IziGqibo
Iingqondo neentliziyo zethu singazilungiselela njani ukwenza izigqibo ezintle?
Kutheni kufuneka singangxami xa sisenza izigqibo ezibalulekileyo?
Kutheni kufuneka singaxhomekeki kwiintliziyo zethu ezingagqibelelanga xa sisenza izigqibo?
Jonga neNum 15:39; IMi 14:12; INt 11:9, 10
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
2Kr 35:20-24—UKumkani uYosiya olungileyo akasihoyi isilumkiso esivela kuYehova aze alwe noFaro Neko
-
Ubaluleke kangakanani umthandazo xa siza kwenza izigqibo ezibalulekileyo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Luk 6:12-16—UYesu uthandaza ubusuku bonke ngaphambi kokuba akhethe abapostile bakhe abayi-12
-
2Ku 19:10-20, 35—UKumkani uHezekiya ukwimeko eyoyikisa kakhulu, ubalekela kuYehova ngomthandazo aze asindiswe
-
Ngubani oyena Mntu unokusikhokela ukuba senze izigqibo ezintle, futhi usinceda njani ukuba sikwazi ukwenza izigqibo?
Nd 119:105; IMi 3:5, 6; 2Ti 3:16, 17
Jonga neNd 19:7; IMi 6:23; Isa 51:4
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
IZe 15:13-18—Iqumrhu elilawulayo eYerusalem lixhomekeka kwiZibhalo kwisigqibo esikhulu kakhulu ekufuneka lisenzile
-
Izigqibo ezimalunga:
Impangelo
Jonga umxholo othi “UmSebenzi”
Indlela yokusebenzisa ixesha
Jonga namaRom 12:11
Izinto ezisisondeza kuYehova
Nayo yonke into ekhoyo ebomini
Ukuzonwabisa
Jonga umxholo othi “UkuziHlaziya”
Umtshato
Jonga umxholo othi “UmTshato”
Unyango
Lev 19:26; Dut 12:16, 23; Luk 5:31; IZe 15:28, 29
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
IZe 19:18-20—AmaKristu ase-Efese ayaziveza ukuba aphume aphela kwizinto ezinemilingo needemoni
-
Abakhonzi bakaThixo abaqolileyo banokusinceda njani sikwazi ukwenza izigqibo ezintle?
Yob 12:12; IMi 11:14; Heb 5:14
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
1Ku 1:11-31, 51-53—UBhatshebha uyalimamela icebiso likamprofeti uNathan, elikhusela yena nonyana wakhe uSolomon
-
Kutheni singafanelanga sixhomekeke ekwenzelweni izigqibo ngabanye abantu?
Kutheni sifanele sizimisele ukusebenzisa amacebiso kaThixo, singawadeleli?
Jonga noLuk 7:30
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 19:12-14, 24, 25—ULote uzama ukulumkisa abakhwenyana abaza kutshata iintombi zakhe ngentshabalalo ezayo, kodwa abamhoyi
-
2Ku 17:5-17—AmaSirayeli ayathinjwa ngenxa yokuhlala engammameli uYehova
-
Kutheni kufuneka sisimamelisise isazela sethu xa sisenza izigqibo?
Kungasinceda njani ukucinga kwangaphambili ngemiphumo yesigqibo?
Indlela esibachaphazela ngayo abanye abantu
Indlela esibuchaphazela ngayo ubuhlobo bethu noYehova
Indlela esilichaphazela ngayo ikamva lethu
Kutheni kufuneka sizimele izigqibo esizenzayo?