Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 15

Ngubani UYesu?

Ngubani UYesu?

UYesu ngomnye wabona bantu badumileyo bakha baphila. Abantu abaninzi bayalazi igama lakhe kodwa akukho nto ingako bayaziyo ngaye. Kanti abaninzi bacinga izinto ezahlukeneyo ngokuba ungubani kanye kanye uYesu. IBhayibhile ithini ngaye?

1. Ngubani uYesu?

UYesu uyingelosi enamandla. Uhlala ezulwini. Wadalwa nguYehova ngaphambi kokuba kudalwe zonke ezinye izinto. IBhayibhile ithi: “Kwaqala kwadalwa yena kuyo yonke indalo.” (Kolose 1:15) Iphinda ithi ‘nguNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo’ kuba nguye yedwa owadalwa nguYehova engancediswa ngumntu. (Yohane 3:16) UYesu wayesebenza ngokusondeleyo noTata wakhe, uYehova, emncedisa ekudaleni zonke ezinye izinto. (Funda iMizekeliso 8:30.) Nangoku uYesu usasondele kakhulu kuYehova. Usisithethi sakhe, okanye “uLizwi,” kuba udlulisela imiyalezo nemithetho kaThixo.​—Yohane 1:14.

2. Kwakutheni ukuze uYesu eze emhlabeni?

Kwiminyaka emalunga neyi-2 000 eyadlulayo, uYehova wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze adlulisele ubomi bukaYesu kwisibeleko sentombi engazange ilale nandoda ekuthiwa nguMariya. Ngenxa yaloo nto, uYesu wazalwa engumntu. (Funda uLuka 1:34, 35.) Weza emhlabeni ukuze abe nguMesiya othenjisiweyo, okanye uKristu, nokuze asindise abantu. a Zonke izinto ekwakuprofetwe ngazo eBhayibhileni ezithetha ngoMesiya zenzeka. Loo nto yanceda abantu bayazi ukuba uYesu “unguKristu, uNyana woThixo ophilayo.”​—Mateyu 16:16.

3. Uphi uYesu ngoku?

Emva kokuba uYesu efile, uThixo wamvusa wayingelosi waza wabuyela ezulwini. Apho, “uThixo wamphakamisa wambeka kwisikhundla esiphezulu.” (Filipi 2:9) Ngoku, uYesu uyingelosi enamandla kakhulu. NguYehova yedwa onamandla ngaphezu kwakhe.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ezinye izinto ngokuba ngubani kanye kanye uYesu nokuba kutheni kubaluleke kakhulu ukufunda ngaye.

4. UYesu akangoThixo uSomandla

IBhayibhile ifundisa ukuba uYesu uyingelosi enamandla ezulwini, kodwa uthobela uThixo okwanguTata wakhe, uYehova. Kutheni sisitsho nje? Dlala IVIDIYO ukuze ubone ukuba iBhayibhile ifundisa ntoni ngendlela uYesu ohluke ngayo kuThixo.

Ezi vesi zilandelayo zisinceda siqonde ukuba uyintoni uYesu kuYehova. Zifundeni zonke ezi vesi, nize nincokole ngale mibuzo.

Funda uLuka 1:30-32.

  • Ingelosi yathi uyintoni uYesu kuYehova uThixo, ‘Oyena Uphakamileyo’?

Funda uMateyu 3:16, 17.

  • Emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, lathini ilizwi elalivela ezulwini?

  • Ucinga ukuba yayililizwi likabani?

Funda uYohane 14:28.

  • Ngomphi omdala nonesikhundla esiphezulu? Ngutata okanye ngunyana?

  • UYesu wathi uYehova nguTata wakhe. Isifundisa ntoni loo nto?

Funda uYohane 12:49.

  • Ngaba uYesu ucinga ukuba yena noTata wakhe bangumntu omnye? Ucinga ntoni wena?

5. Yintoni eyabonisa ukuba uYesu unguMesiya?

IBhayibhile ineziprofeto ezininzi ezazinokunceda abantu bambone uMesiya, okhethwe nguThixo ukuba asindise abantu. Dlala IVIDIYO ukuze ufunde ngezinye izinto ekwaprofetwa ngazo waza wazenza uYesu xa wayelapha emhlabeni.

Funda ezi ziprofeto zeBhayibhile, nize nincokole ngale mibuzo:

Funda uMika 5:2 ukuze uve ukuba uMesiya wayeza kuzalelwa phi. b

  • Ngaba yenzeka nyhani le nto yayiprofetiwe?—Mateyu 2:1.

Funda iNdumiso 34:20 noZekariya 12:10 ukuze uve ukuba yathini iBhayibhile ngokufa kukaMesiya.

  • Zenzeka ezi zinto zaziprofetiwe?—Yohane 19:33-37.

  • Ngaba ucinga ukuba ikhona into eyenziwa nguYesu kwangaphambili ukuze kwenzeke ezi ziprofeto?

  • Le nto ikufundisa ntoni ngoYesu?

6. Kuyasinceda ukufunda ngoYesu

IBhayibhile ithi kubaluleke kakhulu ukufunda ngoYesu nento uThixo afuna ukuba ayenze. Funda uYohane 14:6 no-17:3, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni kubalulekile ukufunda ngoYesu?

UYesu wasivulela indlela yokuba ngabahlobo bakaThixo. Wafundisa inyaniso ngoYehova, ibe sinokufumana ubomi obungunaphakade ngaye

UKUBA UMNTU UTHI: “AmaNgqina KaYehova awakholelwa kuYesu.”

  • Ungamphendula njani?

UFUNDE NTONI?

UYesu uyingelosi enamandla. UnguNyana KaThixo. UnguMesiya.

Khawutsho

  • Wadalwa nini uYesu?

  • Wayesenza ntoni uYesu ngaphambi kokuba eze emhlabeni?

  • Siyazi njani into yokuba uYesu unguMesiya?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ngezinye izinto ezisinceda siyazi into yokuba uYesu nguMesiya.

“Ngaba Iziprofeto Ezithetha NgoMesiya Zibonisa Ukuba YayinguYesu UMesiya?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Funda ukuba iBhayibhile ithi uThixo wayenguTata kaYesu ngendlela efanayo na nootata abasemhlabeni.

“Kutheni UYesu Ebizwa Ngokuba NguNyana KaThixo?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Yiva ukuba kutheni imfundiso yokuba uThixo uneziqu ezithathu ingasuki eBhayibhileni.

“Ngaba UYesu UnguThixo?” (IMboniselo, Aprili 1, 2009)

Funda indlela obatshintsha ngayo ubomi belinye ibhinqa emva kokuba liphande ukuba iBhayibhile ithini ngoYesu.

“Inkosikazi YomYuda Ichaza Isizathu Sokuba Ishiye Unqulo LobuYuda” (Vukani!, Meyi 2013)

a Isifundo 26 no-27 ziza kusixelela ukuba kutheni abantu kufuneka besindisiwe nokuba uYesu usisindisa njani.

b Funda iSihlomelo 2 ukuze ubone isiprofeto esachaza ukuba uMesiya wayeza kufika nini apha emhlabeni.