Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 46

Kutheni Ufanele Uzinikele Uze Ubhaptizwe?

Kutheni Ufanele Uzinikele Uze Ubhaptizwe?

Xa uzinikela kuYehova, uye uthandaze kuye umthembisa ukuba uza kukhonza yena yedwa, ibe uza kuba ngoyena ubalulekileyo ebomini bakho. (INdumiso 40:8) Emva koko, uyabhaptizwa. Xa usenza le nto, ubonisa abanye ukuba uzinikele kuYehova. Ukukhetha ukuzinikela kuYehova, sesona sigqibo sibalulekileyo sinokusenza. Kaloku esi sigqibo siyabutshintsha ubomi bakho. Yintoni enokukukhuthaza ukuba usenze?

1. Yintoni eyenza umntu azinikele kuYehova?

Sizinikela kuYehova kuba simthanda. (1 Yohane 4:10, 19) IBhayibhile ithi: “Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo wakho wonke, ngengqondo yakho yonke nangamandla akho onke.” (Marko 12:30) Indlela esimthanda ngayo uThixo, ayibonakali kwizinto esizithethayo qha, kodwa nakwesizenzayo. Le nto ifana nabantu ababini abathandanayo baze batshate. Nathi, kuba simthanda uYehova, siye sifune ukuzinikela kuye size sibhaptizwe.

2. Zeziphi izinto ezintle uYehova azenzela amaNgqina akhe abhaptiziweyo?

Xa ubhaptizwa, uba kwintsapho kaYehova eyonwabileyo. Uza kutsho ubone indlela akuthanda ngayo kwizinto ezininzi, uze usondele nakakhulu kuye. (Funda uMalaki 3:16-18.) UYehova uza kuba nguTata wakho, kodwa akuphelelanga apho, uza kuba nentsapho yabazalwana noodade abasemhlabeni wonke abamthandayo nabakuthandayo. (Funda uMarko 10:29, 30.) Kodwa ke zikhona izinto ofanele uzenze ngaphambi kokuba ubhaptizwe. Kufuneka ufunde ngoYehova, umthande, uze ubonise ukholo kuNyana wakhe. Ekugqibeleni, umele uzinikele kuYehova. Ukuba uyazenza ezi zinto uze ubhaptizwe, ungakwazi ukuphila ubomi obumnandi ngonaphakade. ILizwi LikaThixo lithi: “Into efana naleyo enisindisayo ngoku . . . kukubhaptizwa.”​—1 Petros 3:21.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba kutheni kubalulekile ukuba uzinikele kuYehova uze ubhaptizwe.

3. Sonke sifanele sikhethe ukuba siza kukhonza bani

KwaSirayeli, abantu babecinga ukuba bangakwazi ukukhonza uYehova baze bakhonze uBhahali, uthixo wobuxoki, ngexesha elinye. Kodwa uYehova wathumela umprofeti wakhe uEliya ukuze abalungise. Funda 1 Kumkani 18:21, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni awayefanele akhethe ukuyenza amaSirayeli?

Nathi, njengamaSirayeli sifanele sikhethe ukuba siza kukhonza bani. Funda uLuka 16:13, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kutheni singenakukhonza uYehova nomnye umntu okanye nenye into ngexesha elinye?

  • Singambonisa njani uYehova ukuba sikhetha ukukhonza yena?

4. Cinga ngendlela uYehova akuthanda ngayo

UYehova usiphe izipho ezininzi ezintle. Singamnika ntoni thina? Dlala IVIDIYO.

Zeziphi ezinye iindlela uYehova akubonise ngazo ukuba uyakuthanda? Funda iNdumiso 104:14, 15 no-1 Yohane 4:9, 10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Zeziphi izipho ozithanda kakhulu uYehova akunike zona?

  • Ezi zipho zikwenza uzive njani ngaye?

Xa kukho umntu osinike isipho esisithanda nyhani, siye sifune ukumbulela. Funda iDuteronomi 16:17, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Njengoko ucinga ngazo zonke izinto uYehova akwenzele zona, yintoni ozimisele ukuyenza?

5. Xa uzinikela kuYehova, uza kukusikelela ngeendlela ezininzi

Abantu abaninzi bacinga ukuba xa bedumile, benomsebenzi, okanye benemali, baza konwaba. Yinyani leyo? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Le ndoda ikule vidiyo yayikuthanda ukudlala ibhola. Yayekela ntoni ke?

  • Yakhetha ukuzinikela kuYehova, hayi kwibhola. Ucinga ukuba yenza isigqibo esifanelekileyo? Kutheni usitsho?

Ngaphambi kokuba uPawulos abe ngumKristu wayesebenzela ukuba nomsebenzi ohlonitshwayo ngabantu. Wafundiswa umthetho wamaYuda yindoda eyaziwayo. Kodwa yonke loo nto wayincama ukuze abe ngumKristu. Wazisola ke? Funda amaFilipi 3:8, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kwakutheni ukuze uPawulos athi izinto awayezenza ngaphambi kokuba abe ngumKristu uzijonga “njengenkunkuma eninzi”?

  • Wafumana ntoni?

  • Phakathi kokukhonza uYehova nokwenza ezinye izinto, yeyiphi onokuthi ibhetele?

Xa uPawulos waba ngumKristu, wafumana izinto ezininzi kunezo wazincamayo

ABANYE ABANTU BATHI: “Akubalulekanga ukuzinikela kuThixo.”

  • Ucinga ukuba kutheni kubalulekile ukuba uzinikele kuYehova?

UFUNDE NTONI?

Indlela esimthanda ngayo uYehova isenza sifune ukuzinikela kuye size sibhaptizwe.

Khawutsho

  • Kutheni simele simthande ngentliziyo yethu yonke uYehova size simkhonze?

  • Zeziphi izinto ezintle uYehova azenzela amaNgqina akhe abhaptiziweyo?

  • Ngaba uyafuna ukuzinikela kuYehova?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Jonga ukuba yintoni eyenza eli bhinqa nale ndoda bazinikela kuYehova.

Ulutsha Luyabuza​—Ndiza Kwenza Ntoni Ngobomi Bam?​—Ukujonga Apho Ndisuka Khona (6:54)

Funda nezinye izinto ekubaluleke ngazo ukuzinikela.

“Kutheni Ufanele Uzahlulele KuYehova?” (IMboniselo, Januwari 15, 2010)

Kule vidiyo yomculo, khawubone indlela abavuya ngayo abantu abazinikela kuYehova.

Ndizinikela Kuwe (4:30)

Kwibali elithi “Kangangeminyaka Bendizibuza Ukuba, ‘Kutheni Silapha?’” khawujonge ukuba yintoni eyanceda eli bhinqa lacinga ngezinto ezibalulekileyo kulo.

“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Novemba 1, 2012)