Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 44

Ngaba Zonke Izinto Ezibhiyozelwayo Ziyamvuyisa UThixo?

Ngaba Zonke Izinto Ezibhiyozelwayo Ziyamvuyisa UThixo?

UYehova ufuna sibonwabele ubomi, size ngamanye amaxesha sibhiyozele izinto ezithile. Kodwa ngaba zonke izinto ezibhiyozelwayo ziyamvuyisa? Singambonisa njani uYehova ukuba siyamthanda xa sikhetha izinto esiza kuzibhiyozela?

1. Kutheni izinto ezininzi ezibhiyozelwayo engazifuni uYehova?

Awunokukholelwa xa unokufunda ukuba ezinye izinto ezibhiyozelwayo azisuki eBhayibhileni, okanye zisuka kubuhedeni. Kanti ezinye zisuka kwiinkonzo zobuxoki. Zisenokudibana needemon, okanye nemfundiso yokuba umphefumlo awufi. Ezinye izinto ezibhiyozelwayo zaqalwa ngabantu abakholelwa kwithamsanqa nakwizinto ezingeyonyani. (Isaya 65:11) UYehova uthi kubakhonzi bakhe: “Nizahlule, ningayichukumisi into engcolileyo.”​—2 Korinte 6:17. a

2. UYehova uziva njani xa kusenziwa imibhiyozo ezukisa abantu?

UYehova uthi asimele ‘sithembele emntwini.’ (Funda uYeremiya 17:5.) Kwezinye iiholide, kuzukiswa abantu abalawulayo okanye amajoni. Abanye babhiyozela izinto ezimela ilizwe okanye inkululeko. (1 Yohane 5:21) Ngezinye iiholide, abantu babhiyozela imibutho yeepolitiki okanye yasekuhlaleni. UYehova angaziva njani xa sinokuzukisa umntu okanye umbutho, ingakumbi okhuthaza ukuba kwenziwe izinto angazifuniyo?

3. Yintoni eyenza eminye imibhiyozo ingafunwa nguThixo?

IBhayibhile ithi asimele ‘sisele kakhulu, sihambe iipati ezingalawulekiyo, size sikhuphisane ngokusela utywala.’ (1 Petros 4:3) Kweminye imibhiyozo, abantu abalawuleki futhi benza izinto ezimbi. Ukuze ke thina sihlale singabahlobo bakaYehova, asifanele sisondele kwizinto ezinjalo.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba ungamvuyisa njani uYehova xa ukhetha izinto oza kuzibhiyozela.

4. Ungazibhiyozeli izinto ezingamvuyisiyo uYehova

Funda amaEfese 5:10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Yintoni esifanele siqiniseke ngayo xa sikhetha ukuba siza kuyibhiyozela na iholide ethile?

  • Zeziphi izinto ezidla ngokubhiyozelwa kwindawo ohlala kuyo?

  • Ucinga ukuba ezo zinto zibhiyozelwayo ziyamvuyisa uYehova?

Ngokomzekelo, ngaba wakhe wazibuza ukuba uYehova ucinga ntoni xa kubhiyozelwa imihla yokuzalwa? EBhayibhileni, akakho umkhonzi kaYehova esichazelwa ngaye owabhiyozela umhla wokuzalwa, kodwa ithi babini abantu ababhiyozela umhla wokuzalwa futhi babengamkhonzi. Funda iGenesis 40:20-22 noMateyu 14:6-10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Yintoni eyenzekayo efanayo kule mibhiyozo mibini?

  • Emva kokufunda ezi vesi, ucinga ukuba uYehova uziva njani ngokubhiyozelwa kwemihla yokuzalwa?

Kodwa usenokuba uyazibuza, ‘Ngaba uYehova uyikhathalele into yokuba kukho into endiyenzayo xa kuza kubhiyozelwa umhla wokuzalwa okanye enye into engavunyelwayo yiBhayibhile?’ Funda iEksodus 32:1-8. Emva koko, dlala IVIDIYO nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kutheni simele siqiniseke ukuba senza izinto ezifunwa nguYehova?

