Ekugqibeleni—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo
Incwadi kaHezekile ithetha ngeziprofeto ezininzi ezithi uYehova uza kuphinda akhonzwe ngendlela ayifunayo. Zidibana njani nathi ezi ziprofeto?
Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
Eyona nto siyinqwenelayo kukuba le ncwadi ikuncede umkhonze uYehova ngendlela emfaneleyo.
Ingcaciso Yezinto Ezikule Ncwadi
Iibhokisi zokufundisa neminyaka zisinika ulwazi olongezelelekileyo olusinceda siyiqonde kakuhle into ekuthethwa ngayo.
ISAHLUKO 1
“Umele Ukhonze UYehova UThixo Wakho”
Xa wenza uAdam noEva bangathobeli e-Eden, uSathana wayengalwi nje nelungelo likaYehova lokulawula, kodwa wayekwalwa nokukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo.
ISAHLUKO 2
“UThixo Wazamkela Izipho” Zabo
Umzekelo wamadoda okholo ubonisa ukuba kukho izinto ezine ezifunekayo ukuze umntu akhonze uYehova ngendlela ayifunayo.
ICANDELO 1
“Amazulu Avuleka”
ISAHLUKO 3
“Ndabona Imibono KaThixo”
Umbono wokuqala kaHezekile wamshiya emangalisekile. Unezinto ezininzi obanceda ngazo abakhonzi bakaThixo namhlanje.
ISAHLUKO 4
Zimela Ntoni ‘Izidalwa Eziphilayo Ezinobuso Obune’?
UYehova wanika uHezekile imibono esinceda sazi izinto zasezulwini ebesingenakuziqonda.
ISAHLUKO 5
‘Bona Izinto Ezimbi Nezenyanyekayo Abazenzayo’
UHezekile ubona izinto ezothusayo ezazisenziwa sisizwe sonke.
ISAHLUKO 6
“Sikufikele Ngoku Isiphelo”
Iziprofeto zikaHezekile zibonisa indlela uYehova aza kuyitshabalalisa ngayo iYerusalem.
ISAHLUKO 7
Iintlanga ‘Ziza Kutsho Zazi Ukuba NdinguYehova’
Iintlanga ezazithethe kakubi ngoYehova, zaza zatshutshisa okanye zenza abantu bakhe bayeka ukuzinikela kuye, zaziza kohlwaywa. Sifunda ntoni kwindlela awaphathana ngayo amaSirayeli nezo ntlanga?
ISAHLUKO 8
“Ndiza Kuvelisa Umalusi Omnye”
UThixo wathi uHezekile makaprofete ngoMesiya uMlawuli ozayo noMalusi wezimvu zakhe, oza kwenza ukuba akhonzwe ngendlela ayifunayo kwakhona.
ISAHLUKO 9
“Ndiza Kubanika Intliziyo Emanyeneyo”
Ngaba zinento eziyithethayo kuthi iziprofeto ezazisiya kumaYuda awayethinjwe eBhabhiloni?
ISAHLUKO 12
‘Ndiza Kubenza Babe Luhlanga Olunye’
UYehova uthembisa ukuphinda abamanyanise abantu bakhe.
ISAHLUKO 14
“Lo Ngumthetho Wetempile”
Zeziphi izinto ekusenokwenzeka zafundwa ngamaYuda awayethinjiwe kumbono kaHezekile wetempile? Lo mbono usifundisa ntoni thina namhlanje?
ISAHLUKO 15
“Ndiza Kukwenza Uyeke Ukuthengisa Ngomzimba”
Sinokufunda ntoni kwindlela abachazwa ngayo abafazi abathengisa ngomzimba kwincwadi kaHezekile neSityhilelo?
ISAHLUKO 16
“Ubaphawule Ebunzi Abantu”
Indlela abantu abathembekileyo bexesha likaHezekile abaphawulwa ngayo ibalulekile kuthi.
ISAHLUKO 17
“Ndilutshaba Lwakho Gogi”
Ngubani uGogi wakwaMagogi, ibe leliphi eli lizwe aza kulihlasela?
