Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UbuLungisa

UbuLungisa

Ngubani okuphela kwakhe onegunya lokugqiba ukuba yintoni elungileyo okanye ebubulungisa?

Dut 32:4; Hez 33:17-20

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 18:23-33—UYehova uzibonakalisa kuAbraham ukuba unguMgwebi olilungisa

    • Nd 72:1-4, 12-14—Le ndumiso ephefumlelweyo idumisa uKumkani onguMesiya, olilungisa kanye njengoYehova

Kusinceda njani ukuphila ngemithetho nemigaqo kaYehova yobulungisa?

Nd 37:25, 29; Yak 5:16; 1Pe 3:12

Jonga neNd 35:24; Isa 26:9; Rom 1:17

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 37:22-24—UElihu udumisa ubulungisa bukaYehova, omkhulu kangangokuba abantu Bakhe bamhlonipha kakhulu

    • Nd 89:13-17—Umdumisi udumisa uYehova ngenxa yokuba esoloko elawula ngobulungisa

Kuthetha ukuthini ukufuna ubulungisa bukaThixo?

Hez 18:25-31; Mat 6:33; Rom 12:1, 2; Efe 4:23, 24

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 6:9, 22; 7:1—UNowa uyaziveza ukuba ulilungisa ngokwenza yonke into uYehova amcela yona

    • Rom 4:1-3, 9—UYehova umbona njengelungisa uAbraham kuba ubonisa ukuba unokholo olukhulu

Kutheni kufuneka sifune ukuba ngamalungisa kuba sithanda uYehova hayi kuba sifuna abantu basibone ngathi singamalungisa?

Mat 6:1; 23:27, 28; Luk 16:14, 15; Rom 10:10

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 5:20; 15:7-9—UYesu uxelela abantu ukuba babe ngamalungisa kodwa hayi njengababhali nabaFarisi kuba bona bayahanahanisa

    • Luk 18:9-14—UYesu wenza umzekeliso ukuze alungise abantu abafuna ukuzenza amalungisa kodwa babe bebajongela phantsi abanye

Kutheni ukulunga kubhetele kakhulu kunokuba lilungisa?

Kutheni sifanele sikuphephe ukuzenza amalungisa futhi silwe nokufuna ukuziveza ngathi silunge kakhulu kunabanye?