Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 34

Singambonisa Njani UYehova Ukuba Siyamthanda?

Singambonisa Njani UYehova Ukuba Siyamthanda?

Ngaba uThixo umthanda kakhulu ngoku kunaxa wawusaqala ukufunda iBhayibhile? Ngaba uyafuna ukuqhubeka usondela kuye? Ukuba uthi ewe, khumbula ukuba xa uYehova ekubona usiya umthanda kakhulu, naye uza kukuthanda kakhulu aze akukhathalele. Ungambonisa njani ke ukuba uyamthanda?

1. Sinokumbonisa njani uYehova ukuba siyamthanda?

Sinokubonisa ukuba siyamthanda uYehova ngokumthobela. (Funda 1 Yohane 5:3.) Akanyanzeli mntu ukuba amthobele. Sonke usinika ithuba lokuzikhethela ukuba siyafuna na ukumthobela, okanye asifuni. Ngoba? Kaloku uYehova ufuna simthobele “ngokusuka entliziyweni.” (Roma 6:17) Le nto ithetha ukuba uYehova akafuni umthobele kuba unyanzelekile, kodwa kuba umthanda. Kule ncwadi, kukho iCandelo 3 no-4 elenzelwe ukukunceda ukuze ukwazi ukubonisa uYehova ukuba uyamthanda, ngokwenza izinto azithandayo nokungazenzi azicaphukelayo.

2. Yintoni enokwenza kube nzima ukubonisa uYehova ukuba siyamthanda?

“Zininzi iingxaki zelungisa.” (INdumiso 34:19) Sonke sineengxaki ngenxa yokuba nesono. Ngamanye amaxesha sisenokuba neengxaki zemali, siphathwe kakubi nezinye iingxaki. Xa kusenzeka ezi zinto, kusenokuba nzima ukwenza izinto uYehova azifunayo, kuze kube lula ukwenza angazifuniyo. Kodwa ukuba uyazenza izinto uYehova azifunayo, ubonisa ukuba uyamthanda ngaphezu kwayo nantoni na, ubonisa nokuba unyanisekile kuye. Naye ke uza kunyaniseka kuwe, ibe akasoze akulahle.​—Funda iNdumiso 4:3.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba kutheni uYehova evuya xa umthobela, ibe yintoni enokukunceda ukwazi ukuyenza le nto.

3. Nawe wakutyhola uSathana

Kwincwadi yeBhayibhile, uYobhi, sifunda ukuba uSathana watyhola uYobhi nabo bonke abantu abafuna ukukhonza uYehova. Funda uYobhi 1:1, 6–2:10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • USathana uthi kwakutheni ukuze uYobhi athobele uYehova?​—Jonga uYobhi 1:9-11.

  • USathana wathini ngawe nangabanye abantu?​—Jonga uYobhi 2:4.

Funda uYobhi 27:5b, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • UYobhi wabonisa njani ukuba umthanda nyhani uYehova?

UYobhi wabonisa ukuba uyamthanda uYehova ngokuhlala enyanisekile kuye

Sibonisa ukuba siyamthanda uYehova ngokuhlala sinyanisekile kuye

4. Vuyisa intliziyo kaYehova

Funda iMizekeliso 27:11, nize nincokole ngale mibuzo:

  • UYehova uziva njani xa ulumkile naxa umthobela? Kutheni usitsho?

5. Ungakwazi ukunyaniseka kuYehova

Indlela esimthanda ngayo uYehova isenza sifune ukuxelela abanye ngaye. Kuba sinyanisekile kuye, siye sixelele abanye ngaye noba sekunzima. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Ngaba kukhe kube nzima kuwe ukuxelela abanye ngoYehova?

  • Kule vidiyo, yintoni encede uGrayson washumayela ngoku ebesoyika?

Kuba lula ukunyaniseka kuYehova xa sizithanda izinto azithandayo, sizicaphukela nazicaphukelayo. Funda iNdumiso 97:10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kwezi zinto uzifundileyo, ziintoni uYehova azithandayo? Ziintoni azicaphukelayo?

  • Unokwenza njani ukuze uzithande izinto ezilungileyo, uze uzicaphukele ezimbi?

6. Ukuthobela uYehova kuyasinceda

Ukuthobela uYehova kusoloko kusinceda. Funda uIsaya 48:17, 18, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Xa ucinga, sinokumthemba uYehova ukuba usoloko ezazi izinto eziza kusinceda? Kutheni usitsho?

  • Ukufunda iBhayibhile nokufunda ngoYehova kukuncede njani?

UKUBA UMNTU UTHI: “UThixo akazikhathalelanga izinto endizenzayo.”

  • Yeyiphi ivesi onokumbonisa yona echaza ukuba izinto esizenzayo zinokumvuyisa okanye zimkhathaze uYehova?

UFUNDE NTONI?

Sibonisa ukuba siyamthanda uYehova xa simthobela naxa sizenza izinto afuna sizenze noba sekunzima.

Khawutsho

  • Ufunde ntoni kuYobhi?

  • Uza kumbonisa njani uYehova ukuba uyamthanda?

  • Yintoni eza kukunceda ukuba uhlale unyanisekile kuYehova?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Jonga ukuba unganyaniseka njani kuYehova nasebandleni.

“Kulowo Unyanisekileyo Uya Kwenza Ngokunyaniseka” (16:49)

Jonga ukuba abantwana bangabonisa njani ukuba bayamthanda uYehova.

Vuyisa UYehova (8:16)

Ulutsha lungazenza njani izinto ezifunwa nguYehova naxa oontanga bezama ukulwenzisa izinto ezimbi?

Melana Nengcinezelo Yoontanga! (3:59)