Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inkcazelo

Inkcazelo

INTLANGANISO EKHETHEKILEYO

ISIKOLO SABAVANGELI BOBUKUMKANI Oovulindlela abaphakathi kweminyaka eyi-23 neyi-65 ubudala abanomdla wokwandisa inkonzo bayacelwa ukuba babekho kwintlanganiso yabafuna ukuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani emva kwemini ngeCawa. Iya kuchazwa indawo nexesha eya kuqhutywa ngalo.

INKCAZELO

ABALINDI Umsebenzi wabalindi kukukunceda. Sicela usebenzisane nabo ngokubamamela xa bekuxelela indawo omele upake kuyo, ungene okanye uphume kuyo, kumba wokubekwa kwezihlalo nezinye izinto.

UBHAPTIZO Kuza kubekwa izihlalo zabo baza kubhaptizwa ngaphambi kweqonga, nakuphi na okwahlukileyo koku kuya kwaziswa. Abaza kubhaptizwa bafanele bahlale kwindawo elungiselelwe bona ngaphambi kokuba intetho yobhaptizo iqalise kusasa ngoMgqibelo. Ngamnye ufanele eze netawuli yakhe nempahla efanelekileyo yokungena emanzini.

IMINIKELO Kusetyenziswe imali eninzi ukuze kulungiselelwe izihlalo ezaneleyo, isandisi-lizwi, izixhobo zevidiyo, namanye amalungiselelo amaninzi awenza indibano ibe mnandi ize isisondeze kuYehova. Iminikelo yakho yokuzithandela ifak’ isandla ekuhlawuleni ezi ndleko yaye ixhasa nomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Ukuze kube lula kuwe oku, kuyo yonk’ indawo kuye kwabekwa iibhokisi zeminikelo ezibhalwe ngokucacileyo. Yonke iminikelo ixatyiswa kakhulu. IQumrhu Elilawulayo liyabulela ngokuxhasa kwakho umsebenzi woBukumkani.

UNCEDO LOKUQALA Sicela nikhumbule ukuba olu luncedo LWEEMEKO ZONGXAMISEKO KUPHELA.

IZINTO EZILAHLEKILEYO ZAZA ZAFUNYANWA Zonke izinto ezicholiweyo zifanele zisiwe kwiSebe Lezinto Ezilahlekileyo Zaza Zafunyanwa. Ukuba ulahlekelwe yinto, yiya kweli sebe uyobuzisa ngayo. Abantwana abalahlekene nabazali babo bafanele basiwe kweli sebe. Noko ke, eli sebe aliyondawo yokugcinisa abantwana. Sicela nijonge abantwana benu, nihlale nabo.

IZIHLALO Sicela ucingele abanye abantu. Khumbula oku, izihlalo zinokugcinelwa kuphela amalungu entsapho yakho naye nabani na osenokuba uhamba nani ngemoto, enihlala kwindlu enye naye okanye ofunda nawe iBhayibhile. Sicela ungabeki izinto kwizihlalo ongazigcinelanga abantu.

INKONZO YAMATSHANTLIZIYO Ukuba unqwenela ukuba litshantliziyo ukuze uncede kumsebenzi wendibano, sicela uye kwiSebe Lenkcazelo nakwiSebe Lamatshantliziyo.

Ilungiselelwe liQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova