Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 2

Ngubani UThixo Oyinyaniso?

Ngubani UThixo Oyinyaniso?

Mnye kuphela uThixo oyinyaniso, igama lakhe nguYehova. (INdumiso 83:18) UnguMoya; asinakumbona. Uyasithanda yaye ufuna nathi simthande. Ufuna ukuba sibathande nabanye abantu. (Mateyu 22:35-40) UnguMongami, uMdali wazo zonke izinto. Izibulo lendalo kaThixo lalingumntu wokomoya onamandla, kamva owabizwa ngokuba nguYesu Kristu. UYehova wadala neengelosi.

UYehova wadala yonke into esemazulwini . . . nesemhlabeni. ISityhilelo 4:11

UYehova uThixo wadala iinkwenkwezi, kwakunye nomhlaba nayo yonke into ekuwo.Genesis 1:1

Umntu wokuqala uAdam, wambumba ngothuli lomhlaba.Genesis 2:7.