ICANDELO 4
Baphulaphula USathana?—Waba Yintoni Umphumo?
UAdam noEva abazange bamthobele uThixo, ngenxa yoko bafa. Genesis 3:6, 23
UEva waphulaphula inyoka waza watya isiqhamo. Emva koko wanika uAdam, naye watya.
Loo nto bayenzayo yayiphosakele—yayisisono. UThixo wabagxotha kwikhaya labo eliyiParadesi.
Bona nabantwana babo baphila nzima. Baluphala baza bafa. Abazange baye kwelemimoya; bafa.
Abafileyo bafana nje nothuli. Genesis 3:19
Yayingeyonjongo kaYehova ukuba abantu bafe. Kungekudala uza kubavusa abo bafileyo. Ukuba bayamphulaphula, baza kuphila ngonaphakade.