Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 15A

Abafazi Ababethengisa Ngomzimba

Abafazi Ababethengisa Ngomzimba

KuHezekile isahluko 23 uYehova ubhenca abantu bakhe ngenxa yokungathembeki kwabo. Esi sahluko sifana kakhulu nesahluko 16. Nalapha uYehova wenza umzekelo ngabafazi abathengisa ngomzimba. IYerusalem ichazwe njengodade weSamariya omncinci. Zozibini ezi zahluko zichaza indlela lo umncinci amlinganisa ngayo omdala, aze amogqithe ekuziphatheni kakubi nasekwenzeni izinto ezimbi. Kwisahluko 23 uYehova uchaza amagama abo: Lo umdala omela iSamariya, ikomkhulu lobukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli, nguOhola. Lo umncinci omela iYerusalem, ikomkhulu lakwaYuda, nguOholibha. *​—Hez. 23:​1-4.

Zikhona nezinye izinto ezifana ngazo ezi zahluko. Nazi ezona zibalulekileyo: Ekuqaleni yayingabafazi bakaYehova aba, baza bamhlaza. Kodwa likhona ithemba. Isahluko 23 asithethi kakhulu ngokuguquka kwabo, kodwa sinamazwi kaYehova afana nalawo akwisahluko 16 athi: “Ndiza kuziphelisa ezi zinto zimanyumnyezi uzenzayo nokuthengisa kwakho ngomzimba.”​—Hez. 16:​16, 20, 21, 37, 38, 41, 42; 23:​4, 11, 22, 23, 27, 37.

Ngaba Bamela Iicawa Zobuxoki?

Iincwadi zethu zazithe uOhola no-Oholibha bamela icawa yamaKatolika neyamaProtestanti. Kodwa emva kokuphinda siphande size sithandaze siye sanemibuzo. Ngaba iicawa zakhe zaba ngumfazi kaYehova nangayiphi na indlela? Ngaba zakhe zanesivumelwano naye? Hayi. Zazingekabikho nokubakho iicawa zobuxoki xa uYesu wenza “isivumelwano esitsha” kunye noSirayeli kaThixo. Akukho nento eyakha yazidibanisa nalo Sirayeli kaThixo okanye amaKristu athanjisiweyo. (Yer. 31:​31; Luka 22:​20) Iicawa zavela kwiminyaka emininzi emva kokufa kwabapostile. Zaqala ukubakho kwiminyaka yoo-300, ibe zaziyintlangano eyenza izinto ezimbi kwasekuqaleni. ‘Zazilukhula’ okanye amaKristu obuxoki akwisiprofeto sikaYesu sengqolowa nokhula.​—Mat. 13:​24-30.

Enye into ebalulekileyo abahluke ngayo aba bafazi kwiicawa kukuba lalikhona ithemba lokuba bangaguquka. (Hez. 16:​41, 42, 53-55) Ngaba zinalo elo themba zona iicawa? Hayi. Akukho themba zinalo xa zizonke iinkonzo zobuxoki.

Ngoko uOhola no-Oholibha abameli iicawa zobuxoki. Kodwa basinceda siqonde eyona nto ibalulekileyo: indlela uYehova abajonga ngayo abantu abangcolisa igama lakhe elingcwele, nabangamkhonzi ngendlela ayifunayo. Zinetyala kakhulu ke zona iicawa kuba zithi zimela uThixo ibe zikhokelwa nguNyana wakhe amthandayo, uYesu Kristu. Kodwa ziphinde ziyiphikise le nto ngokuthi uYesu uyinxalenye kaThixo oneziqu ezithathu, ibe aziwuthobeli nomyalelo wakhe ocacileyo wokuba ‘zingabi ngabehlabathi.’ (Yoh. 15:​19) Ukukhonza kwazo izithixo nokuthanda kwazo iipolitiki kubonisa kakuhle ukuba ziyinxalenye ‘kanongogo omkhulu.’ (ISityhi. 17:1) Ngenxa yaloo nto zimele zitshatyalaliswe.

^ isiqe. 3 La magama abo anento ayithethayo. ElikaOhola lithetha ukuthi “Intente Yakhe [Yokukhonza],” ekubonakala ukuba lalibhekisela kumkhuba wamaSirayeli wokuzimisela iindawo zokukhonza kunokuba akhonze etempileni kaYehova eyayiseYerusalem. Lona elikaOholibha lithetha ukuthi “Intente Yam [Yokukhonza] Ikuye.” UYehova wayekhonzelwa eYerusalem.