Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni Oyikholelwayo?

Yintoni Oyikholelwayo?

Abantu abaninzi abaneembono ezigabadeleyo bakholelwa ukuba umhlaba nayo yonke into ekuwo yadalwa kwiintsuku ezintandathu eziziiyure ezingama-24, kumawaka nje ambalwa eminyaka eyadlulayo. Abanye abantu bafundisa ukuba uThixo akakho, ukuba iBhayibhile yincwadi yeentsomi yaye zonke izinto eziphilayo zazivelela ngamabona-ndenzile.

Inkoliso yabantu ayazi ukuba ikhethe yiphi kwezi nkolelo. Ekubeni ufunda le ncwadana inemifanekiso, kusenokwenzeka ukuba nawe ungomnye wabantu abanjalo. Mhlawumbi uyakholelwa kuThixo yaye uyayihlonela iBhayibhile. Kodwa kusenokwenzeka nokuba uyazixabisa izimvo zezazinzulu ezifunde zayityekeza nezibalaseleyo ezingakholelwayo ukuba izinto eziphilayo zadalwa. Ukuba ungumzali, usenokungazi ukuba ubaphendule uthini abantwana bakho xa bebuza ngemfundiso yokuzivelela kwezinto nangendalo.

Yintoni Injongo Yale Ncwadana Enemifanekiso?

Injongo yale ncwadana enemifanekiso asikokugxeka iimbono zabantu abakholelwa ukuba izinto eziphilayo zadalwa ngeentsuku ezintandathu eziziiyure ezingama-24 kwanezo zabangakholewayo kuThixo. Kodwa ke, sinethemba lokuba iza kukushukumisela ukuba uphinde uzihlolisise iinkolelo zakho. Iza kunikela inkcazelo ngengxelo yeBhayibhile yendalo ekusenokwenzeka ukuba akuzange ukhe ucinge ngayo ngaphambili. Iza kuphinda ibethelele isizathu sokuba kubalulekile nje oko ukukholelwayo ngokuphathelele indlela ubomi obaqala ngayo.

Ngaba uza kubakholelwa abantu abathi akakho uMdali okrelekrele nabathi iBhayibhile ayinakuthenjwa? Okanye uza kuhlolisisa oko ngokwenene kuthethwa yiBhayibhile? Ziziphi iimfundiso ofanele ukholelwe kuzo: zezeBhayibhile okanye zezabantu abakholelwa ukuba izinto eziphilayo zazivelela? (Hebhere 11:1) Kutheni ungakhe uzifumanele inyaniso nje?