Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYesu Kristu

UYesu Kristu

Ibaluleke kangakanani indlela uYehova amsebenzisa ngayo uYesu ukuze enze ukuthanda Kwakhe?

IZe 4:12; 10:43; 2Ko 1:20; Fil 2:9, 10

Jonga neMi 8:22, 23, 30, 31; Yoh 1:10; ISi 3:14

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 16:13-17—Umpostile uPetros uchaza ukuba uYesu nguKristu noNyana kaThixo

    • Mat 17:1-9—UYesu uyatshintshwa phambi kwabapostile bakhe abathathu, aze uYehova athethe ngoNyana Wakhe esezulwini

Yintoni eyayimenza uYesu ahluke kubo bonke abantu?

Yoh 8:58; 14:9, 10; Kol 1:15-17; 1Pe 2:22

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 21:1-9—Ukungena kukaYesu eYerusalem ehamba ngedonki kuzalisekisa isiprofeto esingoKumkani onguMesiya, okhethwe nguYehova

    • Heb 7:26-28—UPawulos ucacisa indlela uYesu, onguMbingeleli Omkhulu kunabo bonke, ahluke ngayo kwabanye ababingeleli abakhulu

Imimangaliso kaYesu isifundisa ntoni ngaye noTata wakhe?

Yoh 3:1, 2; 5:36

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 4:23, 24—UYesu ubonisa ukuba unamandla kuneedemon nokuba uyakwazi ukunyanga naluphi na uhlobo lwesigulo

    • Mat 14:15-21—UYesu wondla ngokungummangaliso amawakawaka abantu abalambileyo ngokwandisa izonka ezintlanu neentlanzi ezimbini

    • Mat 17:24-27—UYesu wenza ummangaliso wokuba kufumaneke imali yokubhatala irhafu yasetempileni nokuze kungabikho oza kukhubeka

    • Mar 1:40, 41—UYesu usizela umntu oneqhenqa aze amphilise, into ebonisa ukuba ukufuna nyhani ukuphilisa abantu abagulayo

    • Mar 4:36-41—UYesu uzolisa isaqhwithi esikhulu, ebonisa ukuba uTata wakhe umnike amandla okulawula imozulu

    • Yoh 11:11-15, 31-45—UYesu uliliswa kukusweleka komhlobo wakhe uLazaro; emva koko uyamvusa, into ebonisa ukuba uyakucaphukela ukufa neenkathazo okuzibangelayo

Yintoni eyona nto iphambili awayeshumayela ngayo uYesu?

Zeziphi ezinye iimpawu ezithandekayo ezabonakalayo kuYesu xa wayelapha emhlabeni? Phawula indlela awabonakala ngayo ukuba . . .

Ulumkile—Mat 12:42; 13:54; Kol 2:3

Unesibindi—Mat 4:2-11; Yoh 2:13-17; 18:1-6

Unothando—Yoh 13:1; 14:31; 15:13; 1Yo 3:16

Unovelwano; unenceba—Mar 5:25-34; Luk 7:11-15

Uthobekile—Mat 11:29; 20:28; Yoh 13:1-5; Fil 2:7, 8

Uyafikeleleka—Mat 13:2; Mar 10:13-16; Luk 7:36-50

Uyathobela—Luk 2:40, 51, 52; Heb 5:8

Kwakutheni ukuze uYesu anikele ngobomi bakhe, futhi isinceda ngantoni thina loo nto?

Kutheni ifanele isivuyise into yokuba uYesu Kristu enguKumkani olawulayo ezulwini?

Nd 72:12-14; Dan 2:44; 7:13, 14; ISi 12:9, 10

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Nd 45:2-7, 16, 17—Le ndumiso ibonisa ukuba uKumkani okhethwe nguThixo wayeza koyisa zonke iintshaba zakhe aze alawule ngenyaniso, ngokuthobeka, nangobulungisa

    • Isa 11:1-10—Xa uYesu enguKumkani olawulayo, umhlaba uza kuba yiparadesi enoxolo

Yintoni uYesu aza kuyenza kungekudala?