Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 4

Zimela Ntoni ‘Izidalwa Eziphilayo Ezinobuso Obune’?

Zimela Ntoni ‘Izidalwa Eziphilayo Ezinobuso Obune’?

HEZEKILE 1:15

SIZA KUTHETHA: Ngezidalwa eziphilayo nento esiyifundayo kuzo

1, 2. Kwakutheni ukuze uYehova ngamanye amaxesha asebenzise imibono namaphupha?

KHAWUCINGE ngentsapho enabantwana abancinci, ifunda kunye iBhayibhile. Utata wabo ubabonisa imifanekiso, ukuze bayiqonde lula le nto bayifunda eBhayibhileni. Indlela abancume ngayo abantwana neempendulo zabo, zibonisa ukuba liyasebenza eli cebo likatata. Ngokubabonisa imifanekiso ecacisa le nto ayithethayo, ubanceda baziqonde izinto abazifundiswayo ngoYehova, ebebengenakuziqonda kuba bengabantwana.

2 Ngendlela efanayo, uYehova usebenzise imibono namaphupha ukuze asincede sazi izinto zasezulwini ebesingenakuziqonda. Ngokomzekelo, wabonisa uHezekile umbono omangalisayo ukuze amcacisele izinto ezinzima ngaye. Kodwa ngoku makhe sithethe nje ngenxalenye enye yalo mbono, size siqonde indlela onokusinceda ngayo sisondele ngakumbi kuYehova.

“Ndabona . . . Izinto Ezifana Nezidalwa Eziphilayo Ezine”

3. (a) Ngokutsho kukaHezekile 1:4, 5, uHezekile wabona ntoni embonweni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Yintoni oyiqaphelayo ngendlela uHezekile azichaza ngayo izinto azibonileyo?

3 Funda uHezekile 1:4, 5UHezekile uthetha ‘ngezinto ezifana nezidalwa eziphilayo ezine,’ ezinjengengelosi, umntu, intaka nesilwanyana. Jonga indlela awuchaza ngayo lo mbono. Uthi ubone “izinto ezifana” nezidalwa eziphilayo. Njengoko ufunda lo mbono ukuHezekile isahluko 1, uza kuqaphela ukuba lo mprofeti umane esebenzisa amagama athi “engathi,” “sasingathi,” nelithi “ifana.” (Hez. 1:13, 24, 26) Kucacile ukuba uHezekile wayeqonda ukuba ubone nje izinto ezibufana okanye imifanekiso emela izinto ezingabonakaliyo zasezulwini.

4. (a) Lo mbono wamshiya enjani uHezekile? (b) UHezekile umele ukuba wayesazi ntoni ngeekherubhi?

4 Umele ukuba lo mbono wammangalisa nyhani uHezekile. Ezi zidalwa zine ziphilayo zazibonakala ngathi “ngamalahle avuthayo.” Zazikhawuleza xa zihamba kube ngathi “kulanyaza umbane.” “Isandi samaphiko azo, sasingathi sesamanzi aqukuqela ngamandla” ibe “xa zihamba zazisitsho ngesandi esifana nesomkhosi.” (Hez. 1:13, 14, 24-28; jonga ibhokisi ethi, “Ndandibukele Izidalwa Eziphilayo.”) Komnye umbono, uHezekile wathi ezi zidalwa zine ziphilayo ‘ziikherubhi,’ okanye iingelosi ezinamandla. (Hez. 10:2) Ekubeni uHezekile wayekhulele kwintsapho yababingeleli, umele ukuba wayesazi ukuba iikherubhi zidla ngokudityaniswa nobukho bukaThixo, ibe ziyamsebenzela.​—1 Kron. 28:18; INdu. 18:10.

