ICANDELO 5
UMkhukula—Ngoobani Abaphulaphulayo? Ingoobani Abangazange Baphulaphule?
Inkoliso yabantu ngexesha likaNowa yenza ububi. Genesis 6:5
UAdam noEva baba nabantwana, yaye abantu baba baninzi emhlabeni. Ekuhambeni kwexesha, ezinye iingelosi zathelela kwimvukelo kaSathana.
Zeza emhlabeni, zazambathisa imizimba yabantu ukuze zitshate namabhinqa. Loo mabhinqa azala oonyana abanamandla angaphezu kwawabantu nababekhohlakele gqitha.
Ihlabathi lazaliswa ngabantu ababesenza izinto ezimbi. IBhayibhile ithi: ‘Ububi bomntu babandile emhlabeni yaye zonke iingcamango zentliziyo yakhe zazityekele ebubini ngalo lonke ixesha.’
Genesis 6:13, 14, 18, 19, 22
UNowa wamphulaphula uThixo waza wawakha umkhombe.UNowa wayeyindoda elilungisa. UYehova waxelela uNowa ukuba uza kutshabalalisa abantu abangendawo ngomkhukula.
Kwakhona uThixo wamyalela ukuba akhe inqanawa enkulu ebizwa ngokuba ngumkhombe aze angenise intsapho yakhe nazo zonke iindidi zezilwanyana.
UNowa walumkisa abantu ngoMkhukula ozayo, kodwa abazange bamphulaphule. Abanye bamhleka; abanye bamthiya.
Wathi wakugqitywa umkhombe, uNowa wangenisa izilwanyana.