Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 7

Ngoobani Abaqhelisela Unqulo Lokwenyaniso?

Ngoobani Abaqhelisela Unqulo Lokwenyaniso?

1. Simele senze ntoni ukuze sikholise uThixo?

UKUZE sinandiphe ulwalamano oluhle noThixo, simele singabi nanto yakwenza nonqulo lobuxoki. Simele siqhelisele unqulo lokwenyaniso. Namhlanje emhlabeni wonke kukho izigidi zabantu ezenza kanye oko.

2. Afumaneka phi amaNgqina kaYehova, yaye yintoni umsebenzi wawo?

2 Njengokuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili, abanquli bokwenyaniso babumba ‘isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’ (ISityhilelo 7:9) Kumazwe angama-235, izigidi zamaNgqina kaYehova zinceda abanye ukuba bafunde ngeendlela zothando nemilinganiselo kaYehova.

Ukufanisa Abanquli Bokwenyaniso

3. Anqula bani amaNgqina, yaye ziziphi iindlela zonqulo aziphephayo?

3 AmaNgqina ayaqonda ukuba nguYehova kuphela omele anqulwe. Ayala ukuqubuda kwizithixo okanye kwimifanekiso yonqulo. (1 Yohane 5:21) Akabahloneli abantu abafileyo ngokuba nenxaxheba kwimilindelo okanye eminye imibhiyozo ekhuthaza iinkolelo zonqulo lobuxoki ‘neemfundiso zeedemon.’ (1 Timoti 4:1) Noko ke, ayabathuthuzela abo bafelweyo ngokubachazela ngesithembiso sikaThixo sokuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo kwiparadesi esemhlabeni.​—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.

4. Iyintoni imbono yabantu bakaThixo ngokuphathelele umlingo?

4 AmaNgqina akananto yakwenza nomlingo, ukukhafula okanye ubugqwirha, kuba esazi ukuba ezi zinto zivela kuMtyholi. Akathembeli ekukhuselweni ngumlingo​—athembela kuYehova.​—IMizekeliso 18:10.

5. AmaNgqina kaYehova ‘akayonxalenye yehlabathi’ ngayiphi indlela?

5 UYesu wathi abafundi bakhe babengayi kuba ‘yinxalenye yehlabathi.’ (Yohane 17:16) UYesu wala ukuba nenxaxheba kwezobupolitika zomhla wakhe. (Yohane 6:15) Ngokufanayo, amaNgqina akabi nanxaxheba kwezobupolitika, kubuhlanga nasekulweleni izikhundla okukhoyo kweli hlabathi. Noko ke, ayayihlawula irhafu yaye ayayithobela imithetho yelizwe ahlala kulo.​—Yohane 15:19; Roma 13:1, 7.

6. Yiyiphi imigaqo elandelwa ngabakhonzi bakaThixo ngokuphathelele umtshato noqhawulo-mtshato?

6 Ngenxa yokuba ethobela ulwalathiso lukarhulumente, amaNgqina ayaqinisekisa ukuba imitshato yawo ibhaliswa ngokusemthethweni. (Tito 3:1) Ayaluthobela ulwalathiso lukaThixo, yaye ngenxa yoko akasitshati isithembu. (1 Timoti 3:2) Ngokungakumbi, ekubeni bephila ngemigaqo yeBhayibhile, abakhonzi bakaThixo abafane bayiqhawule imitshato yabo.

7. AmaNgqina abonisa njani ukuba ayathandana?

7 AmaNgqina ayathandana. Olu thando, kwanokuthanda kwawo uThixo, luwamanyanisa kubuzalwana bokwenene, nangona ephuma kwizizwe neentlanga ezahlukeneyo. Xa kuvela intlekele okanye amaxesha obunzima, amaNgqina asoloko ekulungele ukuncedana. AmaNgqina abonakalisa uthando ngendlela aphila ngayo.​—Yohane 13:35.

AmaNgqina KaYehova amanyene kubuzalwana behlabathi lonke

8. Ziziphi izenzo ezibi abaziphephayo abakhonzi bakaThixo?

8 Abantu bakaYehova bazabalazela ukuphila ubomi obunyanisekileyo. Bayabuphepha ubusela, ukuxoka, ukuziphath’ okubi, ukunxila nokunganyaniseki kwezoshishino. Amadoda akababethi abafazi bawo. Ngaphambi kokuba babe ngamaNgqina, abanye babezenza ezi zinto, kodwa uYehova wabanceda baziyeka. Baba ‘ngabahlambulukileyo’ emehlweni kaThixo.​—1 Korinte 6:9-11.

