UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
Izigidi zabantu ziye zanandipha ubomi obumnandi nobukhuselekileyo phantsi korhulumente kaThixo ofezekileyo. Ngaba uyafuna ukulawulwa ngulo rhulumente?
Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
Isaziso esichulumancisayo esenziwa nguC. T. Russell ngo-Oktobha 2, 1914 saba yinyaniso njani?
ISAHLUKO 1
“Mabufike UBukumkani Bakho”
Kuzo zonke izinto ezafundiswa nguYesu, eyona nto wafundisa kakhulu ngayo buBukumkani bukaThixo. Buza kufika njani yaye nini?
ISAHLUKO 2
UBukumkani Buyazalwa Ezulwini
Ngubani owancedayo ukuze abantu bakaKristu abasemhlabeni balungiselelwe uBukumkani? Ziziphi iinkalo ezibonisa ukuba uBukumkani bungurhulumente wokwenene?
ISAHLUKO 3
UYehova Utyhila Injongo Yakhe
Ngaba uBukumkani babuyinxalenye yenjongo kaThixo yantlandlolo? UYesu wakhanyisa njani ngoBukumkani?
ISAHLUKO 4
UYehova Uyaliphakamisa Igama Lakhe
UBukumkani bulenzele ntoni igama likaThixo? Wena, yintoni onokuyenza ukuze ungcwalise igama likaYehova?
ISAHLUKO 5
UKumkani Uzisa Ukukhanya NgoBukumkani
Bazi kakuhle uBukumkani bukaThixo, abalawuli nabantu abaza kulawulwa bubukumkani, nezinto ezifunekayo ukuze unyaniseke kubo.
ISAHLUKO 6
Abantu Abashumayelayo —Bazinikela Ngokuzithandela
Kwakutheni ukuze uYesu aqiniseke ukuba wayeza kuba nomkhosi wabantu abashumayelayo ngemihla yokugqibela? Unokubonisa njani ukuba ufuna uBukumkani kuqala?
ISAHLUKO 7
Iindlela Zokushumayela —Kusetyenziswa Zonke Iindlela Zokuba Abantu Beve Isigidimi
Funda ngeendlela ezintsha eziye zasetyenziswa ngabantu bakaThixo ukuze bafikelele kubantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngeendaba ezilungileyo ngaphambi kokuba isiphelo sifike.
ISAHLUKO 8
Izixhobo Zokushumayela —Ukuvelisa Iincwadi Eziza Kusetyenziswa Kwintsimi Yehlabathi
Umsebenzi wethu wokuguqulela ubonisa njani ukuba uKumkani unathi? Ziziphi izibakala ezingeencwadi zethu ezikwenza uthi uBukumkani buyinto yokwenene?
ISAHLUKO 9
Imiphumo Yokushumayela —“Amasimi . . . Amhlophe Ukuze Kuvunwe”
UYesu wafundisa abafundi bakhe izifundo ezibini ezibalulekileyo ngowona msebenzi ubalulekileyo wokuvunwa kwabantu. Ezi zifundo zisiphembelela njani namhlanje?
ISAHLUKO 10
UKumkani Ulungisa Aze Acoce Abantu Bakhe Ngokomoya
Yintoni ezifana ngayo iKrismesi nomnqamlezo?
ISAHLUKO 11
Kulungiswa Indlela Yokuziphatha —Ibonisa Ubungcwele BukaThixo
Abalindi namasango etempile eyabonwa nguHezekile ayenentsingiselo ekhethekileyo kubantu bakaThixo ukususela ngo-1914.
ISAHLUKO 12
Ukulungelelaniselwa Ukukhonza “UThixo Woxolo”
IBhayibhile ithelekisa isidubedube noxolo kungekhona ucwangco. Ngoba? Impendulo iba naliphi ifuthe kumaKristu namhlanje?
ISAHLUKO 13
Abavakalisi BoBukumkani Baya Ezinkundleni
Iijaji zezinye iinkundla eziphakamileyo namhlanje zijonga izinto njengomfundisi woMthetho wamandulo uGamaliyeli.
ISAHLUKO 14
Xhasa Urhulumente KaThixo Kuphela Ngokunyanisekileyo
“Umlambo” wentshutshiso owafikela amaNgqina kaYehova ngenxa yokuba engathath’ icala kwezopolitiko waginywa ngumthombo ongalindelwanga.
ISAHLUKO 15
Silwela Ukunqula Ngokukhululekileyo
Abantu bakaThixo baye balwela ukuthobela umthetho ngokukhululekileyo
ISAHLUKO 16
Sihlanganisana Ngenjongo Yokunqula
Yintoni esinokuyizuza xa sihlanganisene ukuze sinqule uYehova?
ISAHLUKO 17
Kuqeqeshwa Abashumayeli BoBukumkani
Izikolo zobuthixo zibenze njani abashumayeli boBukumkani balungela ukuwenza kakuhle umsebenzi wabo?
ISAHLUKO 18
Indlela Imisebenzi YoBukumkani Exhaswa Ngayo Ngemali
Ivela phi le mali? Isetyenziswa njani?
ISAHLUKO 19
Umsebenzi Wokwakha Uzukisa UYehova
IiHolo zisisa uzuko kuThixo, kodwa kukho enye into ayixabisa nangakumbi.
ISAHLUKO 20
Umsebenzi Wokunceda Abanye
Sazi njani ukuba umsebenzi wokunceda yinxalenye yokunikela inkonzo engcwele kuYehova?
ISAHLUKO 21
UBukumkani BukaThixo Buphelisa Iintshaba Zabo
Ungazilungiselela imfazwe yeArmagedon ngoku.
ISAHLUKO 22
UBukumkani Bufeza Intando KaThixo Emhlabeni
Unokuqiniseka njani ukuba izithembiso zikaYehova ziza kuzaliseka?