“Ngasinye Kuzo Sasinobuso Obune”

5. (a) Iikherubhi nobuso bazo, zibubonisa njani ubukhulu kunye nozuko lukaYehova? (b) Kutheni le nxalenye yombono isikhumbuza ngento ethethwa ligama likaYehova? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

5 Funda uHezekile 1:6, 10. UHezekile uphinda achaze ukuba ikherubhi nganye yayinobuso obune. Yayinobuso bomntu, obengonyama, obenkunzi yenkomo nobokhozi. Le nto yabonwa nguHezekile imele ukuba yamfundisa into eninzi ngobukhulu kunye nozuko lukaYehova. Ngoba? Kaloku, ubuso bomntu, obengonyama, obenkunzi yenkomo nobokhozi, babumela uzuko, amandla nobukhulu. Ingonyama sisilwanyana sasendle esinesidima, inkunzi yenkomo sisilwanyana esikhulu sasekhaya, ukhozi yintaka enamandla, umntu yena uThixo uye wamnika uzuko nobukhulu phezu kwazo zonke izidalwa zomhlaba. (INdu. 8:4-6) Sekunjalo, kulo mbono uHezekile wabona ukuba zone zazingaphantsi kwetrone kaYehova, onguMongami Ophakamileyo kwindalo yonke. Oku kuyibonisa kakuhle into yokuba uYehova angasebenzisa indalo yakhe ukuze enze ukuthanda kwakhe. * Unyanisile umdumisi xa esithi ngoYehova, ‘Ubukumkani bakhe bulawula yonke into.’​—INdu. 103:19; 148:13.

Zisixelela ntoni izidalwa eziphilayo ezine nobuso bazo obune ngamandla, uzuko, neempawu zikaYehova? (Jonga isiqendu 5, 13)

6. Yintoni ekusenokwenzeka ukuba yanceda uHezekile waqonda ukuba bumela ntoni ubuso bezidalwa ezine?

6 Emva kokuba kudlule ixeshana, noHezekile ekhe wacingisisa ngezinto azibonileyo, usenokuba wakhumbula ukuba abakhonzi bakaThixo ababephila ngaphambi kokuba azalwe babedla ngokufanisa izinto nezilwanyana. Ngokomzekelo, uYakobi wafanisa unyana wakhe uYuda nengonyama, waza wafanisa omnye unyana wakhe uBhenjamin nengcuka. (Gen. 49:9, 27) Ngoba? Kuba la madoda ayeza kuba neempawu ezifana nezengonyama kunye nengcuka. Ngoko ecinga ngemizekelo enjengale yayibhalwe nguMoses, uHezekile umele ukuba wagqiba ekubeni ubuso beekherubhi babubonisa iimpawu ezikhethekileyo. Zeziphi ezo mpawu?

Iimpawu ZikaYehova Nezentsapho Yakhe Esezulwini

7, 8. Ubuso bezidalwa ezine bumela eziphi iimpawu?

7 Ababhali beBhayibhile ababephila ngaphambi kokuzalwa kukaHezekile, babeyidibanisa nantoni ingonyama, ukhozi nenkunzi yenkomo? IZibhalo zithetha ‘ngendoda enesibindi, enentliziyo enjengeyengonyama.’ (2 Sam. 17:10; IMize. 28:1) ‘Ukhozi lubhabha luye phezulu,’ ibe ‘amehlo alo abona kude.’ (Yobhi 39:27, 29) “Amandla enkunzi yenkomo enza kubekho isivuno esininzi.” (IMize. 14:4) Izibhalo ezinjengezi zisenza sibone ukuba ubuso bengonyama bubonisa isibindi, obokhozi bumela ubulumko bokubona into isekude, obenkunzi yenkomo bubonisa amandla, njengokuba neencwadi zethu zidla ngokutsho.

8 ‘Ubuso bomntu’ bona bumela ntoni? (Hez. 10:14) Bufanele ukuba bumela uphawu olufumaneka ebantwini kuphela apha emhlabeni, kuba benziwe ngokomfanekiso kaThixo. (Gen. 1:27) Olo phawu lubonakala kwimiyalelo kaThixo ethi: “Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke,” nothi “umele uthande omnye umntu ngendlela ozithanda ngayo nawe.” (Dut. 6:5; Lev. 19:18) Xa sithobela le miyalelo silinganisa uYehova. Umpostile uYohane wathi: “Sinothando, kuba wasithanda kuqala.” (1 Yoh. 4:8, 19) Yiloo nto ‘ubuso bomntu’ bumela uthando.

9. Ubuso beekherubhi ezine bumela iimpawu zikabani?

9 Zezikabani ezi mpawu? Ekubeni ibubuso beekherubhi obu, ezi ziimpawu zeengelosi zikaYehova zasezulwini. (ISityhi. 5:11) Enye into, uYehova nguye onike iikherubhi ubomi, ngenxa yoko neempawu zazo zisuka kuye. (INdu. 36:9) Ngoko, ubuso beekherubhi bumela iimpawu zikaYehova. (Yobhi 37:23; INdu. 99:4; IMize. 2:6; Mika 7:18) Zeziphi ezinye iindlela uYehova aye azibonise ngayo ezi mpawu?

