Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 1

Simphulaphula Njani UThixo?

Simphulaphula Njani UThixo?

UThixo uthetha nathi esebenzisa iBhayibhile. 2 Timoti 3:16

UThixo oyinyaniso wayalela abantu ukuba babhale iingcinga zakhe kwincwadi enye engcwele. Loo ncwadi yiBhayibhile. Inenkcazelo ebalulekileyo uThixo afuna ukuba uyazi.

UThixo uyakwazi okona kusilungeleyo yaye unguMthombo wabo bonke ubulumko. Ukuba uyamphulaphula uya kuba sisilumko.IMizekeliso 1:5.

UThixo ufuna ukuba wonke umntu osemhlabeni ayifunde iBhayibhile. Ngoku ifumaneka ngeelwimi ezininzi.

Ukuba ufuna ukuphulaphula uThixo, umele uyifunde uze uyiqonde iBhayibhile.

Abantu abakuyo yonke indawo bayaphulaphula. Mateyu 28:19

AmaNgqina kaYehova anokukunceda uyiqonde iBhayibhile.

Ehlabathini lonke, afundisa inyaniso ngoThixo.

Oku akwenza ngaphandle kwentlawulo. Unokufunda ngoThixo nakwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova ekwindawo ohlala kuyo.