Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 9

Unqulo Lokwenyaniso Lunokukuzisela Iingenelo Ezingunaphakade!

Unqulo Lokwenyaniso Lunokukuzisela Iingenelo Ezingunaphakade!

1. Kuya kwenzeka ntoni ukuba ‘sisondela kuThixo’?

UYEHOVA uyabathanda abo bamkhonzayo. Ukuba unqula uYehova, uya kukusikelela ngoku nakwixesha elizayo. IBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”​—Yakobi 4:8.

2. Sinokusondela njani kuThixo, yaye oku kuya kuyichaphazela njani imithandazo yethu?

2 Ukuze usondele kuThixo, umele ufundisise iLizwi lakhe uze wenze ngokuvisisana nalo. Xa uthandaza ngokuvisisana nokuthanda kwakhe, uYehova uya kuyiphulaphula imithandazo yakho aze ayiphendule. Umpostile uYohane ongumKristu wabhala wathi: “Sinentembelo [kuThixo] yokuba, kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva. Njengoko sisazi ukuba uyasiva kuko konke esikucelayo, siyazi ke ukuba siza kuzifumana izinto esizicelileyo kuye.”​—1 Yohane 5:14, 15.

3-7. Sinokubufumana njani ubulumko obuvela kuThixo, yaye bunokusinceda njani?

3 Ngaphezu koko, njengoko usondela kuThixo, uya kukunika ubulumko bokuhlangabezana neemeko zobomi bemihla ngemihla. IBhayibhile ithi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo.”​—Yakobi 1:5.

4 Bunokukunceda njani ubulumko obuvela kuThixo? Phakathi kwezinye izinto, bunokukunceda wazi izinto ezingamkholisiyo uYehova. Yaye unokuqonda nesizathu sokuba ezo zinto ziphosakele nendlela onokuziphepha ngayo. Olo lwazi lunokukukhusela kwiingxaki ezininzi ezithwaxa abantu. Ngokomzekelo, ukuthobela isiluleko sikaThixo sokuziphatha kakuhle kukhusela abantu bakaThixo ekukhulelweni okungeyomfuneko, kwizifo ezidluliselwa ngesini nasekonakaleni okanye ekuqhawukeni kwemitshato.

5 Yiyiphi enye indlela obunokukunceda ngayo ubulumko obuvela kuThixo? Bunokukuzisela iingenelo ezinkulu ebomini. Bunokukunceda wenze izigqibo zobulumko, njengokukwazi ukusebenzisa imali kakuhle. Uya kukwazi ukuzibekela usukelo olufanelekileyo uze ukuphephe ukusukela izinto ezingeloncedo.

6 Kwakhona ubulumko obuvela kuThixo bunokukunceda kulwalamano lwakho nabanye. Unokuba nobomi obonwabisayo bentsapho. Unokwakha ubuhlobo bokwenene obuhlala buhleli nabanye, ibe usenokuhlonelwa kwanangabo bangamkhonziyo uThixo.

7 Ngaphezu koko, ukuba nobulumko obuvela kuThixo kuya kuyiphucula indlela obujonga ngayo ubomi. Kuya kukunceda ukwazi ukujamelana namahla-ndinyuka obomi. Kwakhona, uya kuba nembono elungeleleneyo neyakhayo ngekamva. Yaye ukuba nembono entle kuya kukunceda uhlaziyeke engqondweni nasemzimbeni.​—IMizekeliso 14:30; Isaya 48:17.

8. Ukuba ukhonza uThixo, yintoni ongayi kuyoyika?

8 Ukuba ukhonza uThixo, uya kukhululeka kuloyiko oluthwaxa abo bangamkhonziyo. Ekubeni usazi ukuba abafileyo abaphili engcwabeni, akuyi kuboyika abo bafileyo. Ngenxa yokuba uqinisekile ngesithembiso sikaThixo sokuvusa abafileyo, akuyi kukoyika ukufa. Yaye ekubeni usazi ukuba uThixo unamandla, akuyi kuboyika ubugqwirha okanye ukukhafula.​—Yohane 8:32.

Amalungisa Aya Kuwudla Ilifa Umhlaba

9-11. Ngoobani abaya kuhlala eParadesi, yaye ngoobani abangayi kuhlala khona?

9 Ukuba usondela kuThixo, akuyi kuxhalatyiswa likamva. Njengoko sele sibonile, iBhayibhile yazixela kwangaphambili iingxaki ezininzi esizibonayo emhlabeni namhlanje. UYehova usixelela ukuba ezi zinto zezokwexeshana; kungekudala uBukumkani bukaThixo buya kuwenza lo mhlaba ube yiparadesi.​—Luka 21:10, 11, 31; 23:43.

10 Ngabo basondela kuYehova baze bamkhonze kuphela abaya kuhlala eParadesi. IBhayibhile ithi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”​—INdumiso 37:10, 11.

11 Abo bala ngenkani ukuthobela imithetho kaThixo yobulungisa baya kufa ngonaphakade. (2 Tesalonika 1:8, 9) Abayi kubakho. Baya kuthelela uSathana needemon zakhe ekufeni ngonaphakade. (ISityhilelo 20:10, 14) Kodwa abo bafunda ngoYehova baze bamkhonze baya kuziyolisa ngokugqibeleleyo kwiParadesi esemhlabeni.

Ikamva Eliqaqambileyo!

12. Ithini iBhayibhile ngekamva?

12 UYehova ubagcinele izinto ezimyoli abo bamthandayo! Khawukhangele nje oko iLizwi lakhe likutshoyo ngokuphathelele ubomi kwiParadesi esemhlabeni:

  • Intabalala yokutya: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo [okanye, ukutya] okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”​—INdumiso 72:16.

  • Izindlu ezifanelekileyo: “Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu bazihlale.”​—Isaya 65:21.

  • Umsebenzi onandiphekayo: “[Umsebenzi] wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo. Abayi kubulalekela ilize.”​—Isaya 65:22, 23.

  • Akuyi kubakho kugula: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”​—Isaya 33:24.

  • Akuyi kubakho ziphene: “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.”​—Isaya 35:5, 6.

  • Akuyi kubakho ntlungu, usizi, nokufa: “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”​—ISityhilelo 21:4.

  • Akuyi kubakho mfazwe: “[UThixo] uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.”​—INdumiso 46:9.

  • Ubomi obungunaphakade: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”​—INdumiso 37:29.

13. Ngubani ekuphela kwakhe onokuwenza iparadesi umhlaba, yaye ngoba?

13 Abantu abanakukwazi ukuzenza ezo zinto, kodwa nguYehova onamandla okwenza nantoni na athi uya kuyenza. Akukho nto inokumthintela ekwenzeni oko afuna ukukwenza. IBhayibhile ithi: “UThixo akavakalisi nto ingenakwenzeka.”​—Luka 1:37.

14. Unokuyifumana njani indlela esa kubomi obungunaphakade?

14 Esebenzisa amaNgqina akhe, kwiindawo zonke uYehova unika abantu ithuba ‘lokungena ngesango elimxinwa’ nokuze bahambe kwindlela ekhokelela kubomi obungunaphakade. Kwanga ungaba phakathi kwabantu abonwabileyo abasamkelayo eso simemo. Kwanga ungaqhelisela unqulo lokwenyaniso uze unandiphe intsikelelo kaYehova ngonaphakade!​—Mateyu 7:13, 14.