Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 42

Ithini IBhayibhile Ngokutshata Nokungatshati?

Ithini IBhayibhile Ngokutshata Nokungatshati?

Kwezinye iindawo, abantu bakholelwa ukuba umntu ongatshatanga akanakonwaba. Kodwa bakhona abantu abangatshatanga abonwabileyo, bakhona nabatshatileyo abangonwabanga. Inyani kukuba, iBhayibhile ithi ukutshata nokungatshati ziziphiwo ezihle ezivela kuYehova.

1. Kunceda ngantoni ukungatshati?

IBhayibhile ithi: “Nabani na otshatayo wenza into entle, kodwa nabani na ongatshatiyo wenza into entle nangaphezulu.” (Funda 1 Korinte 7:32, 33, 38.) Kuthethwa ukuthiwani xa kusithiwa umntu ongatshatanga “wenza into entle nangaphezulu”? AmaKristu angatshatanga awanamyeni okanye inkosikazi afanele ayihoye. Le nto iwenza abe nexesha elininzi. Ngokomzekelo, ayakwazi ukusebenzisa ixesha lawo ukuze amenzele izinto ezininzi uYehova, njengokuyoshumayela kwamanye amazwe. Enye into entle nangaphezulu kukuba ayakwazi ukusebenzisa ixesha lawo elininzi esondela kuYehova.

2. Kunceda ngantoni ukutshata ngokusemthethweni?

Nako ukutshata kunezinto okunceda ngazo njengokungatshati. IBhayibhile ithi: “Ababini babhetele kunomnye.” (INtshumayeli 4:9) Le nto ithethwa kule vesi ibonakala kakuhle kumaKristu asebenzisa amacebiso eBhayibhile emitshatweni yawo. Abantu ababini abatshata ngokusemthethweni baye bathembisane ukuba baza kuhlala bethandana, behloniphana, ibe bekhathalelana. Le nto ibenza bangafani nabantu abahlalisanayo, abasenokuba nexhala lokuba bangohlukana nanini na. Nabantwana babo bayonwaba.

3. UYehova uwujonga njani umtshato?

Xa uYehova wenza umtshato wokuqala, wathi: “Indoda iza kumshiya utata nomama wayo, ithi nca emfazini wayo.” (Genesis 2:24) UYehova ufuna indoda nomfazi wayo bathandane baze bahlale kunye ubomi babo bonke. Akayifuni idivosi, ngaphandle kokuba kukho okrexezileyo. Xa kunjalo, uYehova ufuna indoda okanye umfazi walowo ukrexezileyo azikhethele ukuba uza kudivosa na. a (Mateyu 19:9) Ufuna nokuba umKristu atshate umntu omnye qha.​—1 Timoti 3:2.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba ungamvuyisa njani uYehova uze nawe wonwabe nokuba utshatile okanye awutshatanga.

4. Sisebenzise kakuhle isiphiwo sokungatshati

UYesu wathi ukungatshati sisiphiwo. (Mateyu 19:11, 12) Funda uMateyu 4:23, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • UYesu wasisebenzisa njani isiphiwo sakhe sokungatshati ukuze akhonze uTata wakhe aze ancede abantu?

Abantu abangatshatanga bangonwaba xa benokulinganisa indlela uYesu awayephila ngayo. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Ziintoni amaKristu angatshatanga anokuzenza?

Ngaba ubuyazi?

IBhayibhile ayichazi ukuba umntu kufuneka abe ngakanani ukuze atshate. Kodwa, icebisa ukuba ulutsha lulinde lude lube ‘ludala ngokwaneleyo’ kuba lusenokuba neminqweno yesondo enamandla enokwenza kube nzima ukuba lwenze izigqibo ezifanelekileyo.​—1 Korinte 7:36.

5. Mkhethe kakuhle umntu oza kutshata naye

Ukukhetha umntu oza kutshata naye sesinye sezona zigqibo zibalulekileyo onokuzenza ebomini. Funda uMateyu 19:4-6, 9, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni umKristu engafanele akhawuleze atshate umntu engakhange ayicingisise kakuhle loo nto?

