UkuNqula
Ngubani ekuphela koMntu esifanele simnqule?
Eks 34:14; Dut 5:8-10; Isa 42:8
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Mat 4:8-10—USathana uthembisa ukunika uYesu zonke izikumkani zehlabathi ukuba angenza into ekukumnqula; uYesu uyayikhaba yonke loo nto, uzimisele ukunqula uYehova kuphela
-
ISi 19:9, 10—Ingelosi enamandla ayivumi ukunqulwa ngumpostile uYohane
-
UYehova ufuna simnqule njani?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Isa 1:10-17—UYehova akakwamkeli futhi akavuyiswa kukunqulwa ngabantu abangafuniyo ukuphila ngemithetho nemigaqo yakhe
-
Mat 15:1-11—UYesu ubonisa ukuba uYehova akafuni simnqule silandela izithethe zabantu, kodwa ufuna simnqule silandela imithetho kaThixo
-
Ngoobani esifanele simnqule nabo uYehova qho xa kunokwenzeka?
Jonga neNd 133:1-3
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
IZe 2:40-42—AmaKristu okuqala ayahlanganisana ukuze athandaze kunye, achithe ixesha kunye, futhi afundisise iimfundiso eziphefumlelwe ngomoya oyingcwele
-
1Ko 14:26-40—Umpostile uPawulos uyalela ukuba iintlanganiso zebandla zibe nocwangco futhi zikhuthaze ukuze wonke umntu afunde futhi ayiqonde into efundiswayo
-
Yintoni esifanele siyenze ukuze siqiniseke ukuba simnqula ngendlela eyamkelekileyo uYehova?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Heb 11:6—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba ukholo luyafuneka ukuba sifuna ukumnqula ngendlela eyamkelekileyo uYehova
-
Yak 2:14-17, 24-26—UYakobi, umntakwaboYesu, ucacisa ukuba ukholo lwethu lufanele lukhatshwe zizenzo; ukholo lusenza senze into
-