10, 11. Zisinceda njani iimpawu ezine zikaYehova?

10 Ubulungisa. Ekubeni uYehova enguThixo ‘othanda ubulungisa,’ ‘akanamkhethe.’ (INdu. 37:28; Dut. 10:17) Yiloo nto, ithuba lokukhonza uYehova, elokuhlala singabakhonzi bakhe nelokufumana iintsikelelo ezingapheliyo ezisezayo, livulekele wonke umntu nokuba usuka phi, unemali okanye akanayo. Ubulumko. Ekubeni uYehova enguThixo ‘onobulumko,’ uye wasinika incwadi egcwele ‘ubulumko.’ (Yobhi 9:4; IMize. 2:7) Ukuwasebenzisa amacebiso obulumko aseBhayibhileni, kusinceda simelane neengxaki zemihla ngemihla size siphile ubomi obunenjongo. Amandla. Ekubeni uYehova enguThixo ‘onamandla kakhulu,’ usinika ‘amandla angaqhelekanga’ esebenzisa umoya wakhe oyingcwele. Le nto isinceda sikwazi ukunyamezela nokuba sineengxaki ezinkulu kangakanani.​—Nah. 1:3; 2 Kor. 4:7; INdu. 46:1.

11 Uthando. Ekubeni uYehova ‘ephuphuma luthando olungagungqiyo,’ akasoze abalahle abakhonzi bakhe. (INdu. 103:8; 2 Sam. 22:26) Ngenxa yaloo nto, nokuba sikhathazwa kukuba singasakwazi ukumsebenzela uYehova ngendlela esasisenza ngayo, ngenxa yempilo okanye ngenxa yobudala, kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uYehova yena uyawukhumbula umsebenzi esasimenzela wona ngokuya sasisenamandla. (Heb. 6:10) Kuyabonakala ukuba iimpawu zikaYehova ezibubulungisa, ubulumko, amandla nothando sele zisinceda kakhulu, ibe ziseza kusinceda nakwixesha elizayo.

12. Yintoni esimele siyikhumbule ngendlela esizazi ngayo iimpawu zikaYehova?

12 Kufuneka sikhumbule ukuba incinci kakhulu into esiyaziyo ngeempawu zikaYehova, ifana nje ‘nomphetho weendlela zakhe.’ (Yobhi 26:14) “Soze simazi ngokupheleleyo uSomandla,” kuba “ubukhulu bakhe abunakuqondwa.” (Yobhi 37:23; INdu. 145:3) Iimpawu zikaYehova zininzi kakhulu azinakubalwa okanye zahlukahlukaniswe. (Funda kwabaseRoma 11:33, 34.) Nombono kaHezekile ubonisa ukuba iimpawu zikaThixo zininzi kakhulu kangangokuba azinakubalwa. (INdu. 139:17, 18) Yeyiphi indawo kulo mbono ebonisa le nto ibaluleke kangaka?

‘Ubuso Obune, Amaphiko Amane, Amacala Amane’

13, 14. Ubuso obune beekherubhi bumela ntoni, ibe yintoni esenza sitsho?

13 Iikherubhi embonweni kaHezekile zazinobuso obune. Ithetha ntoni loo nto? Ukhumbule ukuba eBhayibhileni, isine sithetha ukuphelela. (Isa. 11:12; Mat. 24:31; ISityhi. 7:1) Kulo mbono, uHezekile ulisebenzisa kayi-10 inani isine. (Hez. 1:5-18) Singathi ithetha ntoni le nto? Kanye njengokuba iikherubhi ezine zimela zonke iingelosi zasezulwini, ubuso bazo obune bumela zonke iimpawu zikaYehova. *

14 Ukuze siyibone kakuhle into yokuba ubuso beekherubhi obune bumela iimpawu ezininzi, makhe sibone okwenzekayo kumavili amane akumbono kaHezekile. Vili ngalinye liyamangalisa, kodwa xa omane la mavili edityanisiwe amangalisa nangakumbi, ayinxalenye ebalulekileyo yenqwelo kaThixo. Ngendlela efanayo, xa bubonke obu buso bune, buyinxalenye ebalulekileyo yobuntu obumangalisayo bukaYehova.

