngalo mbandela?

Umphefumlo Nomoya

5, 6. NgokweBhayibhile, yintoni umphefumlo?

5 IBhayibhile ibonisa ukuba umphefumlo awuyonto nje engaphakathi emntwini; umphefumlo ngumntu ngokwakhe. Ngokomzekelo, xa uThixo wadala uAdam, ‘umntu waba ngumphefumlo ophilayo.’ (Genesis 2:7) UAdam akazange anikwe umphefumlo; wayengumphefumlo, umntu opheleleyo.

6 Ngenxa yoko, sifunda ukuba imiphefumlo iyazalwa. (Genesis 46:18) Iyatya okanye izile. (Levitikus 7:20; INdumiso 35:13) Iyalila ize ityhafe. (Yeremiya 13:17; Yona 2:7) Imiphefumlo inokuqweqwediswa, isukelwe, yaye ikhonkxwe ngeentsimbi. (Duteronomi 24:7; INdumiso 7:5; 105:18) Zimbi iiBhayibhile ziliguqulele igama lolwimi lwantlandlolo ngokuthi “umphefumlo” kwezo ndinyana, ngoxa ezinye zisebenzisa igama elithi “isidalwa,” okanye “umntu.” Onke athetha into enye.

7. Ziziphi iindinyana zeBhayibhile ezibonisa ukuba umphefumlo uyafa?

7 Ekubeni umphefumlo ungumntu, xa umntu esifa, umphefumlo uyafa. UHezekile 18:4 uthi: “Umphefumlo owonayo—kuya kufa wona.” Kwakhona, IZenzo 3:23 zithi: “Nawuphi na umphefumlo [okanye, umntu] ongamphulaphuliyo loo mProfeti uya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo phakathi kwabantu.” Ngoko umphefumlo awuyonto ehlala iphila emva kokufa komzimba.

8. Uyintoni umoya osebantwini?

8 Umoya awungomphefumlo. Ebantwini, umoya ngamandla obomi abagcina bephila. Umoya ufana nombane. Umbane unokujikelezisa ifeni okanye wenze isibandisi sisebenze kodwa awukwazi wona ngokwawo ukukhupha impepho epholileyo okanye ukubandisa izinto. Ngokufanayo, umoya wethu usenza sikwazi ukubona, ukuva nokucinga. Kodwa umoya ngokwawo awukwazi kuzenza ezi zinto ngaphandle kwamehlo, iindlebe, okanye ingqondo. Kungenxa yoko le nto iBhayibhile isithi ngomntu: “Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.”—INdumiso 146:4.

9. Yintoni ongayenziyo umphefumlo nomoya?

9 Ngoko ke, ngokweBhayibhile, umphefumlo nomoya aziwushiyi umzimba ekufeni zize ziqhubeke ziphila kummandla womoya.

Imeko Yabafileyo

10. Ithini iBhayibhile ngemeko yabafileyo?

10 Ngoko ke, bakwiyiphi imeko abo bafileyo? Ekubeni uYehova inguye owadala abantu, ngoko uyazi ukuba kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa. ILizwi lakhe lifundisa ukuba abafileyo abaphili, abeva, ababoni, abathethi yaye abacingi nto. IBhayibhile ithi:

  • “Abafileyo, abazi nto konke konke.”​—INtshumayeli 9:5.

  • “Uthando lwabo, intiyo yabo nekhwele labo sele latshabalala.”​—INtshumayeli 9:6.

  • “Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka [engcwabeni], kwindawo oya kuyo.”​—INtshumayeli 9:10.

11. Emva kokona kuka-Adam, wathini uYehova kuye?

11 Khawucinge nje ngoko iBhayibhile ikuthethayo ngokhokho wethu wokuqala, uAdam. UYehova wambumba uAdam “ngothuli lomhlaba.” (Genesis 2:7) Ukuba uAdam wayewuthobele umthetho kaYehova, wayeya kuphila onwabile ngonaphakade emhlabeni. Kodwa ke, uAdam akazange awuthobele umthetho kaYehova, waza wafumana isohlwayo sokufa. Waya phi uAdam ekufeni kwakhe? UThixo wathi kuye: “[Uya kubuyela] emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo. Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.”—Genesis 3:19.

12. Kwenzeka ntoni kuAdam ekufeni kwakhe?

12 Wayephi uAdam ngaphambi kokuba uYehova amdale ngothuli? Akukho ndawo wayekuyo. Wayengekho nje kwaphela. Ngoko xa uYehova wathi uAdam wayeya ‘kubuyela emhlabeni,’ wayethetha ukuba uAdam wayeza kuphinda angabi nabomi, njengothuli. UAdam akazange aqhubeke ephila kwihlabathi lomoya. Akazange ‘asishiye’ aye kummandla wezinyanya. Akazange aye ezulwini okanye esihogweni. Waphulukana nobomi, waphela nje akabakho.

13. Yintoni eyenzekayo ebantwini nasezilwanyaneni ekufeni kwabo?

13 Ngaba kwenzeka into efanayo nakwabanye abantu? Kunjalo kanye. IBhayibhile icacisa isithi: ‘Abantu nezilwanyana baya ndaweni nye. Bonke bavela eluthulini, yaye bonke babuyela eluthulini.’—INtshumayeli 3:19, 20.

14. Liliphi ithemba abanalo abo bafileyo?

14 IBhayibhile ithembisa ukuba uThixo uza kubavusela kwiparadesi yasemhlabeni abo bafileyo. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Kodwa elo xesha liseza. Okwangoku, balele ekufeni. (Yohane 11:11-14) Asifanele siboyike okanye sibanqule, ekubeni bengenakukwazi ukusinceda nokusenzakalisa.

15, 16. Uzama njani uSathana ukwenza abantu bakholelwe ukuba abo bafileyo abafanga ngokwenene?

15 Ingcamango yokuba asifi ngokwenene ibubuxoki obusasazwa nguSathana uMtyholi. Ukuze beyisele abantu kobu buxoki, yena needemon zakhe bazama ukwenza abantu bacinge ukuba ukugula nezinye iingxaki zibangelwa ngoomoya babo bafileyo. Iyinyaniso into yokuba ezinye iinkathazo zibangelwa ziidemon ngokwazo. Ikwayinyaniso nento yokuba ezinye iinkathazo azibangelwa ngamandla angaphezu kwawemvelo. Kodwa asiyonyaniso into yokuba sinokwenzakaliswa ngabo balele ekufeni.

16 Kukwakho nenye indlela iidemon ezizama ngayo ukwenza abantu bacinge ukuba oko kuthethwa yiBhayibhile ngabo bafileyo kuphosakele. Zikhohlisela abantu ekucingeni ukuba baye babona okanye bathetha kunye nabo bafileyo. Iidemon zikwenza oku ngokusebenzisa imibono, amaphupha, oosiyazi, okanye ezinye iindlela. Noko ke, abo bantu banxibelelana nabo, asingabo abo bafileyo, kodwa ziidemon ezizenza ngathi ziingabo bantu bafileyo. Kungenxa yoko le nto uYehova ekugweba ngamandla ukuya koosiyazi nakwabo babuzisa kwabafileyo.​—Duteronomi 18:10-12; Zekariya 10:2.