ICANDELO LOKUQALA
“Amazulu Avuleka”
SIZA KUTHETHA: Ngezinto zasezulwini
Akekho umntu onokubona uThixo usomandla, uYehova, aze aphile. (Eks. 33:20) Kodwa uYehova wabonisa uHezekile imibono eyayiveza inxalenye esezulwini yentlangano yakhe. Loo mibono ayisishiyi nje simangalisekile, kodwa ikwasenza siyixabise kakhulu inyhweba esinayo yokukhonza okuphela koThixo wokwenene.
KWELI CANDELO
ISAHLUKO 3
“Ndabona Imibono KaThixo”
Umbono wokuqala kaHezekile wamshiya emangalisekile. Unezinto ezininzi obanceda ngazo abakhonzi bakaThixo namhlanje.
ISAHLUKO 4
Zimela Ntoni ‘Izidalwa Eziphilayo Ezinobuso Obune’?
UYehova wanika uHezekile imibono esinceda sazi izinto zasezulwini ebesingenakuziqonda.