UYehova Usondele Kubakhonzi Bakhe

15. Umbono wokuqala kaHezekile wamnceda wazi ntoni?

15 Umbono wokuqala kaHezekile, wamnceda wazi into ebalulekileyo neyayikhuthaza ngobuhlobo bakhe noYehova. Yayiyintoni leyo? Ibonakala kumazwi okuqala akwincwadi yalo mprofeti. Emva kokuchaza ukuba ‘wayekwilizwe lamaKhaledi,’ uHezekile uthi: “Isandla sikaYehova saba phezu kwakhe apho.” (Hez. 1:3) Uqaphele na ukuba uHezekile akazange awufumane lo mbono eYerusalem kodwa wawufumana apho, eBhabhiloni? * Loo nto yamnceda waqonda ntoni? Waqonda oku: Ukuba ngumthinjwa nje ophantsi nokude neYerusalem netempile yayo, kwakungathethi ukuba wayekude kuYehova okanye akazukwazi ukumkhonza. Ukubonakala kukaYehova kuHezekile eBhabhiloni kubonisa ukuba ukumkhonza ngendlela ayifunayo kwakungaxhomekekanga kwindawo akuyo, okanye ekubeni uyasokola okanye usisityebi. Kwakuxhomekeke ekubeni wayefuna nyhani na ukukhonza uYehova.

16. (a) Umbono kaHezekile usenza siqiniseke ngantoni? (b) Yintoni ekwenza ukhonze uYehova ngentliziyo yakho yonke?

16 Kutheni into eyaqondwa nguHezekile isithuthuzela namhlanje? Isenza siqiniseke ukuba xa simkhonza uYehova ngentliziyo yethu yonke, uhlala esondele kuthi nokuba sihlala phi, okanye iingxaki neemeko zethu zinjani. (INdu. 25:14; IZe. 17:27) Ekubeni ebathanda ngokungagungqiyo abakhonzi bakhe, akakhawulezi abancame. (Eks. 34:6) Ngoko uYehova uya kusoloko ekuthanda nokuba ungubani okanye uphi. (INdu. 100:5; Roma 8:35-39) Enye into, lo mbono umangalisayo osibonise ubungcwele bukaYehova namandla akhe amakhulu, usikhumbuza ukuba ukufanele nyhani ukukhonzwa sithi. (ISityhi. 4:9-11) Ngoko isivuyisa kakhulu into yokuba uYehova eye wasebenzisa imibono enjengale ukuze sikwazi ukuqonda izinto ezibalulekileyo ngaye okanye ngeempawu zakhe. Ukuzazi kakuhle iimpawu zikaYehova kusenza sisondele ngakumbi kuye, simdumise size simkhonze ngentliziyo yethu yonke nangamandla ethu onke.​—Luka 10:27.

UYehova uya kusoloko ekuthanda nokuba ungubani okanye uphi (Jonga isiqendu 16)

17. Yeyiphi imibuzo esiza kuthetha ngayo kwizahluko ezilandelayo?

17 Okubuhlungu kukuba, abantu bexesha likaHezekile bayeka ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Yenzeka njani loo nto? UYehova wathini? Kwaye izinto ezenzeka ngelo xesha zibaluleke ngantoni kuthi? Le mibuzo iza kuphendulwa kwizahluko ezilandelayo.

^ isiqe. 5 Indlela uHezekile azichaza ngayo ezi zidalwa isikhumbuza ngegama likaThixo, elithi Yehova, elithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” Enye into eboniswa leli gama kukuba uYehova angayenza indalo ibe yiyo nantoni na, ukuze enze ukuthanda kwakhe.​—Jonga Isihlomelo A4 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

^ isiqe. 13 incwadi zethu zithethe ngeempawu zikaYehova ezimalunga neziyi-50.​—Jonga incwadi ethi, ISikhokelo Sokuphanda, kwindawo ethi, “UYehova UThixo” phantsi komxholwana othi, “Iimpawu ZikaYehova.”

^ isiqe. 15 Ngokutsho komnye umphengululi weBhayibhile, igama elithi “apho” libonisa ukuba uHezekile “uchukumiseke ngeyona ndlela. . . . Kaloku uThixo ulapho eBhabhiloni! Uthuthuzeleke nyhani uHezekile!”