UbuLumko
Yintoni efunekayo ukuze sibe nobulumko bokwenene?
Singabufumana phi ubulumko bokwenene?
Ngaba kufanelekile ukuthandazela ubulumko kuThixo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
2Kr 1:8-12—UKumkani osemtsha uSolomon uthandazela ubulumko ukuze awalawule kakuhle amaSirayeli, futhi uYehova uyakuvuyela ukumnika
-
IMi 2:1-5—Ubulumko, ukuqonda, nokuqiqa kufaniswa nobuncwane obufihliweyo ekukuhle ukuba sibukhangele, futhi uYehova ubenza babufumane abantu ababukhangela bekhuthele
-
UYehova usebenzisa bani futhi nantoni ukuze asinike ubulumko?
Isa 11:2; 1Ko 1:24, 30; 2:13; Efe 1:17; Kol 2:2, 3
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
IMi 8:1-3, 22-31—Ubulumko buchazwa njengomntu futhi indlela obuchazwa ngayo idibana noNyana kaThixo
-
Mat 13:51-54—Abantu abaninzi abamamele uYesu abaqondi ukuba kwenzeka njani ukuba umntu okhulele phakathi kwabo abe nobulumko obuninzi kangaka
-
Zeziphi ezinye iindlela esinokubonakala ngazo ukuba sinobulumko bukaThixo?
Ubulumko busikhokela futhi busikhusele njani ebomini?
Buxabiseke kangakanani ubulumko obuvela kuThixo?
Jonga noYob 28:18
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Yob 28:12, 15-19—Nangona uYobhi esentlungwini yokuswelekelwa, eqaqanjelwa, futhi elahlekelwe zizinto, ubulela indlela obuxabiseke ngayo ubulumko bukaThixo
-
Nd 19:7-9—UKumkani uDavide uthi umthetho nezikhumbuzo zikaYehova zingamnika ubulumko umntu ongenamava
-
Bunokusenzakalisa njani ubulumko beli hlabathi obungamhoyiyo uThixo?