Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 07

Unjani UYehova?

Unjani UYehova?

Ucinga ukuba uYehova uThixo ngumntu onjani? Ucinga ukuba umangalisa ngeyona ndlela, ukude kakhulu njengeenkwenkwezi neeplanethi? Okanye ucinga ukuba unamandla kodwa akanabuntu, njengendudumo? Unjani kanye kanye uYehova? IBhayibhile iyasixelela ukuba uYehova unjani, isixelela nokuba ukukhathalele.

1. Kutheni singenakumbona uThixo?

“UThixo unguMoya.” (Yohane 4:24) UYehova akanamzimba ufana nowethu. Ungumntu ongabonakaliyo, ohlala ezulwini, kwindawo esingenakuyibona.

2. Zeziphi ezinye iimpawu anazo uYehova?

Asinakumbona uYehova, kodwa xa sisiya simazi siye simthande kuba ngumntu wokwenene, ibe uneempawu ezintle. IBhayibhile ithi: “UYehova uthanda ubulungisa, ibe akazukubalahla abo banamathela kuye.” (INdumiso 37:28) Uphinda abe ‘novelwano nenceba,’ kakhulu kubantu abaneengxaki. (Yakobi 5:11) “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; uyabasindisa abo batyhafileyo.” (INdumiso 34:18, umbhalo osemazantsi.) Ubuyazi nokuba izinto esizenzayo zinokumenza avuye uYehova okanye akhathazeke? Kaloku umntu okhetha ukwenza izinto ezimbi uyamphoxa, ibe umenza akhathazeke. (INdumiso 78:40, 41) Kodwa owenza izinto ezilungileyo uyamvuyisa.—Funda iMizekeliso 27:11.

3. UYehova ubonisa njani ukuba uyasithanda?

Olona phawu luzodlula zonke ezinye iimpawu zikaYehova, luthando. Phofu, “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Asiyifundi nje eBhayibhileni into yokuba uYehova uyasithanda, kodwa siyibona nakwizinto azidalileyo. (Funda iZenzo 14:17.) Khawucinge nje ngendlela asenze ngayo. Usenze sakwazi ukubona imibala emihle, ukumamela umculo omnandi saza sakwazi nokungcamla ukutya okuvuzisa izinkcwe. UYehova ufuna sonwabe.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda indlela uYehova azenza ngayo izinto ezimangalisayo. Funda nangeendlela uYehova asibonisa ngazo iimpawu zakhe ezintle.

4. Umoya oyingcwele ngamandla kaThixo asebenzayo

Njengokuba thina sisebenzisa izandla zethu xa sisebenza, uYehova yena usebenzisa umoya oyingcwele. IBhayibhile isibonisa ukuba umoya oyingcwele ayingomntu, kodwa ngamandla uThixo awasebenzisayo ukuze enze izinto. Funda uLuka 11:13 neZenzo 2:17, nize nincokole ngale mibuzo:

  • UThixo uza “kuthulula” umoya wakhe oyingcwele kwabo bawucelayo. Ngoko, ucinga ukuba umoya oyingcwele ngumntu okanye ngamandla kaThixo asebenzayo? Kutheni usitsho?

UYehova usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze enze izinto ezimangalisayo. Funda iNdumiso 33:6 no-2 Petros 1:20, 21, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Zeziphi ezinye iindlela uYehova awusebenzisa ngazo umoya wakhe oyingcwele?

5. UYehova uneempawu ezintle

UMoses wayengumkhonzi kaThixo othembekileyo, kodwa wayefuna ukumazi kakuhle uMdali wakhe. Yiloo nto wathi kuYehova: “Ndicela undixelele iindlela zakho, ukuze ndikwazi.” (Eksodus 33:13) Xa uYehova wayephendula uMoses, wambonisa ukuba ungumntu onjani. Funda iEksodus 34:4-6, nize nincokole ngale mibuzo:

  • UYehova wathi ungumntu onjani kuMoses?

  • Zeziphi iimpawu zikaYehova ozithanda kakhulu?

6. UYehova ubakhathalele abantu

Abantu bakaThixo, amaHebhere, ayengamakhoboka eYiputa. UYehova wayeziva njani xa abantu bakhe babephethwe kakubi? Dlala AMAZWI AREKHODIWEYO nihambisane nawo, okanye ufunde iEksodus 3:1-10. Emva koko, nincokole ngale mibuzo.

  • Le nto yenzeka apha, ikuxelela ntoni ngendlela uYehova aziva ngayo xa kusenzeka izinto ezibuhlungu ebantwini?​—Jonga ivesi 7 no-8.

  • Ucinga ukuba uYehova uyafuna nyhani ukubanceda abantu, ibe uyakwazi nyhani ukuyenza loo nto? Kutheni usitsho?

7. Sinokubona ukuba uYehova unjani kwizinto azidalileyo

UYehova uyasibonisa ukuba ungumntu onjani kwizinto azidalileyo. Dlala IVIDIYO. Emva koko, funda amaRoma 1:20, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Zeziphi iimpawu zikaYehova ozibonayo kwizinto azidalileyo?

ABANYE ABANTU BATHI: “UThixo ayingomntu, ngumoya nje okuyo yonke indawo.”

  • Ucinga ntoni wena?

  • Kutheni usitsho?

UFUNDE NTONI?

UYehova nguMntu esingenakumbona, uneempawu ezininzi ezintle, kodwa oluzodlula zonke luthando.

Khawutsho

  • Kutheni singenakumbona uYehova?

  • Yintoni umoya oyingcwele?

  • Zeziphi ezinye iimpawu zikaYehova?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Zama ukuqonda ezinye izinto ezininzi ngoYehova ngokufunda ngeempawu zakhe ezine ezibalulekileyo.

“Unjani UThixo?” (IMboniselo No. 1 2019)

Funda izinto ezibonisa ukuba uYehova akakho kuyo yonke indawo.

“Ngaba UThixo Ukho Kuyo Yonke Indawo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda ukuba kutheni iBhayibhile isithi umoya oyingcwele sisandla sikaThixo.

“Yintoni UMoya Oyingcwele?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Kwakunzima kwenye indoda engaboniyo ukukholelwa ukuba uThixo uyayithanda. Funda ukuba yintoni eyayenza yatshintsha indlela eyayicinga ngayo.

“Ngoku Ndingabanceda Abanye” (IMboniselo, Oktobha 1, 2015)