AbaZali
Zeziphi ezinye izizathu zokuba uYehova adale umtshato?
Abazali bafanele babajonge njani abantwana babo?
Jonga nomxholo othi “AbaNtwana; Ulutsha”
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 33:4, 5—UYakobi ubajonga njengezipho ezivela kuYehova abantwana bakhe
-
Eks 1:15, 16, 22; 2:1-4; 6:20—UAmram noYokebhede bazala uMoses, futhi babeka ubomi babo engozini ukuze bamkhusele
-
Ngowuphi umsebenzi abazali abamele bawenze ebantwaneni babo?
Kunceda njani ukufundisa abantwana ukuba bathobele uYehova?
Jonga no-2Ti 3:14, 15
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Sa 2:18-21, 26; 3:19—Abazali bakaSamuweli banikela ngonyana wabo ukuba aye kukhonza etempileni, kodwa bamana besiya kumbona qho baze bamncede ngezinto azidingayo; ekukhuleni kwakhe uba yindoda emthandayo uYehova nethembekileyo kuye
-
Luk 2:51, 52—UYesu uhlala ebathobela abazali bakhe nangona bengabantu abenza iimpazamo
-
Abazali banokuyifumana phi into enokubakhokela bakwazi ukukhulisa abantwana babo?
Dut 6:4-9; Efe 6:4; 2Ti 3:14-17
Jonga neNd 127:1; IMi 16:3
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
ABa 13:2-8—Emva kokuba uManowa exelelwe ukuba umfazi wakhe uza kuzala unyana ngokungummangaliso, ucela ukukhokelwa azi indlela yokumkhulisa
-
Nd 78:3-8—UYehova ufuna abazali bafundise abantwana babo izinto abazifunda eZibhalweni
-
Nangona umntwana esenokukhulela kwintsapho ethanda uThixo, yintoni enokumenza angamkhonzi uYehova?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 6:1-5; Yude 6—Nangona iingelosi bezihlala noYehova ezulwini iminyaka emininzi kakhulu, ezininzi zazo zikhetha ukumvukela
-
1Sa 8:1-3—Nangona uSamuweli engumprofeti othembekileyo nolungileyo, oonyana bakhe ngabantu abanganyanisekanga nabamoshayo
-
Abazali bafanele baqalise nini ukufundisa abantwana babo iindlela zikaThixo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Dut 29:10-12, 29; 31:12; Ezr 10:1—Abantwana baba khona xa kukho iintlanganiso ukuze nabo bafunde iindlela zikaYehova
-
Luk 2:41-52—UYosefu noMariya beza qho nabantwana babo, kuquka uYesu, kwitheko lePasika etempileni eYerusalem
-
Yeyiphi imizekelo abafanele bayilandele abazali ekukhuseleni abantwana babo ebantwini abanokubenzakalisa?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Eks 19:4; Dut 32:11, 12—UYehova uzifanisa nokhozi oluthwala, olukhusela noluhoya amantshontsho alo
-
Isa 49:15—UYehova uthembisa ukubahoya nokubakhusela abakhonzi bakhe ngendlela eyogqitha uvelwano umama oncancisayo analo ngosana lwakhe
-
Mat 2:1-16—USathana uzama ukubulala usana olunguYesu ngokwenza ukuba abavumisi ngeenkwenkwezi baye kuKumkani uHerode ongalunganga, kodwa uYehova uyamkhusela unyana Wakhe ngokuxelela uYosefu ukuba afudukele eYiputa nentsapho yakhe
-
Mat 23:37—UYesu ufanisa indlela anqwenela ngayo ukunceda abantu bakhe nendlela isikhukukazi esiwaqokelela nesiwakhusela ngayo amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso
-
Kutheni abazali befanele bafundise abantwana babo ngezinto ezidibene nokwabelana ngesondo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Lev 15:2, 3, 16, 18, 19; Dut 31:10-13—UMthetho KaMoses uthetha phandle ngezinto ezidibene nokwabelana ngesondo, futhi uYehova uyalela ukuba nabantwana babe khona xa ufundwa
-
Nd 139:13-16—Umdumisi uDavide udumisa uYehova ngenxa yendlela emangalisayo owenziwe ngayo umzimba womntu, nangento yokuba umntu ekwazi ukuvelisa inzala
-
IMi 2:10-15—Ulwazi nobulumko obuvela kuYehova bungasikhusela ebantwini abagqwethekileyo nabalahlekisayo
-
Kutheni abazali befanele babaqeqeshe ngothando abantwana babo?
IMi 13:24; 29:17; Yer 30:11; Efe 6:4
Jonga neNd 25:8; 145:9; Kol 3:21
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Nd 32:1-5—Nangona uKumkani uDavide etyiwa sisohlwayo sikaYehova, kuyamkhulula ukwazi ukuba uYehova uyabaxolela abantu abaguquka nyhani ezonweni zabo
-
Yon 4:1-11—Umprofeti uYona uthetha noYehova ecaphuka futhi engenambeko; kodwa, ngomonde uYehova umfundisa ngokuba nenceba
-
Kutheni ingqeqesho inokujongwa njengendlela yokubonisa uthando?