Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OoRhulumente

OoRhulumente

Ngowuphi urhulumente amaKristu okwenene amxhasa nazinikela kuye ngentliziyo yonke?

Mat 6:9, 10, 33; 10:7; 24:14

Jonga noDan 7:13, 14

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 89:18-29—Kucaciswa uKumkani onguMesiya, futhi uYehova umnika igunya elingaphezu kwegunya labo bonke abanye abalawuli

    • ISi 12:7-12—Ekuqaleni kwemihla yokugqibela, uKumkani onguMesiya uqalisa ukulawula, uSathana uyagxothwa ezulwini

Abalandeli bakaKristu abathanjisiweyo abasemhlabeni babumela njani uBukumkani BukaThixo?

AmaKristu ayawahlonipha amagunya ehlabathi

Kutheni siyithobela imithetho yehlabathi futhi sibhatala nerhafu?

Rom 13:1-7; Tit 3:1; 1Pe 2:13, 14

Jonga neZe 25:8

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Mat 22:15-22—UYesu uphendula ngobuchule umbuzo wokuba abalandeli bakhe bafanele bayibhatale na irhafu

Kutheni singaziphindezeli naxa sesitshutshiswa?

Yoh 18:36; 1Pe 2:21-23

Jonga umxholo othi “UkuTshutshiswa

AmaKristu akathathi cala

Kutheni amaKristu esala ngembeko ukungathobeli uYehova uThixo naxa amagunya ehlabathi enyanzelisa ukuba angamthobeli?

IZe 4:18-20; 5:27-29

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Dan 3:1, 4-18—AmaHebhere amathathu asematsha ayala ukuthobela umthetho waseBhabhiloni kuba uyangqubana nomthetho kaThixo

    • Dan 6:6-10—Umprofeti uDaniyeli osele ekhulile uyala ukuthobela umthetho karhulumente ongamvumeliyo ukuba athandaze

UYesu waba ngumzekelo njani kubalandeli bakhe ekungathathini icala koorhulumente abangabantu?

Imithetho kaThixo engakuvumeliyo ukunqula izithixo ingamnceda njani umKristu ahlale engathathi cala?

Eks 20:4, 5; 1Ko 10:14; 1Yo 5:21

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Dan 3:1, 4-18—UKumkani uNebhukadenetsare wenza umfanekiso, mhlawumbi oza kusetyenziselwa ukunqula uthixo wobuxoki uMarduk, aze ayalele abantu abaphantsi kwakhe ukuba bawunqule

Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile enokunceda amaKristu xa eyalelwa ukuba axhase imfazwe?

Isa 2:4; Yoh 18:36

Jonga neNd 11:5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 26:50-52—UYesu wenza kucace ukuba abalandeli bakhe abazuzingena iimfazwe zehlabathi

    • Yoh 13:34, 35—UmKristu unokuzibuza, ‘Ndingatsho njani ukuba ndiyawuthobela lo myalelo kaYesu ukuba ndinokuthatha izixhobo ndiye kulwa nabantu belinye ilizwe, mhlawumbi ndihlasele ndize ndibulale abanye abazalwana noodade?’

Kutheni amaKristu engabatoyitoyeli oorhulumente?

Kutheni amaKristu namhlanje engafanelanga othuke xa etyholwa ngokubhukuqa urhulumente okanye ngokuphazamisa uxolo?

Luk 23:1, 2; Yoh 15:18-21

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • IZe 16:19-23—Umpostile uPawulos noSilas baviswa ubuhlungu ngenxa yokushumayela