ISIFUNDO 55
Nceda Ibandla Lakho
Emhlabeni wonke, kukho iimiliyoni zabantu ezikhonza uYehova kumabandla amaninzi. Aba bantu baluvuyela kakhulu ukhokelo abalufumanayo ibe baxhasa uYehova ngeendlela ezininzi. Ngaba nawe uziva ngendlela efanayo ngebandla lakho?
1. Zeziphi iindlela ongasebenzisa ngazo ixesha namandla akho ukuze uncede ibandla?
Sonke singakwazi ukunceda ebandleni. Ngokomzekelo, ebandleni lakho, ngaba bakhona abazalwana noodade abakhulileyo okanye abanengxaki yempilo? Ungakwazi ukubanceda baye ezintlanganisweni? Ungakwazi ukubathengela ukutya nezinto abazidingayo okanye uyokucoca izindlu zabo? (Funda uYakobi 1:27.) Enye indlela esinokunceda ngayo kukucoca nokuhoya iHolo yethu yoBukumkani. Akukho mntu usinyanzelayo ukuba sizenze ezi zinto. Indlela esimthanda ngayo uYehova nabazalwana noodade isenza ‘sizinikele ngokuvumayo.’—INdumiso 110:3.
AmaNgqina abhaptiziweyo angakwazi ukunceda ibandla nangezinye iindlela. Abazalwana abafanelekayo bangaba zizicaka zolungiselelo nabadala. Enye into, abazalwana noodade bangakwazi ukuxhasa umsebenzi wokushumayela ngokuba ngoovulindlela. Abanye basenokuncedisa xa kusakhiwa iindawo esikhonzela kuzo, okanye bayokuhlala kwindawo enebandla elidinga uncedo.
2. Singayisebenzisa njani imali yethu nezinto esinazo ukuze sincede ibandla?
Singakwazi ukumnika “imbeko uYehova ngezinto [zethu] ezixabisekileyo.” (IMizekeliso 3:9) Ukunikela ngemali nangezinye izinto esinazo ukuze sixhase ibandla, nomsebenzi wokushumayela owenziwa emhlabeni wonke, kuyasivuyisa. (Funda 2 Korinte 9:7.) Iminikelo yethu inceda nabantu abehlelwe yintlekele. Abaninzi ‘babeka ecaleni loo nto banokukwazi ukunikela ngayo.’ (Funda 1 Korinte 16:2.) Sinokunikela kwiibhokisi zeminikelo ezikwiindawo esikhonzela kuzo okanye kwi-intanethi ku-donate.pr418.com. UYehova usinika ithuba lokubonisa indlela esimthanda ngayo ngendlela esiyisebenzisa ngayo imali nezinto esinazo.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Jonga ezinye iindlela onokulinceda ngazo ibandla.
3. Singasebenzisa izinto esinazo
UYehova noYesu bathanda umntu opha evuya. Ngokomzekelo, uYesu wancoma omnye umhlolokazi owayenemali encinci kakhulu, kodwa wakhetha ukunikela ngayo. Funda uLuka 21:1-4, nize nincokole ngale mibuzo:
-
Ngaba kufuneka sinikele ngemali eninzi ukuze sivuyise uYehova?
-
UYehova noYesu baziva njani xa sinikela sivuya?
Ukuze ufunde ukuba iminikelo isetyenziswa njani, dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.
-
Iminikelo isetyenziswa njani ukuze incede amabandla asemhlabeni wonke?
4. Singancedisa
Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abakhonzi bakaYehova babesebenza ngokuzimisela ukuze bahoye iindawo ababekhonzela kuzo. Kodwa babengapheleli ekunikeleni kuphela. Funda 2 Kronike 34:9-11, nize nincokole ngalo mbuzo:
-
AmaSirayeli ancedisana njani onke ukuze ahoye indlu kaYehova okanye indawo awayekhonzela kuyo?
Ukuze ubone ukuba amaNgqina kaYehova awalinganisa njani amaSirayeli, dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo
-
Kutheni kubalulekile ukuba sigcine iindawo esikhonzela kuzo zicocekile futhi zisemgangathweni?
-
Zeziphi ezinye iindlela onokunceda ngazo?
5. Abazalwana banokusebenzela ukufanelekela ukwenza eminye imisebenzi ebandleni
IBhayibhile ikhuthaza ukuba abazalwana basebenzele ukwenza imisebenzi emininzi ukuze bancede ibandla. Ukuze ubone umzekelo, dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.
-
Kule vidiyo, uRyan wenze njani ukuze ancedise ngakumbi ebandleni?
IBhayibhile iyazichaza izinto ezilindeleke kubazalwana abazizicaka zolungiselelo nabadala. Funda 1 Timoti 3:1-13, nize nincokole ngale mibuzo:
UKUBA UMNTU UTHI: “AmaNgqina KaYehova ayithatha phi imali yokwenza umsebenzi awenzayo?”
-
Ungamphendula uthini?
UFUNDE NTONI?
UYehova uyavuya xa sisebenzisa ixesha, amandla nemali yethu ukuze sincede ibandla.
Khawutsho
-
Singalisebenzisa njani ixesha namandla ethu ukuze sincede ibandla?
-
Singayisebenzisa njani imali nezinto esinazo ukuze sincede ibandla?
-
Zeziphi iindlela ofuna ukulinceda ngazo ibandla?
JONGA NEZI ZINTO
Jonga ukuba kutheni uThixo engasayaleli ukuba abakhonzi bakhe bakhuphe izishumi.
“Ithini IBhayibhile Ngokukhupha Izishumi?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)
Funda ukuba kuthetha ukuthini ‘ukuzimisela’ ebandleni.
“Ngaba ‘Uzabalazela Umsebenzi Omhle’?” (IMboniselo, Septemba 15, 2014)
Jonga abazalwana abanesibindi abancama izinto ezininzi ukuze baphathele abanye abazalwana iincwadi.
Ngokwahlukileyo kwezinye iinkonzo, jonga ukuba umsebenzi wethu uxhaswa njani.
“Uxhaswa Njani Ngemali Umsebenzi WamaNgqina KaYehova?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)