Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 8

Luchase Unqulo Lobuxoki, Unamathele Kunqulo Lokwenyaniso

Luchase Unqulo Lobuxoki, Unamathele Kunqulo Lokwenyaniso

1. Ngokuphathelele unqulo, abantu bajamelene naluphi ukhetho namhlanje?

UYESU wathi: “Lowo ungekho ngakum unxamnye nam.” (Mateyu 12:30) Sima kwicala likaYehova okanye kwelikaSathana. Abantu abaninzi bacinga ukuba bakhonza uThixo ngendlela eyamkelekileyo, kodwa iBhayibhile ithi uSathana “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (ISityhilelo 12:9) Izigidi zabantu zikholelwa ukuba zinqula uThixo, kodwa eneneni zikhonza uSathana uMtyholi! Abantu namhlanje bajamelene nokhetho: Bamele bakhonze uYehova, ‘uThixo oyinyaniso,’ okanye uSathana, ‘uyise wobuxoki.’​—INdumiso 31:5; Yohane 8:44.

Yahlukana Nonqulo Lobuxoki

2. Yiyiphi enye indlela uSathana azama ngayo ukuthintela abantu ekunquleni uYehova?

2 Ukwenza isigqibo sokukhonza uYehova kulukhetho lobulumko, khetho olo olumkholisayo uThixo. Kodwa uSathana akakholiswa nguye nabani na okhonza uThixo; ubafaka enkathazweni abo bamkhonzayo. Enye indlela akwenza ngayo oku kukubenza bagculelwe okanye bachaswe ngabanye, ngabahlobo kwanangamalungu entsapho. UYesu walumkisa wathi: “Eneneni, iintshaba zomntu ziya kuba ngabantu bendlu yakhe.”​—Mateyu 10:36.

3. Ukuba intsapho okanye abahlobo bakho bayakuchasa ukunqula kwakho uThixo, uya kwenza ntoni?

3 Ukuba oko kwenzeka kuwe, uya kusabela njani? Abantu abaninzi bayazi ukuba indlela abanqula ngayo iphosakele, kodwa bamadolw’ anzima ukuyishiya. Bacinga ukuba oko iya kuba kukunganyaniseki kwintsapho yabo. Ngaba oko kusengqiqweni? Ukuba ufumanisa ukuba amalungu asondeleyo entsapho yakho asebenzisa iziyobisi eziyingozi, ngaba ubungayi kuwalumkisa ukuba iziyobisi ziya kuwenzakalisa? Ubungayi kuwathelela ekusebenziseni ezo ziyobisi, akunjalo?

4. Wathini uYoshuwa kumaSirayeli ngokuphathelele unqulo ngomhla wakhe?

4 UYoshuwa wakhuthaza amaSirayeli ukuba aluyeke uqheliselo oluphosakeleyo lonqulo nezithethe zookhokho bawo. Wathi: “Yoyikani uYehova nize nimkhonze ngokungenasiphoso nangenyaniso, nize nisuse oothixo ababekhonzwa ngookhokho benu ngaphesheya koMlambo naseYiputa, yaye nikhonze uYehova.” (Yoshuwa 24:14) UYoshuwa wayenyanisekile kuThixo, waza uYehova wamsikelela. Ukuba sinyanisekile kuYehova, uya kusisikelela nathi.​—2 Samuweli 22:26.

Zilahle Izinto Ezisetyenziswa Kunqulo Lobuxoki

5. Kutheni sifanele sizilahle izinto zomlingo?

5 Ukwahlukana nonqulo lobuxoki kukwathetha nokuba sifanele sizitshabalalise naziphi na izinto zomlingo esisenokuba sinazo, ezinjengamakhubalo, imisesane nezacholo zomlingo, nezinto ezinjengezo. Oku kubalulekile kuba kubonisa ukuba sikholose ngoYehova ngokupheleleyo.

