ICANDELO 5
Imfundo YoBukumkani —Ukuqeqesha Abakhonzi BakaKumkani
UJONGE isithethi esiseqongeni ngoncumo olukhulu. Ngumzalwana oselula webandla okulo, ibe uyaqala ukunikela intetho endibanweni. Njengoko uphulaphule intetho yakhe emnandi, umangaliswa yindlela uThixo abaqeqesha ngayo abantu bakhe. Engqondweni yakho kuthi qatha imini awayeqala ngayo ukunikela intetho ebandleni, esoyika—yaye ngoku umangaliswa yindlela anesibindi ngayo! Wenza inkqubela emva kokuba eye kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela. Kutshanje, yena nomkakhe bebeye kwiSikolo Sabavakalisi BoBukumkani. Ngoxa uqhwabela le ntetho imnandi isandul’ ukunikelwa ngulo mzalwana, ucinga ngemfundiso efunyanwa ngabo bonke aba bantu bakaThixo balapha.
IBhayibhile yaprofeta ngexesha laxa abantu bakaThixo beya “kufundiswa nguYehova.” (Isa. 54:13) Siphila kwelo xesha kanye ngoku. Asifundi kwiimpapasho zethu nje kuphela, kodwa nakwiintlanganiso, iindibano nezikolo ezahlukahlukeneyo ezisinceda silungele ukwenza izabelo ezikhethekileyo kwintlangano kaYehova. Kweli candelo siza kuthetha ngale mfundo ebubungqina obungenakuphikiswa bokuba uBukumkani bukaThixo sebulawula.
KWELI CANDELO
ISAHLUKO 16
Sihlanganisana Ngenjongo Yokunqula
Yintoni esinokuyizuza xa sihlanganisene ukuze sinqule uYehova?
ISAHLUKO 17
Kuqeqeshwa Abashumayeli BoBukumkani
Izikolo zobuthixo zibenze njani abashumayeli boBukumkani balungela ukuwenza kakuhle umsebenzi wabo?