Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHOKISI YOKUFUNDISA 7B

Amagama Avela Kaninzi Kwincwadi KaHezekile

Amagama Avela Kaninzi Kwincwadi KaHezekile

“Nyana Womntu”

AVELA IZIHLANDLO EZINGAPHEZU KWE-90

UHezekile ubizwa ngokuthi “nyana womntu” izihlandlo ezingaphezu kwe-90. (Hez. 2:1) Ngaloo ndlela, uYehova wayemkhumbuza ukuba nakuba wayemnike inyhweba enkulu, wayesengumntu nje wasemhlabeni. NoYesu kwiincwadi zeVangeli ubizwa ngokuthi “Nyana womntu” izihlandlo ezimalunga neziyi-80, into ebonisa ukuba xa weza emhlabeni zange abe yingelosi nje ezenze umntu, kodwa waba ngumntu ngokupheleleyo.​—Mat. 8:20.

“. . . Ukuba NdinguYehova”

AVELA IZIHLANDLO EZINGAPHEZU KWE-50

UHezekile ubhala amazwi kaThixo athi kuza kufuneka nazi okanye bazi “ukuba ndinguYehova,” izihlandlo ezingaphezu kwe-50. Ngaloo ndlela, wayebethelela ukuba nguYehova kuphela omele akhonzwe ngendlela ayifunayo.​—Hez. 6:7.

“INkosi EnguMongami UYehova”

AVELA IZIHLANDLO EZINGAPHEZU KWE-200

Amagama athi “iNkosi enguMongami uYehova” avela izihlandlo ezingaphezu kwe-200, nto leyo ebonisa ukubaluleka kwegama likaThixo, nokuba yonke indalo iphantsi kwakhe.​—Hez. 2:4.