UbuHlobo Nehlabathi
Ngubani olawula abantu abangakholwayo?
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
Luk 4:5-8—USathana uthembisa uYesu ukuba angamenza abe ngumlawuli wehlabathi, noYesu akaphiki ukuba uSathana unalo igunya lokuyenza loo nto
-
Ukufuna ukuba nobuhlobo nehlabathi kungabuchaphazela njani ubuhlobo bethu noYehova?
Jonga noYak 1:27
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
2Kr 18:1-3; 19:1, 2—UKumkani uYehoshafati olungileyo uyagxekwa ngenxa yokwenza ubuhlobo noKumkani uAhabhi, owenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova
-
Ukwazi indlela uYehova alijonga ngayo eli hlabathi kusinceda njani sikwazi ukukhetha abahlobo?
Jonga umxholo othi “UbuHlobo”
Kutheni singafuni tu ukucinga njengabantu behlabathi xa kufikwa kwimali nokuba nezinto?
Jonga umxholo othi “UkuThanda Imali Nezinto Ezikhoyo”
Kutheni singafuni tu ukufana nehlabathi kwindlela eliyijonga ngayo iminqweno yesondo?
Kutheni amaKristu ekubaleka ukunqula amadoda, amabhinqa, nemibutho?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
IZe 12:21-23—UYehova ubulala uKumkani uHerode Agripa I ngenxa yokuba eye wavumela ukuzukiswa ngabantu
-
ISi 22:8, 9—Ingelosi enamandla ayimvumeli umpostile uYohane ukuba aqubude kuyo, ithi kufanele kunqulwe uYehova kuphela
-
Kutheni amaKristu engathathi cala kwizinto zepolitiki nezelizwe?
Jonga umxholo othi “OoRhulumente—AmaKristu Akathathi Cala”
Kutheni amaKristu engazidibanisi nezinye iicawa?
Jonga umxholo othi “UkuDibana Kweenkolo”
Kutheni amaKristu engafuni nakancinci ukuyekelela kwimithetho nemigaqo kaYehova?
Kutheni amaxesha amaninzi eli hlabathi libazonda futhi libatshutshisa abalandeli bakaKristu?
Kutheni kungebobulumko ukuthanda izinto zeli hlabathi?
AmaKristu alubonisa njani uthando nobubele kwabo bangamkhonziyo uYehova?
Kutheni amaKristu efanele ayihloniphe imithetho ebekwe ngurhulumente, aze athobele abalawuli namagosa?