Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 4

Baphulaphula USathana—Waba Yintoni Umphumo?

Baphulaphula USathana—Waba Yintoni Umphumo?

UAdam noEva abazange bamthobele uThixo, ngenxa yoko bafa. Genesis 3:6, 23

UEva waphulaphula inyoka waza watya isiqhamo. Emva koko wanika uAdam, naye watya.

Loo nto bayenzayo yayiphosakele—yayisisono. UThixo wabagxotha kwikhaya labo eliyiParadesi.

Bona nabantwana babo baphila nzima. Baluphala baza bafa. Abazange baye kwelemimoya; bafa.

Abafileyo bafana nje nothuli. Genesis 3:19

Siyafa kuba siyinzala ka-Adam noEva. Abafileyo abakwazi kubona, ukuva okanye ukwenza nantoni na.—INtshumayeli 9:5, 10.

Yayingeyonjongo kaYehova ukuba abantu bafe. Kungekudala uza kubavusa abo bafileyo. Ukuba bayamphulaphula, baza kuphila ngonaphakade.