Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 1

Ngaba Zonke Iinkonzo Zifundisa Inyaniso?

Ngaba Zonke Iinkonzo Zifundisa Inyaniso?

1. Ziziphi ezinye zeendidi zonqulo ezikhoyo eAfrika?

PHANTSE wonk’ ubani eAfrika uyavuma ukuba kubalulekile ukunqula uThixo. Kodwa, kukho ukungavumelani ngokuphathelele indlela afanele anqulwe ngayo. Bambi banqula kwizakhiwo zonqulo zamaSilamsi, abanye balandela unqulo lwesithethe kwizakhiwo zeengcwele. Ukanti abanye banqula kwizakhiwo zecawa. Kodwa bekuya kuba yimpazamo ukucinga ukuba zintathu kuphela iinkonzo eAfrika. AmaSilamsi anemithetho neenkolelo ezahlukeneyo. Nalo unqulo lwesithethe luyahluka kakhulu kwiindawo ngeendawo. Kwanakwiicawa ezidumileyo zobuKristu, kukho ukungavisisani okukhulu. Ngaphandle kwezo cawa zidumileyo, kukho amawakawaka eecawa ezizimeleyo kuyo yonke iAfrika.

Unqulo Lwethu Lumele Lusekelwe Enyanisweni

2. (a) Ngokuqhelekileyo abantu balukhetha njani unqulo lwabo? (b) Yintoni engebobungqina bokuba unqulo lwethu luyamkholisa uThixo?

2 Kutheni abantu benqula ngendlela abenza ngayo? Inkoliso yabantu yamkela unqulo lwabazali bayo. Iziganeko zamandulo nazo ziyayiphembelela indlela abantu abanqula ngayo namhlanje. Incwadi ethi The Africans—A Triple Heritage ithi: “UbuSilamsi basasazeka kumantla eSahara ngenxa yoloyiso ezimfazweni, . . . nobuKristu busasazeke ngendlela efanayo kumazantsi eSahara. Emantla eSahara ubuSilamsi basasazwa ngekrele, ukanti emazantsi eSahara ubuKristu basasazwa ngoombayimbayi.” Sekunjalo, inkoliso yethu ikholelwa ukuba unqulo lwethu luyamkholisa uThixo. Kodwa unqulo alubi lolokwenyaniso ngenxa nje yokuba lulolwabazali bethu okanye ngenxa yokuba ookhokho bethu banyanzelwa ngabasemagunyeni ukuba babe kulo.

3-5. Nguwuphi umzekelo osinceda sibone ukuba asizizo zonke iinkonzo ezifundisa inyaniso?

3 Nangona zonke iinkonzo zisithi zikhokelela abantu ekukhonzeni uThixo, kodwa zineembono ezahlukeneyo. Zifundisa izinto ezininzi ezahlukeneyo ngoThixo nangoko akulindeleyo kuthi. Ngokomzekelo: Masithi uqeshwe kwinkampani enkulu. Xa usiya okokuqala emsebenzini, ufika umphathi engekho esekhefini. Ngoko ubuza abanye abathathu abasebenza apho oko ufanele ukwenze. Owokuqala uthi umphathi ufuna ukuba utshayele. Owesibini uthi ufanele upeyinte eso sakhiwo. Owesithathu uthi ufanele uhambise iposi.

4 Emva koko, ubabuza ngenkangeleko yomphathi. Owokuqala uthi umphathi mde, uselula, yaye ungqwabalala. Owesibini uthi mfutshane, mdala, yaye unobubele. Owesithathu ukuxelela ukuba umphathi akayondoda konke konke—ungumfazi. Ngokusengqiqweni, ubuya kugqiba ngelithi abanakuba banyanisile bonke aba bantu. Ukuze ungazibhaqi sele uphelelwa ngumsebenzi, mhlawumbi uya kwenza unako-nako wokuphanda ngakumbi ngomphathi wakho nangoko afuna ukuba ukwenze.

5 Kunjalo ke nangonqulo. Ekubeni kukho iimbono ezininzi ngoThixo nangoko akufunayo kuthi, sifanele siqinisekise ukuba indlela esinqula ngayo iyavisisana nenyaniso. Kodwa sinokuyifunda njani inyaniso ngoThixo?