IBhayibhile ingakunceda uyazi ukuba ufanele ujonge ntoni kumntu oza kutshata naye. Eyona nto ibalulekileyo kukukhangela umntu othanda uYehova. b Funda 1 Korinte 7:39; 2 Korinte 6:14. Emva koko, nincokole ngale mibuzo:

  • Kutheni sifanele sitshate nomntu okhonza uYehova qha?

  • Ucinga ukuba uYehova angaziva njani xa sinokukhetha ukutshata umntu ongamthandiyo?

Ukuba izilwanyana ezimbini ezingafaniyo zibotshelelwe ndawonye, kuza kuba nzima kuzo. NomKristu otshate umntu ongamkhonziyo uYehova uza kuba neengxaki ezininzi

6. Wujonge njengoYehova umtshato

KwaSirayeli, amanye amadoda ayedivosa abafazi bawo kuba ezicingela odwa. Funda uMalaki 2:13, 14, 16, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni uYehova ecaphuka xa kukho abantu abadivosa kungekho mntu ukrexezileyo?

Umntu okrexezayo kuze kudivoswe ukhathaza umyeni okanye inkosikazi yakhe nabantwana bakhe

Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

  • Ukuba utshate nomntu ongamthandiyo uYehova, ungenza njani ukuze kube mnandi emtshatweni wenu?

7. Sebenzisa amacebiso kaYehova emtshatweni

Umntu kufuneka abe nezinto azenzayo ukuze asebenzise amacebiso kaYehova emtshatweni. c Into emnandi kukuba uYehova uyabasikelela abo bawasebenzisayo. Dlala IVIDIYO.

Funda amaHebhere 13:4, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Xa ucinga, izinto uYehova azifunayo emtshatweni ziyasinceda? Kutheni usitsho?

UYehova ufuna amaKristu abhalise xa etshata naxa edivosa, kuba kumazwe amaninzi lowo ngumthetho karhulumente. Funda uTito 3:1, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ukuba utshatile, uqinisekile ukuba umtshato wakho ubhalisiwe?

UKUBA UMNTU UTHI: “Andiyazi ukuba kutheni abantu betshata. Kutheni bengavele bahlalisane?”

  • Ungaphendula uthini?

UFUNDE NTONI?

Ukutshata nokungatshati ziziphiwo ezivela kuYehova. Abantu abatshatileyo nabangatshatanga bangonwaba baze baneliseke xa bephila ngendlela uYehova afuna ngayo.

Khawutsho

  • Umntu angasisebenzisa njani isiphiwo sakhe sokungatshati?

  • Kutheni iBhayibhile isithi sifanele sitshate nabantu abakhonza uYehova qha?

  • IBhayibhile ithi bangadivosa xa kutheni abantu?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Kuthetha ukuthini ukutshata ‘umlandeli weNkosi’ qha?

“Imibuzo Evela Kubafundi” (IMboniselo, Julayi 1, 2004)

Bukela iividiyo ezintathu ezinokukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo ngokuthandana nangokutshata.

Ukulungiselela Umtshato (17:05)

Funda ukuba kutheni omnye umzalwana esithi uYehova wamnika izinto ezixabiseke kakhulu kunezinto awazincamayo.

Ndandifuna Ukuba Naye Ayifumane Inyaniso (1:56)

Ziintoni umntu afanele aqale azicinge ngaphambi kokuba ohlukane okanye adivose nomntu atshate naye?

“Kuhloniphe ‘Oko UThixo Akubophelele Ngedyokhwe Ndawonye’” (IMboniselo, Disemba 2018)

a Jonga iSihlomelo 4 esithetha ngokwahlukana kwabantu abatshatileyo xa kungekho mntu ukrexezileyo.

b Kwezinye iindawo, abazali bayabakhethela abantwana babo ukuba baza kutshata nabani. Xa kunjalo, abazali ababathandayo abantwana babo, bakhangela umntu omthandayo uYehova, hayi umntu onemali.

c Ukuba uyahlalisana, kufuneka uzikhethele ukuba uza kumshiya na loo mntu okanye uza kumtshata.