Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 2

Unokuyifunda Njani Inyaniso NgoThixo?

Unokuyifunda Njani Inyaniso NgoThixo?

1, 2. Nguwuphi umzekelo obonisa imfuneko yokuba nomlinganiselo othile wokugqiba ngemibandela ephathelele unqulo?

SINOKUMAZI njani uThixo? Ngaba kuyimfuneko ukuhlolisisa zonke iimfundiso zezi nkonzo zininzi kangaka? Asinakukwazi ukwenza oko. Nokuba besinokukwazi, besiya kwazi njani ukuba yiyiphi imfundiso echanileyo?

2 Ngokuqinisekileyo, ngenxa yokuba kukho iimbono ezininzi ezahlukeneyo ngoThixo, sifanele sifumane indlela yokufumana inyaniso, umlinganiselo abantu abanokuvumelana ngawo. Ngokomzekelo: Masithi abantu bayaphikisana evenkileni ngokuphathelele ubude belaphu elithile. Umthengisi uthi eli laphu linobude beemitha ezintathu, kodwa yena umthengi uthi lingaphantsi koko. Inokulungiswa njani le meko? Ngokuthi babulinganise ubude belo laphu ngomtya wokulinganisa.

3. Yabhalelwa yiphi injongo iBhayibhile?

3 Ngaba ukho umtya wokulinganisa, okanye umlinganiselo, wokugqiba ngemicimbi ephathelele unqulo? Ewe ukho, yiBhayibhile. UThixo wenze ukuba kubhalwe iBhayibhile ukuze abantu kuyo yonke indawo babe nokufunda inyaniso ngaye. Kuye kwashicilelwa amawaka ezigidi zemibhalo yayo. Iye yaguqulelwa, yonke okanye inxalenye yayo, ngeelwimi ezingaphezu kwama-2 100. Phantse wonk’ ubani unokuyifunda inyaniso ngoThixo ngolwimi lwakhe.

4. Yiyiphi inkcazelo eseBhayibhileni?

4 IBhayibhile isisipho esixabisekileyo esivela kuThixo. Ichaza izinto ebesingenakuzazi. Isixelela ngabo baphila kummandla womoya. Ityhila iingcamango zikaThixo, ubuntu bakhe, neenjongo zakhe. Isixelela ngendlela awayesebenzisana ngayo nabantu kangangamawaka eminyaka. Ithetha ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Yaye isibonisa indlela esinokuyifumana ngayo indlela esa kubomi obungunaphakade.

Isizathu Sokuba Unokuyikholelwa IBhayibhile

5. Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba iBhayibhile iyavisisana nenzululwazi?

5 Kukho izizathu ezininzi zokukholelwa ukuba ngokwenene iBhayibhile iliLizwi likaThixo. Esinye isizathu sikukuba iBhayibhile iyavisisana nenzululwazi. Mandulo abantu ehlabathini lonke babecinga ukuba kwakukho nto ithile exhase umhlaba. Ngokomzekelo, eNtshona Afrika abantu babekholelwa ukuba umhlaba wawuxhaswe yinyokakazi enkulu ezibhijeleyo, eyayenze imibhijelo engama-3 500 ngaphezu komhlaba neminye imibhijelo engama-3 500 ngaphantsi komhlaba. Ukanti, ngokuvisisana nenzululwazi, umbhali weBhayibhile wabhala ngaphezu kwama-3 500 eminyaka eyadlulayo ukuba uThixo ‘ulixhoma ihlabathi kokungento.’—Yobhi 26:7.

6. Bubuphi obona bungqina bukhulu bokuba iBhayibhile ivela kuThixo?

6 Obona bungqina bukhulu bokuba ngokwenene iBhayibhile ivela kuThixo kukuchana kweengxelo zayo zokuchazwa kwangaphambili kwekamva. Ngokungafaniyo nezazi ezingabantu, uThixo ulazi ngokwenene ikamva; yonke into ayithethayo isoloko isenzeka.

7. Ziziphi ezinye zeziprofeto zeBhayibhile ezazalisekayo mandulo?

7 Kumaxesha amandulo kuye kwazaliseka amakhulukhulu eziprofeto zeBhayibhile. Ngokomzekelo, kuma-700 eminyaka ngaphambili, ngokuchanileyo iBhayibhile yathi uYesu wayeza kuzalelwa kwidolophu yaseBhetelehem, yaye kwaba njalo. (Mika 5:2; Mateyu 2:3-9) Ukongezelela kwezinye iziprofeto ezininzi eziphathelele uYesu, kwakhona iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba wayeza kuzalwa yintombi enyulu yaye kamva wayeza kungcatshwa ngeengqekembe ezingama-30 zesilivere. Nazo ezo ziprofeto zazaliseka. Ngokuqinisekileyo akakho umntu owayenokuzixela kwangaphambili ezo zinto!​—Isaya 7:14; Zekariya 11:12, 13; Mateyu 1:22, 23; 27:3-5.

8. Ziziphi ezinye zeziprofeto zeBhayibhile ezizalisekayo namhlanje, yaye zingqina ntoni?

8 Iziprofeto ezininzi zeBhayibhile zizaliseka ngexesha lethu. Nazi ezimbalwa zazo:

  • “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga [emfazweni], nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, neendyikitya zokufa nokunqongophala kokutya kwiindawo ngeendawo.”​—Luka 21:10, 11.

  • Kuya kubakho ‘ukwanda kokuchas’ umthetho.’​—Mateyu 24:12.

  • “Ngemihla yokugqibela . . . abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abangathobeli bazali, . . . abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, . . . abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.”​—2 Timoti 3:1-5.

Akuvumi na ukuba ezi zinto ziyenzeka ngoku? Ukunyanisa nokuchana kwesiprofeto seBhayibhile kubonisa ukuba iBhayibhile asiyoncwadi iqhelekileyo. IliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo!​—2 Timoti 3:16.

Ngaba IBhayibhile Iye Yatshintshwa?

9, 10. Yintoni ebonisa ukuba uThixo akabavumelanga abantu ukuba batshintshe iBhayibhile?

9 Masithi ubungumphathi womzi-mveliso yaye ubuxhome uludwe lwemithetho yabo ubaqeshileyo. Ukuba utshaba belunokukutshintsha oko ukubhalileyo, yintoni obuya kuyenza? Ubungayi kukulungisa na oko kutshintshiweyo? Ngokufanayo, noThixo akabavumeli abantu ukuba batshintshe inyaniso eseLizwini lakhe, iBhayibhile.

10 Abo baye bazama ukutshintsha iimfundiso zeLizwi likaThixo abakhange baphumelele. Xa sithelekisa iBhayibhile esinayo namhlanje kunye nemibhalo yamandulo yeBhayibhile, ziyafana. Oku kubonisa ukuba iBhayibhile ayitshintshwanga ebudeni beminyaka.