Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkungaLingani Kwabantu

UkungaLingani Kwabantu

Ngaba uhlanga, isiduko, okanye imali umntu anayo imenza abe mkhulu emehlweni kaThixo?

IZe 17:26, 27; Rom 3:23-27; Gal 2:6; 3:28

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Yoh 8:31-40—AmaYuda athile azidla ngokuba enokhokho onguAbraham; kodwa uYesu uyawalungisa kuba indlela enza ngayo ayifani tu neka-Abraham

Ngaba sikhona isizathu sokubajongela phantsi abantu bolunye uhlanga okanye ilizwe?

Yoh 3:16; Rom 2:11

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yon 4:1-11—UYehova ufundisa ngomonde umprofeti uYona ukuba abe nenceba kubantu baseNineve, ababengabantu belizwe elingelolakhe

    • IZe 10:1-8, 24-29, 34, 35—Umpostile uPetros ufundiswa ukuba akafanelanga athi abantu beentlanga abacocekanga, ngoko unceda uKorneli nabantu bendlu yakhe ukuba babe ngamaKristu okuqala angabantu beentlanga abangolukanga

Ngaba amaKristu azizityebi afanele azive emakhulu kunabanye abantu okanye alindele ukuphathwa ngendlela ekhethekileyo?

Ukuba umntu unesikhundla esimenza abe negunya, ngaba loo nto ithetha ukuba mkhulu kunabanye abantu futhi angasiqinisa isandla kubo?

2Ko 1:24; 1Pe 5:2, 3

Yintoni eyenza umntu amkelwe nguThixo?

Ngaba amaKristu afanele azidibanise namaphulo okuzama ukutshintsha imithetho karhulumente avakalelwa kukuba ayinabulungisa?

Efe 6:5-9; 1Ti 6:1, 2

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Yoh 6:14, 15—Nangona abantu abaninzi befuna uYesu alungise iingxaki zelizwe labo, akavumi ukwenziwa ukumkani wasemhlabeni