6. Enza ntoni amaKristu okuqala ngeencwadi zawo zemilingo?

6 Khawucinge nje ngoko kwenziwa ngamaKristu okuqala xa enza isigqibo sokuqhelisela unqulo lokwenyaniso. IBhayibhile ithi: “Abaliqela noko kwabo babeqhelisela ubugcisa bomlingo bazizisa ndawonye iincwadi zabo baza bazitshisa phambi kwakhe wonk’ ubani.”​—IZenzo 19:19.

7. Yintoni esinokuyenza xa sihlaselwa ziidemon?

7 Xa abanye ababesebenzisa ubugqwirha, ukukhafula okanye imilingo, beqalisa ukukhonza uYehova, basenokuhlaselwa ziidemon. Ukuba oko kwenzeka kuwe, thandaza ngokuvakalayo kuYehova, usebenzisa igama lakhe. Uya kukunceda.​—IMizekeliso 18:10; Yakobi 4:7.

8. AmaKristu azijonga njani izithixo nemifanekiso esetyenziswa kunqulo lobuxoki?

8 Abo banqwenela ukukhonza uYehova abamele bagcine okanye basebenzise nasiphi na isithixo, okanye umfanekiso oyinxalenye yonqulo lobuxoki. AmaKristu okwenyaniso ‘ahamba ngokholo, kungekhona ngokubona.’ (2 Korinte 5:7) Ayawuhlonela umthetho kaThixo owalela ukusetyenziswa kwawo nawuphi na umfanekiso ekunquleni.​—Eksodus 20:4, 5.

Nxulumana Nabantu BakaYehova

9. Liliphi icebiso elinikelayo iBhayibhile ngokuba sisilumko?

9 IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.” (IMizekeliso 13:20) Ukuba sifuna ukuba zizilumko, sifanele sihambe, okanye sinxulumane namaNgqina kaYehova. Angabantu abahamba kwindlela ekhokelela ebomini.​—Mateyu 7:14.

10. Anokukunceda njani amaNgqina kaYehova ukuba ukhonze uThixo?

10 AmaNgqina abakhathalela ngokwenene abantu. Umsebenzi wawo kukunceda abo bantliziyo zinyanisekileyo ukuba baziqonde iinyaniso eziseBhayibhileni ezikhokelela kubomi obungunaphakade. Anokukunceda ngokukuqhubela isifundo seBhayibhile ngesisa. Aya kuyiphendula yonke imibuzo onayo aze akubonise indlela onokulusebenzisa ngayo ebomini bakho ulwazi olufumene eBhayibhileni.​—Yohane 17:3.

11. Ziya kukunceda njani iintlanganiso zamaKristu?

11 Kwiintlanganiso zawo, ngokuqhelekileyo eziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani, uya kufunda ngakumbi ngeendlela zikaYehova. Uya kukhula ngakumbi umnqweno wakho wokufuna ukuqhelisela unqulo lokwenyaniso. Kwakhona uya kufumana uqeqesho lokunceda abanye bafunde iinyaniso eziseBhayibhileni.​—Hebhere 10:24, 25.

12. Unokukunceda njani umthandazo ukuba ukhonze uThixo?

12 Njengoko ufunda ngakumbi ngokuthanda nangenjongo kaYehova, uya kuzixabisa ngakumbi iindlela zakhe zothando. Kwakhona uya kukulangazelela ngakumbi ukumkholisa nokukuphepha oko kungamkholisiyo. Khumbula ukuba unako ukuthandaza kuYehova uze umcele ukuba akuncede wenze okulungileyo uze uphephe okubi.​—1 Korinte 6:9, 10; Filipi 4:6.

Unokwenza njani ukuze ubonakale ukuba ukunqulo lwenyaniso?

13. Unokuyivuyisa njani intliziyo kaYehova?

13 Ekuhambeni kwexesha, njengoko ukhula ngokomoya, ngokungathandabuzekiyo uya kuyibona imfuneko yokuba liNgqina likaYehova elizahluleleyo nelibhaptiziweyo. Ngokuzibandakanya nabantu bakaYehova, uya kuyivuyisa intliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) Uya kuba phakathi kwabantu abonwabileyo athi uThixo ngabo: “Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”​—2 Korinte 6:16.