ISAHLUKO 18
“Ndiza Kucaphuka Kakhulu”
Ukuhlasela kukaGogi kwenza ukuba uYehova abe nomsindo, aze akhusele abantu bakhe.
ISAHLUKO 19
“Apho Ufika Khona Lo Mlambo Yonke Into Iza Kuphila”
Umbono kaHezekile womlambo ophuma etempileni wenzeka njani ngamaxesha akudala, ibe wenzeka njani namhlanje nakwixesha elizayo?
ISAHLUKO 20
‘Yahlulani Ilizwe Njengelifa’
Embonweni, uThixo uchazela uHezekile nabanye abathinjiweyo ukuba bahlule iLizwe Lesithembiso, belahlulela amaSirayeli.
ISAHLUKO 21
“Eso Sixeko Siza Kubizwa Ngokuthi UYehova Ulapho”
Sifunda ntoni kumbono kaHezekile wesixeko kunye negama laso?
ISAHLUKO 22
“Khonza UThixo”
Le ncwadi yenzelwe ukusinceda sizimisele ngakumbi ukukhonza uYehova uThixo yedwa.
Utshintsho Olukule Ncwadi
Kutheni itshintshile indlela ebesiziqonda ngayo iziprofeto ezikwincwadi kaHezekile?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 1A
Kukuthini Ukukhonza?
Sinokukuchaza njani ukukhonza? Kuchazwe njani ukukhonza kwincwadi kaHezekile? Kuquka ntoni ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 1B
Oko Kuthethwa Kwincwadi KaHezekile
Le ncwadi inokwahlulwa ngokokulandelelana kwezinto ezenzekileyo nangokwemixholo.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 2A
Ukuzazi Kakuhle Iziprofeto ZikaHezekile
Incwadi kaHezekile inemibono, imizekeliso, amabali nemiboniso. Zonke zaziyimiyalezo ephefumlelweyo yezinto eziseza kwenzeka.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 2B
UHezekile—Ubomi Bakhe Nexesha Awayephila Ngalo
Babekhona abanye abaprofeti ababeprofeta ngexesha likaHezekile. Ngexesha lakhe kwakusenzeka izinto ezibalulekileyo kwimbali yabantu bakaThixo.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 3A
Indlela Ende Eya EBhabhiloni
Inoba ahamba ngeyiphi indlela amaYuda athinjiweyo ukuya eBhabhiloni?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 4A
‘Ndandibukele Izidalwa Eziphilayo’
Yintoni eyenza izidalwa ezine ezabonwa nguHezekile embonweni zahluke kwimifanekiso eyenziwe ngamatye eyayiseAsiriya naseBhabhiloni?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 5A
“Nyana Womntu, Uyayibona Na Le Nto?”
UHezekile ubona izinto ezine ezenyanyekayo ezenziwa etempileni naseyadini yayo.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 6A
“Cheba Intloko Neendevu Zakho”
UThixo wayalela uHezekile ukuba aprofete ngezinto ezaziza kwenzeka kungekudala eYerusalem.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 7A
Iintlanga Ezazihlala Kufuphi NeYerusalem
AmaYuda ayesilwa neentlanga ezazikufuphi nawo.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 7B
Amagama Avela Kaninzi Kwincwadi KaHezekile
Amagama athile avela kaninzi kule ncwadi yesiprofeto.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 8A
Isiprofeto Esithetha NgoMesiya—Umthi Omkhulu Womsedare
Sithetha ntoni isafobe esikuHezekile isahluko 17?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 8B
Iziprofeto Ezithathu Ezithetha NgoMesiya
UHezekile uprofeta athi umlawuli wabantu bakaThixo wayeza kuba nelungelo elisemthethweni lokulawula kwitrone kaDavide.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 9A
UYehova Uyazenza Izinto Azithembisileyo—Ixesha Lakudala
UThixo wayalela uHezekile ukuba aprofete ngezinto ezintlanu ezaziza kwenzeka ekukhululweni nasekubuyisweni kwabantu bakhe.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 9B
Kwenzeka Ntoni Ngo-1919?