  • Singayenza njani loo nto?

Singayazi njani into uYehova angafuniyo ukuba ibhiyozelwe?

  • Ngaba isuka kwiimfundiso ezingekho seBhayibhileni? Ukuze wazi impendulo, khangela ukuba yaqala njani.

  • Ngaba izukisa abantu, imibutho, okanye izinto ezimela ilizwe? Sizukisa uYehova yedwa, kwaye nguye esimthembileyo ukuba uza kulungisa iingxaki ezisemhlabeni.

  • Ngaba kwenziwa izinto ethi iBhayibhile azifanelekanga? Sifanele sihlale sicocekile.

5. Nceda abanye ukuba bazihloniphe izinto ozikholelwayo

Kusenokuba nzima ukungavumi xa abanye besithi bhiyozela izinto uYehova angazifuniyo. Zicacise kakuhle izinto ongazukwazi ukuzenza uze ube nomonde. Ukuze ubone umzekelo wendlela yokuyenza le nto, dlala IVIDIYO.

Funda uMateyu 7:12, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Emva kokufunda le vesi, ucinga ukuba ufanele uyixelele intsapho yakho engengomaNgqina ukuba ayimele iyibhiyozele iholide ethile?

  • Ziintoni onokuzenza ukuze ubonise intsapho yakho ukuba uyayithanda futhi uyikhathalele ngoku ungazibhiyozeliyo ezinye izinto nayo?

6. UYehova ufuna sonwabe

UYehova ufuna sonwabe neentsapho kunye nabahlobo bethu. Funda iNtshumayeli 8:15, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Le vesi ibonisa njani ukuba uYehova ufuna sonwabe?

UYehova ufuna abantu bakhe bonwabe kunye. Dlala IVIDIYO ukuze ubone indlela eyenzeka ngayo le nto kwiindibano zethu zezizwe ngezizwe.

Funda amaGalati 6:10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngaba kunyanzelekile ukuba sibhiyozele iiholide ukuze sibenzele “izinto ezintle” abantu?

  • Ngaba ungavuyiswa kukupha kuba kuyiholide okanye kuba ufuna?

  • Ngamanye amaxesha, amaNgqina kaYehova adla ngokudibana ukuze enzele abantwana bawo izinto ezintle, ade abaphe nezipho. Ukuba unabantwana, ziintoni onokubenzela zona?

ABANYE ABANTU BATHI: “Ayibalulekanga into yokuba iholide yaqala njani. Eyona nto ibalulekileyo, kukuba kunye nentsapho yakho nabahlobo.”

  • Uthini wena?

UFUNDE NTONI?

UYehova ufuna sonwabe neentsapho nabahlobo bethu, kodwa akafuni sibhiyozele izinto angazifuniyo.

Khawutsho

  • Ukuze sibone ukuba ziintoni uYehova angafuniyo sizibhiyozele, yeyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?

  • Singazinceda njani iintsapho nabahlobo bethu ukuze baqonde ukuba kutheni singazibhiyozeli iiholide ezithile?

  • Wazi njani ukuba uYehova ufuna sonwabe?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Jonga izinto ezine ezenza sithi uThixo akafuni sibhiyozele imihla yokuzalwa.

“Kutheni AmaNgqina KaYehova Engawubhiyozeli Umhla Wokuzalwa?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Jonga ukuba yintoni entle lo mfana ayenzileyo xa abanye bebemgezela kuba engayibhiyozeli iKrismesi.

Thetha Kakuhle Xa Ugezelwa (2:04)

AmaKristu amaninzi akhetha ukungayibhiyozeli iKrismesi. Ucinga ntoni wena?

“Bafumene Eyona Nto Ibhetele” (IMboniselo, Disemba 1, 2012)

a Jonga iSihlomelo 5 ukuze ufunde ukuba ungenza njani xa kukho abantu ababhiyozela iholide.