Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IsAzela

IsAzela

Yintoni ebonisa ukuba uYehova unike bonke abantu isazela?

Rom 2:14, 15

Jonga nama-2Ko 4:2

Kungenzeka ntoni kwisazela xa umntu eqhubeka esenza into engalunganga?

Kwanele ukukholelwa nje kuphela ukuba into esiyenzayo ilungile?

Yoh 16:2, 3; Rom 10:2, 3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 18:1-3; 19:1, 2—UKumkani uYehoshafati wenza ubudenge bokunceda uKumkani uAhabhi ongalunganga ize imcaphukise loo nto uYehova

    • IZe 22:19, 20; 26:9-11—Umpostile uPawulos ubalisa ukuba wayekade ecinga ukuba wenza into elungileyo ngokutshutshisa nokubulala abalandeli bakaKristu

Sinokuqeqeshwa kakuhle njani isazela?

2Ti 3:16, 17; Heb 5:14

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • 1Sa 24:2-7—Isazela sikaKumkani uDavide simenza amphathe kakuhle uKumkani uSawule othanjiswe nguYehova

Abantu abanesono banganesazela esicocekileyo njani kuThixo?

Efe 1:7; Heb 9:14; 1Pe 3:21; 1Yo 1:7, 9; 2:1, 2

Jonga neSi 1:5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Isa 6:1-8—UYehova uqinisekisa umprofeti uIsaya ukuba izono zakhe zinokuxolelwa

    • ISi 7:9-14—Isihlwele esikhulu sicocekile kuYehova ngenxa yamandla acocayo edini likaKristu

Kutheni sifanele sisilandele isazela sethu esiqeqeshwe ngeLizwi LikaThixo?

IZe 24:15, 16; 1Ti 1:5, 6, 19; 1Pe 3:16

Jonga namaRom 13:5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 2:25; 3:6-13—UAdam noEva abasihoyi isazela sabo baze emva koko babe neentloni ngenxa yokungamthobeli uThixo

    • Neh 5:1-13—UMlawuli uNehemiya uzama ukuchukumisa izazela zamaYuda akowabo, angayihoyiyo imithetho kaThixo nabiza inzala eninzi

Kutheni sifanele sikulumkele ukukhubekisa umzalwana okanye udade onesazela esingekaqeqesheki kakuhle?

Sifanele sizimisele ukuba nezazela ezinjani?