Abenzi Bokuthanda KukaThixo

9. Yathini enye incwadi ngokuphathelele iicawa zomoya zaseAfrika?

9 Kakade ke, iinkonzo ezininzi zithi zihamba enyanisweni. Zisenokubhekisela kwimisebenzi yazo enomtsalane njengobungqina boko. Ngokomzekelo, enye incwadi yathi ngokuphathelele iicawa zomoya eAfrika: “Umsebenzi wabo benza umlingo okanye amagqirha uye wathatyathelwa indawo [ngamaqela amatsha obuKristu]. . . . Ema ngelithi ayaprofeta aze enze nemimangaliso. Abaprofeti bawo banikela imibono baze balawule amaphupha. Basebenzisa amanzi athandazelweyo, izithambiso, iziwasho, amakhandlela neziqhumiso ukuze banyange baze bakhusele izifo.”

10, 11. Kutheni imimangaliso yanamhlanje ingebobungqina bokuba unqulo luyamkholisa uThixo?

10 Amalungu ezi cawa athi imimangaliso yazo ibubungqina bokuba unqulo lwawo lusikelelwe nguThixo. Kodwa imimangaliso ayibobungqina bokuba unqulo luyamkholisa uYehova. USathana unika abanye abanquli bobuxoki amandla okwenza ‘imisebenzi yamandla.’ (2 Tesalonika 2:9) Ukongezelela koko, iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba iziphiwo zikaThixo zokwenza imimangaliso, ezifana nokuprofeta, ukuthetha ngeelwimi nolwazi olukhethekileyo, zaziya “kubhangiswa.”​—1 Korinte 13:8.

11 UYesu walumkisa wathi: “Asingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kungena ebukumkanini bamazulu, kodwa ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini oya kungena. Abaninzi baya kuthi kum ngaloo mini, ‘Nkosi, Nkosi, asizange na siprofete egameni lakho, sakhupha iidemon egameni lakho, senza imisebenzi emininzi yamandla egameni lakho?’ Ukanti ndiya kwandula ndivume kubo ndithi: Andizange ndinazi! Mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.”​—Mateyu 7:21-23.

12. Ngoobani abaya kungena eBukumkanini bamazulu?

12 Ngoko ke, ngoobani abaya kungena eBukumkanini bamazulu? Ngabo benza ukuthanda kukaYehova.

Abashumayeli BoBukumkani BukaThixo

13. Nguwuphi umsebenzi uThixo ayalela abantu bakhe ukuba bawenze namhlanje, yaye ngoobani abawenzayo?

13 Yintoni uThixo afuna ukuba abantu bakhe bayenze namhlanje? UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:14) Lo ngumsebenzi amaNgqina kaYehova awenza ngenzondelelo.

14. Buyintoni uBukumkani bukaThixo, yaye ngoobani abaya kulawula kubo?

14 “Kuwo wonke umhlaba omiweyo,” amaNgqina kaYehova ashumayela uBukumkani bukaThixo njengorhulumente oya kulawula wonke umhlaba ngobulungisa. Afundisa ukuba uYehova umisele uKristu Yesu njengoKumkani wobo Bukumkani, ukuba alawule kunye nabali-144 000 abakhethwe phakathi koluntu.​—Daniyeli 7:14, 18; ISityhilelo 14:1, 4.

15. Yintoni obuya kuyitshabalalisa uBukumkani?

15 Esebenzisa iBhayibhile, amaNgqina abonisa abantu ukuba uBukumkani bukaThixo buya kuyitshabalalisa yonke inkqubo kaSathana. Luya kubhangiswa unqulo lobuxoki kwaneemfundiso zalo zokungahloneli Thixo nezizukisa uMtyholi! (ISityhilelo 18:8) Babhangiswe nabo bonke oorhulumente babantu abachasene noThixo!​—Daniyeli 2:44.

16. Ngoobani abaya kuba ngabalawulwa bakaKristu Yesu, yaye baza kuhlala phi?

16 Ukongezelela, amaNgqina kaYehova avakalisa ukuba uKristu Yesu uza kuzisa iingenelo ezibangel’ imincili kubo bonke abo benza oko kufunwa nguThixo. Baya kuba ngabalawulwa bakhe emhlabeni. IBhayibhile ithembisa oku: “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa.”​—INdumiso 72:12, 13.

17. Ngoobani ekuphela kwabo bavakalisa uBukumkani bukaThixo?

17 Alikho elinye iqela labantu elenza ukuthanda kukaThixo ngokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. NgamaNgqina kaYehova kuphela avakalisa uBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke.