Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

UTHIXO USOMANDLA nguMongami wendalo iphela. Ubomi esibuphilayo ngoku, nobexesha elizayo, buxhomekeke kuye. Unegunya lokunika umvuzo negunya lokohlwaya. Unamandla okunika ubomi namandla okubuthabatha. Ukuba uyakholiswa sithi, siya kuphumelela; ukuba akakholiswa, oko kuthetha intlekele kuthi. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba unqulo lwethu lwamkeleke kuye!

Abantu banqula ngeendlela ezininzi. Ukuba unqulo lufana nendlela, ngaba zonke iindlela zonqulo ziyamkholisa uThixo? Hayi, akunjalo. UYesu, umprofeti kaThixo, wabonisa ukuba kukho iindlela ezimbini kuphela. Wathi: “Ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.”​—Mateyu 7:13, 14.

Kukho iindidi ezimbini kuphela zonqulo: olo lukhokelela ebomini nolo lukhokelela entshabalalweni. Injongo yale ncwadana inemifanekiso kukukunceda ufumane indlela esa kubomi obungunaphakade.