Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 6

Ngaba Lonke Unqulo Luyamkholisa UThixo?

Ngaba Lonke Unqulo Luyamkholisa UThixo?

1. Ngokutsho kweLizwi likaThixo, ziziphi ekuphela kweendidi ezimbini ezikhoyo zonqulo?

UYESU wathi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.” (Mateyu 7:13, 14) Ngokutsho kweLizwi likaThixo, kukho iindidi ezimbini kuphela zonqulo: olokwenyaniso nolobuxoki; olulungileyo noluphosakeleyo; olukhokelela ebomini nolukhokelela entshabalalweni.

2. Zibonisa njani iZibhalo ukuba asilulo lonke unqulo olumkholisayo uThixo?

2 Bambi abantu bacinga ukuba lonke unqulo luyamkholisa uThixo. Ezi ndinyana zilandelayo zeBhayibhile zibonisa ukuba oku akuyonyaniso:

  • “Oonyana bakaSirayeli benza okubi emehlweni kaYehova, baqalisa ukukhonza ooBhahali nemifanekiso ka-Ashtoreti noothixo baseSiriya noothixo baseSidon noothixo bakwaMowabhi noothixo boonyana baka-Amoni noothixo bamaFilisti. Bamshiya uYehova kwaye abazange bamkhonze. Ngoko wavutha umsindo kaYehova nxamnye noSirayeli.” (ABagwebi 10:6, 7) Ukuba sinqula imifanekiso eqingqiweyo okanye nawuphi na uthixo ongenguye uThixo oyinyaniso, uYehova akayi kukholiswa sithi.

  • “Esi sizwana sindibeka [mna Thixo] ngemilebe yaso, kodwa iintliziyo zaso zikude lee kum. Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.” (Marko 7:6, 7) Ukuba abantu abathi banqula uThixo bafundisa iingcamango zabo kunokuba bafundise oko kuthethwa yiBhayibhile, unqulo lwabo lulilize. Alwamkelekanga kuThixo.

  • “UThixo unguMoya, nabo bamnqulayo bamele banqule ngomoya nenyaniso.” (Yohane 4:24) Unqulo lwethu lumele luvisisane nenyaniso yeLizwi likaThixo.

Isiqhamo Sonqulo Lobuxoki

3. Yiyiphi enye indlela yokwahlukanisa unqulo lokwenyaniso kolobuxoki?

3 Sinokwazi njani enoba unqulo luyamkholisa uThixo okanye akunjalo? UYesu wathi: “Wonke umthi olungileyo uvelisa isiqhamo esihle, kodwa wonke umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esingento yanto . . . Ngokwenene, ke ngoko, niya kubaqonda ngeziqhamo zabo abo bantu.” Ngamany’ amazwi, ukuba unqulo lolukaThixo, luya kuvelisa isiqhamo esihle; kodwa ukuba lolukaSathana, luya kuvelisa isiqhamo esibi.—Mateyu 7:15-20.

4. Luluphi uphawu abalubonakalisayo abanquli bakaYehova?

4 Unqulo lokwenyaniso luvelisa abantu abanothando phakathi kwabo baze balubonakalise nakwabanye. Oku kungenxa yokuba naye uYehova unguThixo onothando. UYesu wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” Ngaba lonke unqulo luyawufikelela lo mlinganiselo wonqulo lokwenyaniso?—Yohane 13:35; Luka 10:27; 1 Yohane 4:8.

5. Enye intyilalwazi ikuchaza njani ukurhweba ngamakhoboka eAfrika?

5 Khawucinge nje ngenkqubo yaseAfrika yokurhweba ngamakhoboka. IThe New Encyclopædia Britannica ithi: “Baqikelelwa kwi-18 000 000 abemi baseAfrika abaye banqumla kwintlango yeSahara nakuLwandlekazi lweIndiya bethunyelwa kumazwe amaSilamsi njengamakhoboka phakathi kowama-650 nowe-1905. Phakathi kwinkulungwane ye-15 abemi baseYurophu baqalisa ukurhweba elunxwemeni olungasentshona lweAfrika, yaye ngowe-1867 baphakathi kwezi-7 000 000 nezi-10 000 000 abemi baseAfrika ababesele bethunyelwe ngeenqanawa njengamakhoboka kwiLizwe Elitsha.”

6. Lwabandakanyeka njani unqulo ekurhwebeni ngamakhoboka?

6 Yintoni olwayenzayo unqulo ngale meko imbi kangaka yokuxwilwa kwamadoda, abafazi, nabantwana baseAfrika emakhayeni abo nakwiintsapho zabo, babotshwe ngamatyathanga, bafakwe uphawu ngeentsimbi ezishushu, baze bathengiswe oku kweenkomo? UBethwell Ogot wabhala wathi kwiDaily Nation yaseNairobi, eKenya: “INgqobhoko kunye nobuSilamsi zishumayela ukumanyana koluntu, ukanti zombini ezo nkonzo zivelise ibutho labantu elirhweba ngamakhoboka nelinobuhlanga. . . . Sifanele silivume ityala lamaSilamsi namaKristu, kwanetyala leNtshona kunye noMbindi Mpuma, ngokuvala kwazo amehlo kangangeenkulungwane ngoxa abemi baseAfrika betsala nzima ngokungathethekiyo.”