Kutheni sisithi abantu bakaThixo bakhululeka kwiBhabhiloni Enkulu ngo-1919?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 9C
UYehova Uyazenza Izinto Azithembisileyo—Ixesha Langoku
Indlela ezinye izithembiso zikaThixo ezenzeka ngayo kudala nangoku?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 9D
Iziprofeto Ezithetha Ngokuthinjwa Nokubuyiselwa
Iziprofeto ezithetha ngokuthinjelwa kwamaYuda eBhabhiloni zaphinda zenzeka okwesibini ngendlela enkulu, xa ibandla lamaKristu lathinjwa yiBhabhiloni Enkulu.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 9E
‘Ixesha Lokubuyiselwa Kwazo Zonke Izinto’
Umpostile uPetros wathetha ngexesha elaliza kuqala ekumiselweni kukaKristu njengoKumkani, de kube sekupheleni koLawulo Lwakhe Lweminyaka Eliwaka.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 10A
UYehova Uphinda Akhonzwe—Ngendlela Ayifunayo
Ziintoni ezabangela ukuba kube kuyashunyayelwa namhlanje?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 10B
‘Amathambo Omileyo’ ‘Namangqina Amabini’—Adibana Njani?
Ziye zenzeka njani ezi ziprofeto kwixesha lethu?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 10C
UThixo Usinceda Siphakame
Ngamanye amaxesha sinokuziva sidiniwe kwaye soyisiwe, kodwa umbono kaHezekile wamathambo awavuswayo unokusinika amandla.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 11A
Abanye Boonogada Abangumzekelo
Baye batshutshiswa kodwa bahlala bethembekile. Balumkisa abantu, bathetha nangeendaba ezimnandi.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 12A
Ukudityaniswa Kweentonga Ezimbini
Zazimela bani kudala ezi ntonga ibe zimela bani ngexesha lethu?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 13A
Iitempile Azifani, Nezinto Esizifundayo Azifani
Yayohluke njani itempile eyabonwa nguHezekile kule yachazwa ngumpostile uPawulos?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 14A
Izinto Esizifundayo Kumbono KaHezekile Wetempile
Ziintoni ozifundayo kumbono kaHezekile wetempile ofuna ukuzisebenzisa ekukhonzeni kwakho uYehova??
IBHOKISI YOKUFUNDISA 15A
Abafazi Ababethengisa Ngomzimba
Indlela uYehova amchaze ngayo uOhola no-Oholibha ibonisa indlela abajonga ngayo abantu abangcolisa igama lakhe elingcwele nabangamkhonzi ngendlela ayifunayo.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 16A
Ngaba IYerusalem Engathembekanga Imela Iicawa?
Kutheni iye yatshintsha indlela ebesiqonda ngayo?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 16B
Ukuncwina, Ukugcuma, Ukuphawula Nokukroboza—Nini Ibe Njani?
Umbono ofumaneka kuHezekile isahluko 9 ungasinceda sibe nesibindi njengoko lisiya esiphelweni eli hlabathi.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 18A
UYehova Ulumkisa Abantu Ngemfazwe Enkulu Ezayo
IBhayibhile ichaza ngemfazwe enkulu, kuyo uYehova uza kutshayela zonke iintshaba zakhe nezabantu bakhe.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 19A
Iintsikelelo Ezinjengomlambo Ezivela KuYehova
Bakhona nabanye ababhali beBhayibhile abathethe ngomlambo xa bechaza iintsikelelo zikaYehova.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 20A
Ukwahlulwa Komhlaba
Umbono kaHezekile wokwahlulwa komhlaba wakhuthaza amaYuda awayethinjelwe eBhabhiloni ibe ukhuthaza nabantu bakaThixo namhlanje.
IBHOKISI YOKUFUNDISA 21A
“Umnikelo Enimele Niwubekele Bucala”
Zeziphi iindawo ezintlanu ezikulo mhlaba wawubekelwe bucala nguThixo? Wawuyintoni umsebenzi wazo?
IBHOKISI YOKUFUNDISA 22A
Ukuvavanywa Okokugqibela
Baza kufumana ntoni abo baza kuhlala bethembekile?