Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UmTshato

UmTshato

Wabakho njani umtshato?

UmKristu ufanele atshate nabani?

Kutheni umKristu wokwenene engenakuyivuma into yokuba unyana wakhe obhaptiziweyo okanye intombi yakhe ebhaptiziweyo itshate nomntu ongengomkhonzi kaYehova ozinikeleyo nobhaptiziweyo?

1Ko 7:39; 2Ko 6:14, 15

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 24:1-4, 7—UAbraham osele aluphele uzimisele ukufunela unyana wakhe uIsake umfazi ebantwini abakhonza uYehova, hayi kumaKanan, akhonza abanye oothixo

    • Gen 28:1-4—UIsake uyalela uYakobi unyana wakhe ukuba afune umfazi ebantwini abakhonza uYehova, hayi kumaKanan

UYehova uziva njani ngomkhonzi wakhe otshata umntu ongakholwayo?

Dut 7:3, 4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 11:1-6, 9-11—UYehova unomsindo kuKumkani uSolomon ngokungazihoyi izilumkiso zakhe, atshate nabafazi bezinye iintlanga, aze abavumele bayonakalise intliziyo yakhe

    • Neh 13:23-27—UMlawuli uNehemiya unomsindo njengoYehova, wohlwaya aze alungise abantu abaphum’ ecaleni abatshata nabantu abangengomakholwa bamanye amazwe

Kutheni kububulumko ukutshata nomntu okhonza uYehova ngokuthembeka nodume kakuhle?

IMi 18:22; 31:10, 28

Jonga namaEfe 5:28-31, 33

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 25:2, 3, 14-17—UNabhali sisityebi, kodwa ngumyeni ongalunganga kuAbhigali kuba ukhohlakele futhi uyaxhaphaza

    • IMi 21:9—Ukuba asikhethi ngobulumko sinokutshata nomntu oza kusenza singonwabi futhi singabi seluxolweni

    • Rom 7:2—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba xa umfazi etshata, uba phantsi kwegunya lomyeni ongumntu oneempazamo; ngoko umfazi osisilumko uvula amehlo xa ekhetha umntu aza kutshata naye

Ukulungiselela umtshato

Kutheni indoda ifanele iqiniseke ukuba ingakwazi ukukhathalela umfazi nabantwana ngaphambi kokuba icinge ngokutshata?

1Ti 5:8

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • IMi 24:27—Ngaphambi kokuba indoda itshate okanye ibe ngutata, kufuneka isebenze nzima ukuze izokwazi ukuxhasa intsapho yayo

Kutheni abantu ababini abathandanayo befanele bahoye kakhulu ukufumana amacebiso obulumko nokwazana kakuhle ngaphezu kokuhoya ukuba omnye ubonakala enjani?

IMi 13:10; 1Pe 3:3-6

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Rut 2:4-7, 10-12—UBhohazi ufunda uRute ngokujonga indlela asebenza ngayo nangokumamela izinto ezinokuthenjwa ezithethwayo ngaye, ngokujonga indlela asebenzisana ngayo nentsapho yakhe, nendlela amthanda ngayo uYehova

    • Rut 2:8, 9, 20—URute ufunda uBhohazi ngokujonga indlela anobubele ngayo, apha ngayo, nendlela amthanda ngayo uYehova

Kutheni uYehova elindele ukuba abantu abathandanayo baziphathe ngendlela ecocekileyo ngexesha lokuthandana kwabo nasemva kokungejana kwabo?

Gal 5:19; Kol 3:5; 1Te 4:4

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IMi 5:18, 19—Ezinye iindlela zokubonisana uthando zezabantu abatshatileyo kuphela

    • Ngo 1:2; 2:6—Ngexesha lokuthandana kwabo, umalusi nomShulamikazi babonisana indlela abathandana ngayo ngendlela ecocekileyo, hayi ngendlela engacocekanga kuba beqhutywa kukufuna ukwanelisa iminqweno yesondo

    • Ngo 4:12; 8:8-10—UmShulamikazi uhlala eyintombi eziphethe kakuhle nekwaziyo ukuzibamba; ufana negadi etshixiweyo

Kutheni indoda nomfazi kufuneka batshate ngokusemthethweni?

Imisebenzi yomyeni

Yeyiphi imisebenzi enzima enikwe umyeni?

Umyeni ongumKristu ufanele alinganise bani kwindlela abusebenzisa ngayo ubuntloko?

Kubaluleke kangakanani ukuba umyeni aziqonde izinto ezidingwa ngumfazi wakhe nendlela avakalelwa ngayo nokuba amphathe ngothando?

Kol 3:19; 1Pe 3:7

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 21:8-12—UYehova uyalela uAbraham ukuba amamele umfazi wakhe, uSara, nangona uAbraham engalithandi icebiso lakhe

    • IMi 31:10, 11, 16, 28—Umyeni osisilumko womfazi olungileyo, ochazwe kwezi vesi, akamlawuli futhi akamgxeki; endaweni yaloo nto, uyamthemba umfazi wakhe futhi uyamncoma

    • Efe 5:33—Amazwi aphefumlelweyo kampostile uPawulos abonisa ukuba umfazi ukudinga ngendlela ekhethekileyo ukuboniswa yindoda yakhe ukuba iyamthanda

Imisebenzi yomfazi

Ngowuphi umsebenzi obalulekileyo uYehova awunike abafazi abangamaKristu?

Ngaba indawo yomfazi emtshatweni ithoba isidima?

Gen 1:26-28, 31; 2:18

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IMi 1:8; 1Ko 7:4—Emtshatweni nasentsatsheni, likhona igunya elithile uThixo alinike umfazi nomama

    • 1Ko 11:3—Umpostile uPawulos ucacisa ukuba uYehova wenze ukuba wonke umntu abe nentloko, ngaphandle kukaThixo uSomandla

    • Heb 13:7, 17—Ebandleni, amadoda nabafazi bafanele basebenzisane nabo bakhokelayo futhi babathobele

Umfazi ongumKristu onendoda engakholwayo angamvuyisa njani uYehova?

Kutheni umfazi ongumKristu efanele ahlale emhlonipha umyeni wakhe?

Efe 5:33

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

Ngumfazi onjani onconywayo yiBhayibhile?

IMi 19:14; 31:10, 13-31

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 24:62-67—URebheka unceda umyeni wakhe, uIsake, ukuba athuthuzeleke emva kokuswelekelwa ngumama wakhe

    • 1Sa 25:14-24, 32-38—UAbhigali ukhusela umyeni wakhe osisidenge aze asindise indlu yakhe ngokucenga uDavide ezithobile

    • Est 4:6-17; 5:1-8; 7:1-6; 8:3-6—UKumkanikazi uEstere ubeka ubomi bakhe engozini kabini ngokuya kumyeni wakhe, ikumkani, ukuze aye kumcenga ukuba kukhuselwe abantu bakaThixo

Ukulungisa iingxaki

Yeyiphi imigaqo enokunceda abantu abatshatileyo balungise iingxaki ezivelayo emtshatweni?

Yeyiphi imigaqo enokunceda abantu abatshatileyo benze izigqibo ezilungileyo ngemali?

Yeyiphi imigaqo enokunceda abantu abatshatileyo balungise iingxaki ezimalunga nezizalwana kunye nabantu bakulomyeni okanye bakulonkosikazi?

Yeyiphi imigaqo enokukhokela abantu abatshatileyo ekwabelaneni ngesondo?

Kutheni kubalulekile ukuhoya iimpawu ezintle anazo umntu otshate naye kunokuhoya izinto angazenzi kakuhle?

Kutheni kubalulekile ukulungisa iingxaki ngothando nangokukhawuleza kunokuhlala uqumbile okanye unomsindo?

Kutheni ukugqajukelwa ngumsindo, ukungxolisa, ukuhlaba ngamazwi, nokuxhaphaza nangaluphi na uhlobo kungamkelekanga tu kumaKristu?

Xa indoda nomfazi kukho into abangavani ngayo, yintoni efanele ibe yinjongo yabo?

Ukufaka uYehova emtshatweni kuza neziphi iintsikelelo?

Imithetho nemigaqo yeBhayibhile ngomtshato

Ithini imithetho nemigaqo kaYehova malunga nokwabelana ngesondo nomtshato?

AmaKristu afanele akujonge njani ukuba nesithembu?

Sazi njani ukuba umtshato yinto efanele ibe phakathi kwendoda nomfazi?

Kutheni indoda nomfazi befanele bangohlukani?

Sesiphi ekuphela kwesizathu esiseZibhalweni esivumela amaKristu ukuba aqhawule umtshato?

Uziva njani uYehova xa kuqhawulwa umtshato ngaphandle kwesizathu esivumelekileyo?

Xa umyeni okanye inkosikazi isweleka, ngaba lo ushiyekileyo ukhululekile ukuba angaphinda atshate?