Unqulo Kunye Nemfazwe

7. Yiyiphi iindima eziye zanayo iinkokeli zonqulo ekuliweni kweemfazwe?

7 Unqulo lobuxoki luye lwavelisa iziqhamo zalo ezibolileyo nangezinye iindlela. Ngokomzekelo, nangona iBhayibhile isithi “mthande ummelwane wakho,” iinkokeli zonqulo ehlabathini lonke ziye zakhuthalela ukuxhasa nokukhuthaza iimfazwe.​—Mateyu 22:39.

Unqulo lobuxoki luye lwabandakanyeka kwiimfazwe nasekuthengiseni amakhoboka

8. (a) Iinkokeli zonqulo zakukhuthaza njani ukubulala kwiingxwabangxwaba zaseAfrika?(b) Wathini omnye umfundisi ngeenkokeli zonqulo ebudeni bemfazwe yamakhaya yaseNigeria?

8 Laziwa ngokubanzi elokuba ebudeni bowe-1994, abanye oonongendi nabefundisi baba negalelo ekubulaweni kwabantu eRwanda. Unqulo luye lwanendima ephambili nakwezinye iingxwabangxwaba zaseAfrika. Ngokomzekelo, ebudeni bemfazwe yamakhaya eyabulala abantu abaninzi eNigeria, macala omabini unqulo lwakhuthaza abantu ukuba balwe. Njengoko loo mfazwe yayiqhubeka, omnye umfundisi wathi iinkokeli zecawa ziye “zawuyeka umsebenzi eziwunikwe nguThixo.” Wongezelela wathi: “Nakubeni sisithi singabalungiseleli bakaThixo siye saba ngabalungiseleli bakaSathana.”

9. Ithini iBhayibhile ngabalungiseleli bakaSathana?

9 IBhayibhile ithetha okufanayo ngalo mbandela: ‘USathana uzimilisa okwengelosi yokukhanya. Ngoko ke akunto inkulu ukuba nabalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa. Kodwa isiphelo sabo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.’ (2 Korinte 11:14, 15) Kanye njengokuba abantu abaninzi abangendawo bezenza abalungileyo, uSathana ukhohlisa abantu ngabefundisi ababonakala bengamalungisa kodwa benemisebenzi engendawo nesiqhamo esibolileyo.

10. Iinkokeli zonqulo ziye zamkhanyela njani uThixo?

10 Ehlabathini lonke, iinkokeli zonqulo ziye zashumayela uthando, uxolo nokulunga, kodwa ziye zabangela intiyo, imfazwe nokungahloneli Thixo. IBhayibhile izichaza kakuhle. Ithi: ‘Zivakalisa esidlangalaleni ukuba ziyamazi uThixo, kodwa ziyamkhanyela ngemisebenzi yazo.’​—Tito 1:16.

Phumani ‘KwiBhabhiloni Enkulu’

11. IBhayibhile iluchaza njani unqulo lobuxoki?

11 Sinokubona oko uYehova akucingayo ngonqulo lobuxoki ngokufunda incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo. Kuyo, unqulo lobuxoki luchazwa njengomfazi wokomfuziselo, “iBhabhiloni Enkulu.” (ISityhilelo 17:5) Phawula indlela uThixo ayichaza ngayo:

  • ‘Ihenyukazi elikhulu abahenyuze nalo ookumkani bomhlaba.’ (ISityhilelo 17:1, 2) Kunokuba luthembeke kuThixo, unqulo lobuxoki luye lwagxuphuleka kwezobupolitika, ngokufuthi luxelela oorhulumente oko bamele bakwenze.

  • ‘Kuyo kwafunyanwa igazi labaprofeti nelabo bangcwele nelabo bonke abaye babulawa ngogonyamelo emhlabeni.’ (ISityhilelo 18:24) Unqulo lobuxoki luye lwatshutshisa lwaza lwabulala abakhonzi abathembekileyo bakaThixo yaye lubekek’ ityala ngokubulawa kwezigidi emfazweni.

  • ‘Izizukise yaza yaphila kubunewunewu bokungabi nazintloni.’ (ISityhilelo 18:7) Unqulo lobuxoki lunobutyebi obuninzi, eziye zazityebisa ngabo iinkokeli zalo.

  • ‘Ngoqheliselo lwayo lokusebenzelana nemimoya zonke iintlanga zalahlekiswa.’ (ISityhilelo 18:23) Ngemfundiso yalo yobuxoki yokuba umphefumlo awufi, unqulo lobuxoki luye lwavumela lonke uhlobo lokusebenzelana nemimoya nokukhafula lwaza lwakhuthaza ukoyikwa kwabafileyo nokunqulwa kwezinyanya.

12. IBhayibhile inikela siphi isilumkiso ngokuphathelele unqulo lobuxoki?

12 Ilumkisa abantu ngokuqatha ukuba bazahlule kunqulo lobuxoki, iBhayibhile ithi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningabelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.”​—(ISityhilelo 18:4, 5.

13. Yintoni eza kwenzeka kunqulo lobuxoki nakwabo baluqheliselayo?

13 Kungekudala, iBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, iza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo. IBhayibhile ithi: “Ziya kuza ngamini-nye izibetho zayo, ukufa nokuzila nendlala, yaye iya kutshiswa ngokupheleleyo ngomlilo, ngenxa yokuba uYehova uThixo, oyigwebileyo, womelele.” (ISityhilelo 18:8) Ukuze siphephe ukufumana izibetho zayo, simele siqhawule lonke unxibelelwano kunye nonqulo lobuxoki, singabandakanyeki kuqheliselo, kwimibhiyozo nakwiinkolelo ezingamkholisiyo uThixo. Oku kungxamisekile. Ubomi bethu busesichengeni!​—2 Korinte 6:14-18.