INtliziyo
Sazi njani ukuba xa iBhayibhile ithetha ngentliziyo ithetha ngomntu esinguye ngaphakathi, kuquka izinto esizicingayo, iinjongo, iimpawu, neemvakalelo zethu?
Nd 49:3; IMi 16:9; Luk 5:22; IZe 2:26
Jonga neDut 15:7; Nd 19:8
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
Luk 9:46-48—UYesu ulungisa abapostile bakhe ngenxa yamabhongo awayewabona ezintliziyweni zabo
-
Kutheni kubalulekile ukukhusela iintliziyo zethu?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 6:5-7—Ububi obusentliziyweni yomntu benza kubekho ubundlobongela futhi bubangela ukuba uThixo azise uMkhukula emhlabeni wonke
-
1Ku 11:1-10—UKumkani uSolomon akayikhuseli intliziyo yakhe, utshata abafazi bezinye iintlanga abayibhekelisela kude noYehova intliziyo yakhe
-
Mar 7:18-23—UYesu ucacisa ukuba ziphuma entliziyweni zonke izinto ezinokwenza umntu angcole kuThixo
-
Sinokuyikhusela njani intliziyo yethu?
Nd 19:14; IMi 3:3-6; Luk 21:34; Fil 4:8
Jonga noEzr 7:8-10; Nd 119:11
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
Efe 6:14-18; 1Te 5:8—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba ubulungisa, ukholo, nothando zinokukhusela umntu esinguye ngaphakathi kanye njengokuba impahla yokukhusela isifuba ikhusela intliziyo yokoqobo
-
Sinokwazi njani ukuba kukho ingxaki kumntu esinguye ngaphakathi?
Jonga neMi 6:12-14
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
2Kr 25:1, 2, 17-27—Kangangexesha elithile, uKumkani uAmatsiya wenza izinto ezilungileyo emehlweni kaThixo kodwa hayi ngentliziyo epheleleyo; ethubeni uba nekratshi angamthobeli uYehova, aze afumane imiphumo ebuhlungu
-
Mat 7:17-20—UYesu ubonisa ukuba intliziyo embi ibangela umntu enze izinto ezimbi, kanye njengokuba umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esibolileyo
-
Kutheni sifanele sizame ukuba nentliziyo elungileyo, futhi sinokuzama njani?
Jonga neNd 119:97, 104; Rom 12:9-16; 1Ti 1:5
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
2Ku 20:1-6—Xa ejongene nokufa, uKumkani uHezekiya ucenga uYehova ukuba abe nenceba kuye kuba umkhonze ngentliziyo epheleleyo
-
Mat 21:28-32—UYesu wenza umzekeliso obonisa ukuba indlela umntu ayiyo ngaphakathi ibonakala ngento ayenzayo, ngaphezu kwento athi uza kuyenza
-
Kutheni kuthuthuzela ukwazi ukuba uYehova uhlola iintliziyo zethu?
Jonga no-1Sa 2:3
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Sa 16:1-13—Umprofeti uSamuweli ufunda into yokuba uYehova akajongi indlela umntu abonakala ngayo ngaphandle; endaweni yaloo nto, ujonga intliziyo
-
2Kr 6:28-31—Umthandazo kaKumkani uSolomon xa kunikezelwa itempile kaYehova ubonisa ukuba uThixo uyiqonda kakuhle into esentliziyweni yethu futhi usebenzisa olo lwazi ukuze asikhathalele
-